Incwadi yesiBini kaPetros
20 nikwazi oku kuqala, ukuba akukho siprofeto sesibhalo siphuma nakuyiphi na inkcazelo yobuqu. 21 Kuba akukhanga kubekho siprofeto ngokuthanda komntu; bathi abantu abangcwele bakaThixo bathetha beqhutywa nguMoya oyiNgcwele. ISAHLUKO 2
ISAHLUKO 1 1 USimon Petros, umkhonzi nompostile kaYesu Kristu, ubhalela abaluzuzileyo ukholo olunqabileyo nolwethu, ngobulungisa bukaThixo, uMsindisi wethu uYesu Kristu; 2 Makwandiswe kuni ubabalo noxolo, ngako ukumazi uThixo, noYesu, iNkosi yethu; 3 Njengoko amandla akhe obuThixo asiphile zonke izinto ezisingise ebomini nasekuhloneleni uThixo, ngako ukumazi lowo wasibizayo ngozuko nesidima; 4 Esithe ngazo, saphiwa amadinga amakhulu ngokuncamisileyo, anqabileyo, ukuze ngawo nibe ngamadlelane ngemvelo yobuThixo, nisinde ekonakaleni okukhoyo ehlabathini ngenkanuko. 5 Ke kaloku, ngenxa yoko, nakuba niqokele ukukhuthala konke, nongezelele elukholweni lwenu isidima; nasesidimani ukwazi; 6 ekwazini ukuzeyisa; nasekuzeyiseni umonde; nasekunyamezeleni ukuhlonela uThixo; 7 nasekuhloneleni ububele bobuzalwana; nakuthando lobuzalwana. 8 Kuba xa zikhoyo ezo zinto kuni, zisanda, zinenza ukuba ninganqeni, ningabi ngabaswele isiqhamo ekuyazini iNkosi yethu uYesu Kristu. 9 Lowo ke zingekhoyo kuye ezo zinto, uyimfama; ubona ke sekukude, ekulibele nokuhlanjululwa kwezono zakhe zakudala. 10 Endithi ngoko, bazalwana, makube kukhona nikhuthalele ukulwenza luqine ubizo nonyulo lwenu; 11 Kuba ngokunjalo nophiwa ngokobutyebi ukungena ebukumkanini obungunaphakade beNkosi yethu, uMsindisi uYesu Kristu. 12 Kungoko ndingakuyekiyo ukuhlala ndinikhumbuza ngezo zinto, noko nizaziyo, nizimasekileyo enyanisweni leyo ikhoyo kuni. 13 Ndiba ke kububulungisa, ukuba ngalo gama ndikulo mnquba, ndinivuse ngokunikhumbuza; 14 ndisazi nje ukuba kukufuphi ukubekwa nxamnye kwalo mnquba wam, njengokuba nayo iNkosi yethu uYesu Kristu yandazisayo. 15 Kananjalo ndiya kukhuthalela ke ukuba nibe nako, amaxa onke emva kokumka kwam, ukuzikhunjuzwa ezo zinto. 16 Kuba sithe, singalandelanga zintsomi zabuqhinga, sanazisa amandla nokufika kweNkosi yethu uYesu Kristu; sithe saba ngababoneli bobungangamsha bakhe. 17 Kuba wamkela kuThixo uYise imbeko nozuko, ekuzisweni kuye, bubuqaqawuli obubalaseleyo, izwi elinjengeli: Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo mna nguye. 18 Saliva eli lizwi liphuma emazulwini, sikunye naye entabeni engcwele. 19 Sinelona lizwi liqinisekileyo ngakumbi lesiprofeto; enityaphayo ukuyigcina loo nto niyilumkela, ngathi sisikhanyiso esikhanya endaweni emnyama, kude kuse, liphume ikhwezi ezintliziyweni zenu;
Ke kaloku, kwakukho nabaprofeti ababuxoki phakathi kwabantu; njengokuba naphakathi kwenu kuya kubakho abafundisi ababuxoki, bona baya kungenisa bucala amahlelo entshabalalo, bemkhanyela uMnini-nto-zonke owabathengayo, bezizisela intshabalalo emsinya. 2 Abaninzi baya kulandela intshabalalo yabo; eya kunyeliswa ngenxa yabo indlela yenyaniso. 3 Bathi benokubawa, banibonelele ngamazwi alalanisayo; abakugwetywa kungaphumliyo kwakudala, nayo intshabalalo yabo ayozeli. 4 Kuba, xa uThixo angazisindisanga izithunywa ezo zonayo, wesuka waziphosa kwelabafileyo, wabanikela imixokelelwane yesithokothoko, ukuba zigcinelwe umgwebo; 5 naxa angaliconganga ihlabathi lakudala, wesuka walondoloza uNowa, umshumayeli wobulungisa, engowesibhozo, elihlisela unogumbe ihlabathi labangahloneli Thixo; 6 wathi nemizi yaseSodom neGomora wayitshisa yaluthuthu, wayigweba ukuba ibhukuqeke, wayenza umzekelo wabaza kuzenza abangahloneli Thixo; 7 wamhlangula uLote olilungisa, owayekruqukile kukuhamba okungcolileyo kwabangendawo; 8 (Kuba loo mntu ulilungisa, ehleli phakathi kwabo, ngokubona nokuva, wayewuthuthumbisa imihla ngemihla umphefumlo walo olungisayo, ngemisebenzi yabo echasene nomthetho;) 9 iyakwazi iNkosi ukubahlangula ekuhendweni abahlonela uThixo; 10 ngokukodwa ke abo balandela inyama ngokukhanuka ukuzidyobha, abadela ubukhosi. bakhukhumele, abangoyikiyo ukunyelisa izikhakhamela; 11 ekubeni izithunywa zezulu, zingaphezulu koko ngamandla nokomelela, azizinzi nalinyelo ngakubo phambi kweNkosi. 12 Ke aba, njengezinto eziphilileyo ezingenangqondo, ezemvelo, ezizalelwe ukubanjwa nokutshatyalaliswa, bazinyelisa izinto abangazaziyo; baya konakala kanye ekonakaleni kwabo; 13 baya kwamkela umvuzo wobutshijolo, njengokuba kwabanjalo ukubalela emini ukonakala. bangamabala neziphako, bexhamla ubuncwane ngokulukuhla kwabo, bezingxala ukudla kwabo kunye nani; 14 benamehlo azele lukrexezo, angenakuphunyuzwa esonweni; balukuhla imiphefumlo engazinzanga, intliziyo eqheliswe ukubawa; abantwana abaqalekisiweyo: 15 Beyishiyile indlela ethe tye, balahleka, belandela indlela kaBhileham unyana kaBhohore, owathanda umvuzo wokungalungisi; 16 Wohlwaywa ke ngokugqitha kwakhe umthetho; lathi iesile, lingenakuthetha nje, lathetha ngezwi lomntu, lamalela umprofeti lowo, ukuba angabi nxamnye nengqondo.