Skip to main content

Xhosa - The Second Epistle to Timothy

Page 1

Eyesi-2 kuTimoti ISAHLUKO 1 1 UPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, ngokwedinga lobomi obukuKristu Yesu, 2 ubhalela uTimoti, unyana wam oyintanda; uthi, Makube lubabalo, inceba, uxolo, oluvela kuThixo uYise, noKristu Yesu iNkosi yethu. 3 Ndinokubulela kuye uThixo, endamkhonzayo kwakoomawokhulu ndinesazela esihlambulukileyo, ndikukhumbula njengokungapheliyo, ekukhungeni kwam ubusuku nemini; 4 ndilangazelela ukunga ndingakubona, ndizikhumbula nje iinyembezi zakho, ukuze ndizaliswe luvuyo; 5 ndikhunjuzwa nje ukholo olukuwe olungenakuhanahanisa, lona lwahlalayo kuqala kunyokokhulu uLoyisi, nakunyoko uYunike; ndeyisekile ke kukuba nakuwe. 6 Endithi ngoko ndikukhumbuze, ukuba usikhwezele isipho sokubabalwa kwakho nguThixo, esikhoyo kuwe ngokubekwa kwezandla zam phezu kwakho. 7 Kuba uThixo akasinikanga moya wabugwala; koko ngamandla, nangothando, nangengqondo ephilileyo. 8 Ngoko ke musa ukuba nazintloni ngabo ubungqina beNkosi yethu, nangam, mna mbanjwa wayo; 9 owasisindisayo, wasibiza ngobizo olungcwele, engenzi ngokwemisebenzi yethu, esenza ngokweyakhe ingqibo, nobabalo, esababalwa ngalo ngoKristu Yesu phambi kwamaxesha aphakade; 10 kodwa ngoku yabonakaliswa ngokubonakala koMsindisi wethu uYesu Kristu, owakubhangisayo ukufa, waza wabonakalisa ubomi nokungonakali ngazo iindaba ezilungileyo. 11 endithe ndamiselwa bona mna, ukuba ndibe ngumshumayeli nompostile nomfundisi weentlanga. 12 Ngenxa yoko nam ndibandezeleka ngenxa yoko; noko ke andinazintloni; 13 Umzekelo wamazwi aphilileyo owawevayo kum, wubambe elukholweni naseluthandweni olukuKristu Yesu. 14 Loo nto ilungileyo uyiphathisiweyo, yigcine ngoMoya oyiNgcwele ohleliyo ngaphakathi kwethu. 15 Oku uyakwazi, ukuba bandinikele umva bonke abaseAsiya; ekubo inguFigelo noHermogene. 16 INkosi mayiyenzele inceba indlu kaOnesiforo; ngokuba kwaba futhi endiphumza, akaba nazintloni nguwo umxokelelwane wam. 17 Uthe akuba eseRoma, wandifuna ngokukhuthala okukhulu, wandifumana. 18 Yanga iNkosi ingamfumanisa inceba eNkosini ngaloo mini. Nguwena uzazi kakuhle oko zingako izinto awalungiselela ngazo e-Efese. ISAHLUKO 2 1 Wena ngoko, mntwana wam, yomelela elubabalweni olukuKristu Yesu; uthi uthi nezinto owazivayo kum ngamangqina amaninzi, ezo uzibeke phambi kwabantu abathembekileyo, bona baya kukulingana ukufundisa nabanye.

3 Wena ngoko bunyamezele ububi, njengomphumi-mkhosi olungileyo kaKristu Yesu. 4 Akukho namnye uthi ephuma umkhosi, azibhijele ngemicimbi yobu bomi; ukuze amkholise lowo umnyulele ukulwa. 5 Nakuba ke ubani esithi azame emdlalweni, akathweswa sithsaba, ukuba akathanga azame ngokomthetho. 6 Umlimi lowo ubulalekayo, umelwe kukwamkela kuqala kwiziqhamo. 7 Ziqiqe izinto endizithethayo; iNkosi yokunika ukuqonda ezintweni zonke. 8 Khumbula ukuba uYesu Kristu, engovukileyo kwabafileyo, engowembewu kaDavide, ngokweendaba zam ezilungileyo; 9 endiva ububi ngenxa yazo, kude kuse ezintanjeni njengomenzi wobubi; ke lona ilizwi likaThixo alibotshiwe. 10 Ngenxa yoko izinto zonke ndiyazinyamezela ngenxa yabanyuliweyo, ukuze nabo bazuze usindiso olukuKristu Yesu, ndawonye nozuko olungunaphakade. 11 Lithembekile ilizwi eli:Kuba xa safa naye, sodla ubomi kwandawonye naye; 12 ukuba siyanyamezela, solawula kwandawonye naye; ukuba siyamkhanyela, naye wosikhanyela; 13 Ukuba asikholwa, yena uhleli ethembekile; akanako ukuzikhanyeza. 14 Bakhumbuze ezo zinto, uqononondise emehlweni eNkosi, ukuba kungenziwa mfazwe yamazwi okungancedi lutho, kuze kubhukuqeke abaphulaphuli. 15 Kukhuthalele ukuzimisa phambi koThixo ucikidekile, ungumsebenzi ongenazintloni, ulungisa ukulahlula ilizwi lenyaniso. 16 Ke zona iintetho ezingento, ezihlambelayo, zinxweme; kuba ziya kuhambela phambili kokukhona kungahloneli Thixo. Nelizwi labo liya kudla njengesilonda esiqhenqethayo; abanoHimenayo noFileto; 18 abathe bona bayiphosa inyaniso, besithi uvuko seluthe lwakho; silubhukuqa ukholo lwenxenye. 19 Noko ke limi, lithe nkqi, ilitye lesiseko likaThixo, linambhalo othi, INkosi iyabazi abangabayo; Kwanokuthi, Mabahlukane nobugwenxa, bonke abalibizayo igama likaKristu. 20 Ke endlwini enkulu akubikho zitya zagolide nazasilivere zodwa; kubakho nezomthi nezomdongwe. Inxenye ke zezembeko, inxenye azizambeko. 21 Ukuba ngoko umntu uthe wazikhuphulula kwezo zinto, woba sisitya sembeko, singcwalisiwe, simlungele kakuhle umninindlu, silungiselwe wonke umsebenzi olungileyo. 22 Ke zibaleke iinkanuko zobutsha; phuthuma ke ubulungisa, ukholo, uthando, uxolo nabo bayinqulayo iNkosi ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo. 23 Yinxweme imibuzwana yobudenge engenangqeqesho, usazi ukuba izala imfazwe. 24 Ke umkhonzi weNkosi akamele kusukuzana; kodwa abe nokuthantamisa kubo bonke, enokufundisa, enomonde; 25 ebaqeqesha ngobulali abo baphikayo; ukuba mhlawumbi uThixo angabanika inguquko esa ekuyazini inyaniso; 26 babuye baqabuke, baphume emgibeni kaMtyholi, ababanjiswe nguye ekuthandeni kwakhe.


Turn static files into dynamic content formats.

Create a flipbook
Xhosa - The Second Epistle to Timothy by Filipino Tracts and Literature Society Inc. - Issuu