Skip to main content

Xhosa - The Mercy of God and Man

Page 1

Inceba kaThixo noMntu

UYehova unenceba, unobabalo, uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba. INdumiso 103:8 Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba noYihlo enenceba. Luka 6:36

IiPentateuch Uthe esalindile, amadoda abamba isandla sakhe, nesandla somkakhe, nesandla seentombi zakhe zombini, uYehova enenceba kuye, amkhupha, ammisa ngaphandle komzi. IGenesis 19:16 Khawubone, umkhonzi wakho ufumene ubabalo emehlweni akho, waza wakhulisa inceba yakho ondenzele yona ngokundisindisa ebomini, andinakukwazi ukubalekela entabeni, hleze ndibanjwe bububi ndize ndife. IGenesis 19:19 Wathi, Makabongwe uYehova, uThixo wenkosi yam uAbraham, ongayishiyanga inceba yakhe nenyaniso yakhe enkosini yam; ndisesendleleni, uYehova undikhokelele endlwini yabazalwana benkosi yam. IGenesis 24:27 Andifanelekanga yiyo yonke inceba nenyaniso oyibonakalisileyo kumkhonzi wakho; kuba ndayiwela le Yordan ngentonga yam, ngoku ndibe ngamaqela amabini. IGenesis 32:10 Kodwa uYehova wayenoYosefu, wamenzela inceba, wamnika ubabalo emehlweni omgcini wentolongo. IGenesis 39:21 Ngamana uThixo uSomandla anganinika inceba phambi kwendoda leyo, ukuze imkhulule omnye umntakwenu, noBhenjamin, ukuba mna ndihluthwe abantwana, ndihluthwe. IGenesis 43:14 Ubakhokele ngenceba yakho abantu obahlawuleleyo, wabakhokela ngamandla akho, wabayisa ekhayeni lakho elingcwele. IEksodus 15:13 Ndibenzela inceba amawaka abo bandithandayo, nabagcina imiyalelo yam. IEksodus 20:6 Uze wenze isihlalo sokucamagusha ngegolide ecocekileyo; ubude baso bube ziikubhite ezimbini ezinesiqingatha, ububanzi baso bube yikubhite enesiqingatha. Uze wenze iikherubhi ezimbini zegolide, uzenzele umsebenzi ocoliweyo, eziphelweni zombini zesihlalo sokucamagusha. Yenza ikherubhi enye ibe kwelinye icala, nekherubhi enye ibe kwelinye icala; wenze iikherubhi zibe ngakwisigqubuthelo socamagushelo, zibe seziphelweni zaso zozibini. Iikherubhi maziwolule amaphiko azo phezulu, zigubungele isihlalo sokucamagusha ngamaphiko azo, ubuso bazo bujongane; ubuso beekherubhi buya kubhekisa esihlalweni sokucamagusha. Uze ubeke isihlalo sokucamagusha phezu kwetyeya, ubeke ubungqina endiya kukunika bona etyeyeni. Ndiya kuhlangana nawe apho, ndithethe nawe ndiphezu kwesihlalo sokucamagusha, phakathi kweekherubhi ezimbini eziphezu kwetyeya yobungqina, ngayo yonke into endiya kukunika yona njengomyalelo koonyana bakaSirayeli. Eksodus 25: 17-22 Uze ubeke isihlalo sokucamagusha phezu kwetyeya yobungqina kwindawo engcwele kakhulu. IEksodus 26:34


Turn static files into dynamic content formats.

Create a flipbook