Skip to main content

Xhosa - The Gospel of Mark

Page 1

IVangeli kaMarko ISAHLUKO 1 1 Ukuqaleka kwayo ivangeli kaYesu Kristu, uNyana kaThixo. 2 Njengoko kubhaliweyo ebaprofetini, kwathiwa, Yabona, mna ndithuma umthunywa wam ngaphambi kobuso bakho, Oya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho. 3 Izwi lodandulukayo entlango, lisithi, Wulungiseni umendo weNkosi, Wutyenenezeni umendo wayo. 4 Kwaye kukho uYohane, ebhaptiza entlango, evakalisa ubhaptizo lwenguquko, ukuze kuxolelwe izono. 5 Laye liphuma lisiya kuye lonke ilizwe lakwaYuda nabaseYerusalem; baye bonke bebhaptizwa nguye eYordan emlanjeni, bezixela izono zabo. 6 Waye ke uYohane ambethe uboya benkamela, enombhinqo wentlonze esinqeni sakhe; Wadla iinkumbi nobusi basendle; 7 Wayememeza esithi, Emva kwam kuza lowo unamandla kunam, endingafanelekileyo ukuba ndithobe phantsi, ndiwuthukulule nomtya weembadada zakhe. 8 Mna okunene ndanibhaptiza ngamanzi, ke yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele. 9 Kwathi ngaloo mihla kweza uYesu, evela eNazarete yelaseGalili, wabhaptizwa nguYohane eYordan apho. 10 Uthe kwaoko, enyuka ephuma emanzini, walibona izulu livulekile, noMoya enjengehobe, esihla phezu kwakhe. 11 Kwabakho nezwi eliphuma ezulwini, lisithi, Wena unguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye. 12 Uthi kwaoko uMoya amkhuphele entlango. 13 Waye esentlango apho iintsuku ezimashumi mane, ehendwa nguSathana; waye kunye namarhamncwa; zaye izithunywa zezulu zimlungiselela. 14 Ke kaloku emveni kokufakwa kukaYohane entolongweni, weza uYesu kwelaseGalili, eshumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo. 15 esithi, Lizalisekile ixesha, nobukumkani bukaThixo busondele; guqukani, nikholwe kuzo iindaba ezilungileyo ezi. 16 Uthe ke, ehamba ngaselwandle lwaseGalili, wabona uSimon, noAndreya umzalwana wakhe, bephosa umnatha elwandle; ngokuba babengababambisi beentlanzi. 17 Wathi kubo uYesu, Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngababambisi babantu. 18 Bayishiya kwaoko iminatha yabo, bamlandela. 19 Ehambele phambili kancinane, wabona uYakobi, lo kaZebhedi, noYohane umzalwana wakhe, besemkhombeni wabo, belungisa iminatha yabo. 20 Wababiza kwaoko; bamshiya uyise uZebhedi emkhombeni nabaqeshwa, bamlandela. 21 Bangena eKapernahum; wathi kwaoko ngomhla wesabatha, wangena endlwini yesikhungu, wafundisa. 22 Bakhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ebebafundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali. 23 Kwaye kukho endlwini yabo yesikhungu umntu onomoya ongcolileyo; wadanduluka wathi, 24 besithi, Siyeke; Yintoni na enathi nawe, Yesu waseNazarete? Uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye, ungoyiNgcwele kaThixo.

25 Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye. 26 Uthe umoya ongcolileyo wambetha wee xhwenene; wakhala ngezwi elikhulu, waphuma kuye. 27 Baqhiphuka umbilini bonke, ngokokude babuzisane, besithi, Yintoni na le nto? Yeyiphi imfundiso entsha? kuba oomoya abangcolileyo aba abathethela ngegunya, bamthobele. 28 Lwaphuma kwaoko udumo lwakhe; lwaya kuwo wonke ummandla welaseGalili. 29 Bathe kwaoko, bakuphuma endlwini yesikhungu, bangena endlwini kaSimon noAndreya, benoYakobi noYohane. 30 Ke kaloku umkhwekazi kaSimon wayelele phantsi ebanjwe yicesina, bamxelela ke kwaoko. 31 Weza ke, wayibamba ngesandla, wayivusa; yamyeka kwaoko icesina, wabalungiselela. 32 Ke kaloku, kwakuhlwa, xa litshonayo ilanga, bazisa kuye bonke ababesifa, nababephethwe ziidemon. 33 Waye umzi wonke uhlanganisene ndawonye emnyango apho. 34 Waphilisa babaninzi ababesifa zizifo ngezifo; wakhupha needemon ezininzi; waye engazivumeli iidemon ukuba zithethe, kuba bezimazi. 35 Uthe ke kusasa, kusemnyama kakhulu, wavuka, waphuma, wemka waya endaweni eyintlango, wathandaza khona apho. 36 Bamlandela ke uSimon nabo babenaye. 37 Bemfumene bathi kuye, Bonke bayakufuna. 38 Athi kubo, Masihambe siye emizini ekufuphi, ukuze nakhona ndivakalise iindaba ezilungileyo, kuba ndiphumele oko. 39 Wayevakalisa ke ezindlwini zabo zesikhungu kulo lonke elaseGalili, ezikhupha needemon. 40 Kweza kuye oneqhenqa, embongoza, esiwa ngamadolo phambi kwakhe, esithi kuye, Ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula. 41 UYesu, esikwe yimfesane ke, wasolula isandla, wamchukumisa, wathi kuye, Ndiyathanda; Hlambuluka. 42 Akutsho, lemka kwaoko kuye iqhenqa, wahlambuluka. 43 Wamkhalimela, wamndulula kwaoko. 44 Athi kuye, Lumka ungathethi nto nakubani; hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, usondeze ngenxa yokuhlanjululwa kwakho ezo zinto wamisa ngazo uMoses, zibe bubungqina kubo. 45 Ke yena, akuphuma, waqala ukuyivakalisa kakhulu nokuyibhengeza loo ndawo, ngokokude angabi saba nako uYesu ukungena mzini ekuhleni; waba ngaphandle ezindaweni eziziintlango; babesithi beze kuye bevela ngeenxa zonke. ISAHLUKO 2 Kwakuba ntsuku, wabuya wangena eKapernahum; kwavakala ukuba usendlini. 2 Kwaoko kwahlanganisana into eninzi yabantu, ngokokude kungabi sabakho kukhwelelana, nakule mimandla isemnyango; wayelithetha ke kubo ilizwi. 3 Kweza kuye umntu onedumbe, ethwelwe ngabane. 4 Bakuba bengenakusondela kuye ngenxa yendimbane, banqika uphahla apho abekhona; 5 UYesu elubona ukholo lwabo, wathi konedumbe, Mntwana wam, uzixolelwe izono zakho.


Turn static files into dynamic content formats.

Create a flipbook