Skip to main content

Xhosa - The Gospel of Luke

Page 1

ULuka ISAHLUKO 1 1 Ekubeni ke bebaninzi abasa isandla sabo, ukuyibeka eludwengeni udaba olukholiweyo phakathi kwethu; 2 njengokuba basinikelayo bona, ababengamangqina okuzibonela kwasekuqalekeni, nabakhonzi balo ilizwi; 3 Kwabonakala kulungile nakum, ndizazi zonke izinto, kwasekuqaleni, ukuba ndikubhalele ngolungelelwano, Tiyofilo odume kunene, 4 ukuze uyazi kakuhle ingqiniseko yezo zinto uzifundisisiweyo. 5 Ngemihla kaHerode, ukumkani wakwaYuda, kwaye kukho umbingeleli othile, ogama linguZekariya, engoweqela lika-Abhiya, nomfazi wakhe engowasezintombini zika-Aron, igama lakhe linguElizabhete. 6 Bebengamalungisa ke bobabini emehlweni kaThixo, behamba ngayo yonke imithetho nemimiselo yeNkosi, bengenakusoleka. 7 Baye bengenamntwana, ngokokuba uElizabhete ebengazali, kanjalo bobabini babesebekhulile. 8 Kwathi ke, xa wayesenza ububingeleli phambi koThixo, ngokweqela lakhe, 9 ngokwesiko lobubingeleli, kwaba liqashiso lakhe ukuba aqhumisele ngesiqhumiso, xa angenayo etempileni yeNkosi. 10 Yaye yonke inkitha yabantu ithandaza ngaphandle ngelixa lesiqhumiso. 11 Kwabonakala ke kuye isithunywa seNkosi, simi ngasekunene kwesibingelelo sesiqhumiso. 12 Uthe ke uZekariya, akuyibona, wankwantya, wangenelwa kukoyika. 13 Sathi ke isithunywa eso kuye, Musa ukoyika, Zekariya, ngokokuba isikhungo sakho siviwe; wothi ke umfazi wakho uElizabhete akuzalele unyana, umthiye igama elinguYohane. 14 Kwaye uya kuba nemihlali nemivuyo; bathi nabaninzi bakuvuyele ukuzalwa kwakhe. 15 Kuba uya kuba mkhulu emehlweni eNkosi, angakhe asele wayini nasiselo sinxilisayo; uya kuzaliswa nguMoya oyiNgcwele kwasekuzalweni kwakhe. 16 Nento eninzi ke yoonyana bakaSirayeli uya kuyibuyisela eNkosini uThixo wabo. 17 Yena uya kuhamba phambi kobuso bayo, enomoya enamandla kaEliya, ukuba azibuyisele iintliziyo zooyise kubantwana, nabangevayo kuko ukuqonda kwamalungisa; alungisele iNkosi abantu abalungisiweyo. 18 Wathi uZekariya kuso isithunywa, Ndiya kukwazi ngani na oko? ngokuba mna ndimdala, waye nomfazi wam selekhulile. 19 Saphendula ke isithunywa, sathi kuye, Mna ndinguGabriyeli, oma phambi koThixo. Ndithunyiwe ukuba ndithethe kuwe, ndikushumayele ezi ndaba zilungileyo. 20 Uyabona, uya kuba sisidenge, ungabi nako ukuthetha, kude kube yimini eziya kuthi zenzeke ngayo ezi zinto, ngenxa enokuba ungakholwanga ngamazwi am; aya kuzalisekiswa wona ngexesha lawo.

21 Baye abantu bemlindile uZekariya, bemangalisiwe kukulibala kwakhe endaweni engcwele leyo. 22 Uthe ke akuphuma, akaba nako ukuthetha kubo; baqonda ukuba ubone umbono endaweni engcwele apho, waye yena emana ukunqwala kubo, wahlala engathethi. 23 Kwathi, yakuzaliseka imihla yolungiselelo lwakhe, wemka waya endlwini yakhe. 24 Emveni ke kwezo ntsuku, uElizabhete umfazi wakhe wamitha, wazifihla iinyanga zantlanu, esithi, 25 Yenjenje iNkosi kum ngemihla eyandibonayo, ukuba ikususe ukungcikiveka kwam phakathi kwabantu. 26 Ke kaloku ngenyanga yesithandathu, isithunywa esinguGabriyeli sathunyelwa nguThixo emzini welaseGalili, ogama liyiNazarete. 27 kwintombi, eganelwe indoda egama linguYosefu, yendlu kaDavide; laye igama lentombi leyo lalinguMariya. 28 Sangena isithunywa kuye, sathi, Vuya, wena ubabalweyo! INkosi inawe, usikelelwe wena phakathi kwabafazi. 29 Uthe ke akusibona, wee qhiphu umbilini ngenxa yelizwi laso; wayecamanga ukuba ungaba mbuliso mni na lo. 30 Sathi ke isithunywa kuye, Musa ukoyika, Mariya, kuba ubabalwe nguThixo. 31 Uyabona, uya kuthabatha esizalweni, uzale unyana, umthiye igama elinguYesu. 32 Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOsenyangweni; iNkosi uThixo iya kumnika itrone kaDavide, uyise. 33 Uya kulawula phezu kwendlu kaYakobi kude kube ngunaphakade; ubukumkani bakhe abuyi kuba nasiphelo. 34 Wathi ke uMariya kuso isithunywa, Kuya kuthini na ukubakho oku, ndingazani nandoda nje? 35 Saphendula ke isithunywa sathi kuye, UMoya oyiNgcwele uya kuza phezu kwakho, athi namandla Osenyangweni akusibekele; kungoko loo nto ingcwele izalwa nguwe iya kubizwa ngokuba nguNyana kaThixo. 36 Uyabona, naye uElizabhete ozalana nawe, ukhawule unyana ekwaluphaleni kwakhe; 37 Kuba akukho nanye into eya kumnqabela yena uThixo. 38 Wathi ke uMariya, Nanko umkhonzazana weNkosi; makube kum ngokwelizwi lakho. Saza isithunywa semka kuye. 39 Ke kaloku, wesuka uMariya ngaloo mihla, wasinga kweleentaba ngobungxamo, emzini wakwaYuda; 40 wangena endlwini kaZekariya, wambulisa uElizabhete. 41 Kwathi, akuwuva uElizabhete umbuliso kaMariya, lwasuka lwaxhuma usana esizalweni sakhe. uElizabhete wazala nguMoya oyiNgcwele; 42 Wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Unentsikelelo wena phakathi kwabafazi, sinentsikelelo nesiqhamo sesizalo sakho. 43 Iyintoni na ke le nto kum, ukuba eze kum unina weNkosi yam? 44 Kuba uyabona, kuthe lakubakho izwi lombuliso wakho ezindlebeni zam, lwasuka lwaxhuma usana ngovuyo esizalweni sam. 45 Unoyolo lowo wakholwayo koko; ngokuba kuya kubakho inzaliseko yezo zinto zithethiweyo kuye yiNkosi. 46 Wathi ke uMariya, Umphefumlo wam uyenza nkulu iNkosi; 47 Kwaye umoya wam ugcobile ngoThixo uMsindisi wam.


Turn static files into dynamic content formats.

Create a flipbook