IHeliophysics yeBhayibhile - Ilanga Elinamandla Mababe njalo iintshaba zakho zonke, Yehova; ke bona abamthandayo mababe njengelanga xa liphuma ngamandla alo. Abagwebi 5:31 Kuba uYehova uThixo lilanga, nekhaka, uYehova uya kubapha ubabalo nozuko; akayi kubabandeza nto ilungileyo abo bahamba ngokuthe tye. INdumiso 84:11
IiPentateuch Wathi uThixo, Makubekho izikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zahlule imini nobusuku; mazibe zizibonakaliso, namaxesha onyaka, neentsuku, neminyaka: Mazibe zizibane esibhakabhakeni samazulu, zikhanyisele umhlaba: Kwaba njalo. UThixo wenza izikhanyiso ezibini ezinkulu; isikhanyiso esikhulu, ukuba silawule imini, nesikhanyiso esincinci, ukuba silawule ubusuku; wenza neenkwenkwezi. UThixo wazibeka esibhakabhakeni samazulu, ukuba zikhanyisele umhlaba, nokuba zilawule imini nobusuku, nokuba zahlule ukukhanya ebumnyameni: uThixo wabona ukuba kulungile. Kwahlwa kwasa, yaba lusuku lwesine. Genesis 1:14-19 Kwathi xa ilanga litshonayo, uAbram wafikelwa bubuthongo obukhulu, waza wehlelwa luloyiko lobumnyama obukhulu. Kwathi, xa ilanga litshonayo, kwakuba mnyama, khangela, iziko eliqhumayo, nesibane esivuthayo sadlula phakathi kwezo zahlulo. Genesis 15:12,17 Ilanga laliphumile emhlabeni xa uLote wayengena eTsohare. Genesis 19:23 Wafika kwindawo ethile, walala apho ubusuku bonke, kuba ilanga lalitshonile, wathabatha amatye aloo ndawo, wawabeka phantsi, walala kuloo ndawo. Genesis 28:11 Kwathi akudlula ePenuweli ilanga laphuma phezu kwakhe, waqhwalela ethangeni lakhe. Genesis 32:31 Waphinda waphupha elinye iphupha, walixelela abantakwabo, wathi, Yabonani, ndiphuphe elinye iphupha; nalo ilanga nenyanga neenkwenkwezi ezilishumi elinanye zaqubuda kum. Genesis 37:9 Bayibutha kusasa ngentsasa, elowo ngangokudla kwakhe; lathi lakufudumala ilanga, yanyibilika. Eksodus 16:21 Kodwa izandla zikaMoses zazinzima, bathabatha ilitye, balibeka phantsi kwakhe, wahlala kulo; uAron noHure bazixhasa izandla zakhe, omnye engapha, omnye engapha, zaza izandla zakhe zahlala ziqinile de kwatshona ilanga. Eksodus 17:12