Skip to main content

Xhosa - The Second Epistle to the Corinthians

Page 1

Eyesi-2 kwabaseKorinte ISAHLUKO 1 1 UPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, noTimoti umzalwana, ubhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, ndawonye nabo bonke abangcwele abakulo lonke elaseAkaya; 2 bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu. 3 Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, uYise onenceba, noThixo wentuthuzelo yonke; 4 osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu, ukuze sibe nako ukubathuthuzela abakwinto yonke eyimbandezelo, ngayo intuthuzelo esithuthuzelwa ngayo nathi nguye uThixo. 5 Ngokuba, njengokuba iintlungu zikaKristu ziphuphumela kuthi, ngokunjalo ithi nentuthuzelo yethu iphuphume ngoKristu. 6 Ke, nokuba siyabandezelwa, oko kungenxa yentuthuzelo yenu nosindiso lwenu, olusebenzayo ekunyamezeleni kwaezo ntlungu sizivayo nathi; 7 Kanjalo ithemba lethu ngani liqinisekile; sisazi ukuba, njengokuba ningamadlelane nathi ngazo iintlungu, ngokunjalo niyakuba ngawo nangentuthuzelo. 8 Kuba asithandi, bazalwana, ukuba ningayazi, imbandezelo yethu eyasihlelayo kwelaseAsiya, ukuba saxineka ngokuncamisileyo ngokomelela, ngokokude sibuncame kanye nobomi. 9 Ke kaloku besinesigwebo sokufa ngokwethu, ukuze singakholosi ngokwethu, sithembele kuThixo ovusa abafileyo; 10 owasihlangulayo ekufeni okungaka, ohlangulayo; esithembele kuye ukuba usaya kusihlangula; 11 nakubon' ukuba niyancedisa nani ngokusikhungela, ukuze isipho esingokubabalwa, esenzelwe sona thina ngabantu abaninzi, sibulelwe ngabaninzi ngenxa yethu. 12 Kuba oko kuqhayisa kwethu kukungqina kwesazela sethu, ukuba sithe ehlabathini apha, ngokukodwa ke kuni, sahlala singabangenakumbi, sinokungcwengeka okuvela kuThixo, singenabulumko bubobenyama, sinobabalo lukaThixo. 13 Kuba asinibhaleli zimbi izinto, ikwazezo nizilesayo, nizaziyo kakuhle; kwaye ndiyathemba ukuba niya kuvuma kude kube sekupheleni. 14 njengokuba nasaziyo kakuhle ngokuyinxenye, ukuba siliqhayiya lenu, kwanjengokuba nani nilelethu ngemini yeNkosi uYesu. 15 Ndinaloo nkoloseko ke, ndanqwenela ukunga ndingeza kuni kuqala, ukuze nibabalwe okwesibini; 16 ndize ndicande kuni ukuya kwelaseMakedoni, ndibuye, ndivela kwelaseMakedoni, ndize kuni, ndiphelekelelwe nini ukuya kwelakwaYuda. 17 Xa ngoko ndandifuna oko, ndandifeketha na kanti? Okanye izinto endizicebayo, ndiziceba ngokwenyama yini na ukuze nje kubekho kum nje, ukuba ube nguewe, ewe; nohayi, hayi?

18 Ethembekile nje ke uThixo, ilizwi lethu kuni alibanga nguewe nohayi. 19 Kuba yena okaThixo uNyana, uYesu Kristu, owavakaliswayo phakathi kwenu sithi (ndim ke noSilvano noTimoti), akabanga nguewe nohayi; kuye nguewe kwakanye; 20 Kuba onke amadinga kaThixo akuye uewe, ukuye noAmen, ukuze kuzukiswe uThixo ngathi. 21 Osiqiniselayo ke ndawonye nani kuKristu, osithambisayo ke, nguThixo; 22 ositywine wasiqinisa, wasinika isinyaniso soMoya, saba sezintliziyweni zethu. 23 Mna ke ndibiza uThixo, ukuba abe lingqina emphefumlweni wam, ukuba kungokunivela, endithe ndaba andikezi eKorinte. 24 Anditsho ngakulugagamela ukholo lwenu; nditsho ngokuba singabasebenza nani uvuyo lwenu; kuba nimi ngokholo. ISAHLUKO 2 Mna ke okwam, ndagqiba kweli lokuba ndingabuyi ndize kuni ndibuhlungu. 2 Kuba mna ukuba ndinenza buhlungu, kusekho bani na ke ondenza ndibe nemihlali, ongenguye lowo wenziwe buhlungu kwandim? 3 Ndanibhalela ke kwakona oku, ukuze ndakufika ndingabi buhlungu ngabo bendimelwe kukuthi ndivuye ngabo; ndikholose ngani nonke, ukuba uvuyo lwam ikwalolwenu nonke. 4 Kuba ndanibhalela ekubandezelekeni nasekuxinezelekeni okukhulu kwentliziyo yam, ndineenyembezi ezininzi; ndingenzeli ukuze nenziwe buhlungu, ndisenzela ukuze nilwazi uthando endinithanda ngalo ngokugqithiseleyo. 5 Ke ukuba ubani wenze kwabuhlungu, akenze kwabuhlungu mna, wenze ngenxenye nina nonke; 6 Kumanele lowo unjalo oko kumkhalimela kwabona baninzi kuni; 7 Ngoko ke senithi kanye senimxolela, nimthuthuzele, hleze lowo unjalo aselesuka edliwa kukuba buhlungu ngokugqithiseleyo. 8 Kungoko ndiyaniyala ukuba niluqinisekise uthando lwenu kuye. 9 Kuba ndabhalela kona oku, ukuze ndikwazi ukucikideka kwenu, ukuba ningábevayo na ezintweni zonke. 10 Enimxolelayo ke into, ndiyamxolela nam; 11 hleze asidleke uSathana; kuba amaqhinga akhe siyawazi. 12 Kananjalo, ndakuba ndifikile eTrowa, ndishumayela iindaba ezilungileyo zikaKristu, ndakuba ndivulelwe nomnyango weNkosi; 13 andibanga nakonwaba emoyeni wam, ngokungamfumani uTito, umzalwana wam; ndesuka ndababulisa, ndanduluka ndaya kwelaseMakedoni. 14 Makubulelwe ke kuThixo, ohlala esenza ngathi sinovuyo ngoKristu, elibonakalalisa ngathi ivumba lokwaziwa kwakhe ezindaweni zonke. 15 Kuba kuye uThixo silivumba elimnandi likaKristu, phakathi kwabasindiswayo naphakathi kwabatshabalalayo; Kwabanye silivumba lokufa elisa ekufeni; kwabanye ilivumba lobomi elisa ebomini. Ngubani na ke ozilingeneyo ezo zinto? 17 Kuba asithi, njengabaninzi abo, silingxengelele ilizwi likaThixo;


Turn static files into dynamic content formats.

Create a flipbook
Xhosa - The Second Epistle to the Corinthians by Filipino Tracts and Literature Society Inc. - Issuu