Skip to main content

Xhosa - The Gospel of Matthew

Page 1

UMateyu ISAHLUKO 1 1 Incwadi yomlibo wokuzalwa kukaYesu Kristu, unyana kaDavide, unyana ka-Abraham. 2 UAbraham wazala uIsake; uIsake ke wazala uYakobi; uYakobi wazala uYuda nabazalwana bakhe; 3 UYuda wazala uFares noZara ngoTamare; uFares wazala uEsrom; uEsrom wazala uAram; 4 uAram wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon; uNashon wazala uSalmon; 5 uSalmon wazala uBhohazi ngoRakabhi; uBhohazi wazala uObhedi ngoRute; uObhedi wazala uYese; 6 uYese wazala uDavide ukumkani; uDavide ukumkani wazala uSolomon ngomfazi kaUriya; 7 uSolomon wazala uRehobhoham; uRehobhoham wazala uAbhiya; uAbhiya wazala uAsa; 8 uAsa wazala uYoshafati; uYoshafati wazala uYoram; uYoram wazala u-Oziya; 9 u-Oziya wazala uYotam; uYotam wazala uAhazi; uAhazi wazala uHezekiya; 10 uHezekiya wazala uManase; uManase wazala uAmon; uAmon wazala uYosiya; 11 uYosiya wazala uYekoniya nabazalwana bakhe, ngexesha lokufuduselwa kwabo eBhabhilon. 12 Emveni ke kokufuduselwa kwabo eBhabhilon, uYekoniya wazala uSalatiyeli; uSalatiyeli wazala uTsorubhabheli; 13 uTsorubhabheli wazala uAbhihudi; uAbhihudi wazala uEliyakim; uEliyakim wazala uAzore; 14 uAzore wazala uTsadoki; uTsadoki wazala uAkim; uAkim wazala uElihudi; 15 uElihudi wazala uElazare; uElazare wazala uMatan; uMatan wazala uYakobi; 16 uYakobi wazala uYosefu indoda kaMariya, ekuthe ngaye kwazalwa uYesu, ekuthiwa nguKristu. 17 Zonke izizukulwana ngoko, ezithabathela kuAbraham zizise kuDavide, zizizukulwana ezilishumi elinazine; nezithabathela kuDavide zizise ekufuduselweni kwabo eBhabhilon, zizizukulwana ezilishumi elinazine; nezithabathela ekufuduselweni kwabo eBhabhilon zizise kuKristu, zizizukulwana ezilishumi elinazine. 18 Ke kaloku ukuzalwa kukaYesu Kristu kwaye kungolu hlobo: Kwathi, akubon’ ukuba unina uMariya useseleganelwe uYosefu, bengekahlangani, wafunyanwa emithi ngoMoya oyiNgcwele. 19 Ke kaloku uYosefu indoda yakhe, eyindoda elilungisa, engathandi ukumvelela ekuhleni, wayecinga ukuba amale ngasese. 20 Akubon’ ukuba uyazicinga ezi zinto, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuye ephupheni, sisithi, Yosefu, nyana kaDavide, musa ukoyika ukumthabathela kuwe uMariya, umfazi wakho; yoMoya oyiNgcwele. 21 Uya kuzala unyana ke, umbize ngegama elinguYesu; kuba yena eya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo. 22 Ke kaloku konke oku kwenzeke, ukuze kuzaliseke okwathethwayo yiNkosi ngomprofeti, isithi, 23 Uyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, Bambize ngegama elinguEmanuweli, oko kukuthi ngentetho evakalayo, uThixo unathi.

24 Uthe ke uYosefu, evukile ebuthongweni, wenza ngoko besimmisele ngako isithunywa seNkosi, wamthabathela kuye umkakhe; 25 akamazi wada wazala unyana wakhe wamazibulo; wathi igama lakhe nguYesu. ISAHLUKO 2 1 Ke kaloku, akubon’ ukuba uYesu uzelwe eBhetelehem yelakwaYuda, emihleni kaHerode ukumkani, kwabonakala kufika eYerusalem izazi zivela empumalanga, zisithi, 2 Uphi na lo uzelweyo, ukumkani wamaYuda? Kuba sibone inkwenkwezi yakhe empumalanga, size kumnqula. 3 Ezivile ke uHerode ukumkani, wakhathazeka, yena nayo yonke iYerusalem naye. 4 Wahlanganisa ke bonke ababingeleli abakhulu nababhali babantu, wababuza ukuba ubeya kuzalelwa phi na uKristu. 5 Bathe ke kuye, EBhetelehem yelakwaYuda; 6 Nawe Bhetelehem, mhlaba wakwaYuda, Akunguye nakanye omncinanana phakathi kwabathetheli bakwaYuda; 7 Kwakuba njalo, uHerode, ezibize ngasese izazi ezo, waqondisisa kakuhle kuzo ixesha lokubonakala kwenkwenkwezi leyo; 8 wazithumela ke eBhetelehem, wathi, Hambani niye nicokise ukubuzisa ngomntwana lowo; xa ke nithe namfumana, ze nindibikele, ukuze nam ndiye kumnqula. 9 Zimvile ke zona ukumkani, zahamba; nantso inkwenkwezi leyo zayibonayo empumalanga izikhokela, yada yaya kuma phezu kwendawo abekuyo umntwana lowo. 10 Zathi ke, zakuyibona inkwenkwezi, zavuya ngovuyo olukhulu. 11 Zingenile endlwini, zambona umntwana enoMariya unina, zawa phantsi, zaqubuda kuye; igolide, nentlaka yokuqhumisa, nemore. 12 Zathi, kuba zihlatyelwe nguThixo ephupheni ukuba zingabuyi ziye kuHerode, zemka ngayimbi indlela ukuya ezweni lakowazo. 13 Zithe zakumka ke zona, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuYosefu ephupheni, sisithi, Vuka, umthabathe umntwana nonina, usabele eYiputa, ube khona apho ndide ndikuxelele; UHerode uya kumfuna umntwana lowo ukuba amtshabalalise. 14 Evukile ke yena, wamthabatha umntwana nonina ebusuku, wemka waya eYiputa. 15 Waba khona apho wada wabhubha uHerode; ukuze kuzaliseke okwathethwayo yiNkosi ngomprofeti isithi, Ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa. 16 Waza uHerode, akubona ukuba izazi zidlale ngaye, waba nomsindo omkhulu kunene, wathumela, wababulala bonke abantwana abaseBhetelehem, nakuyo yonke imida yayo, abaminyaka mibini bezelwe nangaphantsi, ngokomthetho wayo. ixesha awayelibuze ngenkuthalo kwizilumko. 17 Kwaza kwazaliseka okwathethwayo ngoYeremiya umprofeti, esithi, 18 Kwavakala eRama izwi, isijwili, nesijwili, nesijwili esikhulu, uRakeli elilela abantwana bakhe, engavumi kuthuthuzeleka, ngokuba bengasekho. 19 Uthe ke akuba efile uHerode, sabonakala isithunywa seNkosi sibonakala ephupheni kuYosefu eYiputa.


Turn static files into dynamic content formats.

Create a flipbook
Xhosa - The Gospel of Matthew by Filipino Tracts and Literature Society Inc. - Issuu