UYohane ISAHLUKO 1 1 Ekuqalekeni ube ekho uLizwi, waye uLizwi ekuye uThixo, waye uLizwi enguThixo. 2 Yena lowo ebekho ekuqalekeni kuThixo. 3 Izinto zonke zabakho ngaye; engekho yena, akubangakho nanye into ethe yabakho. 4 Kuye kwakukho ubomi; baye obo bomi baba lukhanyiso eluntwini. 5 Ukhanyiso ke olo lukhanya ebumnyameni; kwaye ubumnyama abuzange bukoyise ukukhanya kwalo. 6 Kwakho mntu uthunyiweyo evela kuThixo, ugama linguYohane. 7 Lowo weza kuba lingqina, ukuze angqine ngalo ukhanyiso, ukuze bonke bakholwe ngaye. 8 Yena lowo ubengelulo ukhanyiso; weza kungqina ngalo ukhanyiso. 9 Waye ke yena elukhanyiso oluyinyaniso, olubakhanyiselayo abantu bonke, esiza ehlabathini. 10 Ube esehlabathini ke, ihlabathi labakho ngaye, ke ihlabathi alamazi. 11 Weza kwabakhe, baza abakhe abamamkela. 12 Ke bonke abamamkelayo wabanika igunya lokuba babe ngabantwana bakaThixo, abo ke bakholwayo kwigama lakhe; 13 abangazalwanga ngagazi, nangakuthanda kwanyama, nangakuthanda kwandoda; bazalwa nguThixo. 14 ULizwi waba yinyama, wahlala phakathi kwethu, sabubukela ubuqaqawuli bakhe, ubuqaqawuli kanye bowokuphela kwamzeleyo uYise, ezele lubabalo nayinyaniso. 15 Uthi uYohane angqine ngaye, adanduluke esithi, Ubenguye lo bendithetha yena, ndisithi, Lowo uzayo emva kwam, usuke waba phambi kwam, ngokuba waye etanci kum. 16 Enzalisekweni yakhe thina sonke samkela kwaubabalo phezu kobabalo. 17 Ngokuba umthetho wawiswa ngoMoses, lwabakho lona ubabalo nenyaniso ngoYesu Kristu. 18 Akukho namnye wakha wambona uThixo; uNyana okuphela kwamzeleyo, lowo usesifubeni sikaYise, nguye ocacise oko. 19 Nabu ke ubungqina bukaYohane, oko amaYuda athuma ababingeleli nabaLevi, bephuma eYerusalem, ukuze bambuze besithi, Wena ungubani na? 20 Wavuma, akakhanyela; wavuma ke esithi, Andinguye uKristu mna. 21 Bambuza, besithi, Untoni na ke? UnguEliya na? Wathi yena, Andinguye. Unguye na umprofeti lowo? Wathi yena, Hayi. 22 Bathi ngoko kuye, Ungubani na? ukuze sibaphendule abo basithumileyo. Uthini na wena ngawe? 23 Wathi, Mna ndililizwi lodandulukayo entlango, lisithi, Yityenenezeni indlela yeNkosi, njengoko watshoyo uIsaya umprofeti. 24 Baye abo babethunyiwe bengabakubo abaFarisi. 25 Bambuza bathi kuye, Ubhaptizelani na phofu, ukuba wena akunguye uKristu, noEliya, nomprofeti lowo?
26 Wabaphendula uYohane, esithi, Mna ndibhaptiza ngamanzi; kanti ke phakathi kwenu kumi eningamaziyo nina; 27 Yena ngothe, esiza emva kwam nje, wesuka waba phambi kwam, endingafanelekileyo mna ukuba ndinyobulule umtya wembadada yakhe. 28 Ezi zinto zenzeka eBhetabhara, phesheya kweYordan, apho uYohane wayebhaptiza khona. 29 Ngengomso uYohane umbona uYesu esiza kuye, athi, Nantso iMvana kaThixo, ethwala isuse isono sehlabathi. 30 Nguye lo ndathi ngaye mna, Emva kwam kuza indoda, esuke yaba phambi, kwam; ngokuba yayitanci kum. 31 Bendingayazi nam; le nto ndeza mna, ndibhaptiza ngamanzi, kukuze ibonakalaliswe kuSirayeli. 32 Wangqina uYohane, esithi, Ndimbonile uMoya, esihla njengehobe, ephuma ezulwini, wahlala phezu kwakhe. 33 Ke nam bendingamazi, kodwa lowo wandithumayo ukuba ndibhaptize ngamanzi, nguye owathi kum, Lowo ùbone uMoya esihla phezu kwakhe, ahlale kuye, nguye obhaptiza ngoMoya oyiNgcwele. 34 Nam ndibonile, ndingqinile, ukuba lo nguye uNyana kaThixo. 35 Ngengomso ubuye wema uYohane nababini kubafundi bakhe; 36 ondele kuYesu ehamba, uthi, Nantso iMvana kaThixo. 37 Bamva ethetha abafundi ababini, bamlandela uYesu. 38 Ke kaloku ujikile uYesu, ababone belandela, athi kubo, Nifuna ntoni na? Bathi ke bona kuye, Rabhi (oko kukuthi ngentetho evakalayo, Mfundisi), uhlala phi na? 39 Athi kubo, Yizani nibone. Beza, babona ke apho ahlala khona; bahlala naye loo mini; 40 YayinguAndreya, umzalwana kaSimon Petros, omnye wabo babini, babeve kuYohane, bamlandela. 41 Yena ufumana kuqala owakhe umzalwana, uSimon, athi kuye, Simfumene uMesiya (oko kukuthi ngentetho evakalayo, uKristu). 42 Wamsa kuYesu; uthe ke uYesu wondela kuye, wathi, Wena unguSimon, unyana kaYona; kuya kuthiwa unguKefas, oko kukuthi ngentetho evakalayo, unguKefas. 43 Ngengomso uYesu wafuna ukuphuma aye kwelaseGalili; ufumana uFilipu, athi kuye, Ndilandele. 44 Ke kaloku uFilipu ebengowaseBhetesayida, womzi wakuloAndreya noPetros. 45 UFilipu ufumana uNataniyeli, athi kuye, Lowo uMoses wabhala ngaye emthethweni, kwanabaprofeti, simfumene, uYesu unyana kaYosefu, lowo waseNazarete. 46 Wathi uNataniyeli kuye, Inako na into elungileyo ukuphuma eNazarete? Athi uFilipu kuye, Yiza ubone. 47 UYesu wambona uNataniyeli esiza kuye, athi ngaye, Nanko umSirayeli inyaniso, ekungekho nkohliso kuye. 48 Athi uNataniyeli kuye, Undazi ngani na? Waphendula uYesu wathi kuye, Phambi kokuba uFilipu akubize, uphantsi komkhiwane, ndandikubona. 49 Aphendule uNataniyeli athi kuye, Rabhi, wena unguye uNyana kaThixo; wena unguye uKumkani wakwaSirayeli. 50 Waphendula uYesu wathi kuye, Ngokuba ndithe kuwe, Ndandikubona uphantsi komkhiwane, uyakholwa na? uya kubona izinto ezinkulu kunezi. 51 Athi kuye, Inene, inene, ndithi kuni, Emveni koku niya kulibona izulu livulekile, nezithunywa zikaThixo zinyuka zisihla phezu koNyana woMntu.