Eyoku-1 kwabaseKorinte ISAHLUKO 1 1 UPawulos, obizwe ukuba abe ngumpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, noSostene umzalwana, 2 ubhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, abangcwalisiweyo kuKristu Yesu, ababiziweyo ukuba babe ngabangcwele, kunye nabo bonke abalinqulayo ezindaweni zonke igama leNkosi yethu uYesu Kristu, eyabo neyethu; 3 bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu. 4 Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam ngani, ngenxa yobabalo lukaThixo, awanibabala ngalo nikuKristu Yesu; 5 kuba natyetyiswa kuye ngezinto zonke, ngokuthetha konke, nangokwazi konke; 6 njengokuba ubungqina bukaKristu baqiniswayo kuni; 7 ngokokude ningasileli nakwesinye isipho; nilinde ukufika kweNkosi yethu uYesu Kristu; 8 oya kuniqinisa kude kube sekupheleni, ukuze ningabi nakusoleka ngemini yeNkosi yethu uYesu Kristu. 9 Uthembekile uThixo, enabizelwa nguye ebudlelaneni boNyana wakhe, uYesu Kristu iNkosi yethu. 10 Ke kaloku, ndiyaniyala, bazalwana, ngalo igama leNkosi yethu, uYesu Kristu, ukuba nithethe nto-nye nonke, nokuba kungabikho zahlukahlukano kuni; ke nibe ngabalungisiweyo, nigqibelele ngqiqweni-nye, nasicamangweni sinye. 11 Kuba ndazisiwe ngani, bazalwana bam, ngabakuloKlowe, ukuba kukho iimpikiswano phakathi kwenu. 12 Ukutsho ke ndithi kuthiwa, ulowo kuni uthi, Mna ndingokaPawulos; omnye ke athi, Mna ndingoka-Apolo; omnye ke athi, Mna ndingokaKefas; mna ke ndingokaKristu. 13 Wahlulelene na uKristu? Kwabethelelwa uPawulos yini na emnqamlezweni ngenxa yenu? Nabhaptizelwa egameni likaPawulos na? 14 Ndiyabulela kuThixo, ukuba ndingabhaptizanga namnye kuni, ingenguKrispo noGayo; 15 hleze kubekho othi, ndabhaptizela egameni lam. 16 Ndabhaptiza ke nendlu kaStefana; ngaphandle kwabo, andazi ukuba ndabhaptiza wumbi. 17 Kuba uKristu akandithumanga kubhaptiza; wandithuma ukushumayela iindaba ezilungileyo, kungabi ngabulumko bakuthetha, ukuze umnqamlezo kaKristu ungalanjathiswa. 18 Kuba ilizwi lomnqamlezo libubudenge okunene kwabatshabalalayo; ke kuthi, thina basindiswayo, lingamandla kaThixo. 19 Kuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kubutshabalalisa ubulumko bezilumko, Ingqondo yeengqondi ndiyitshitshise. 20 Siphi na ke isilumko? uphi na umbhali? uphi na umcalula-ndaba weli hlabathi? UThixo akabenzanga baba bubudenge na ubulumko beli hlabathi? 21 Ekubeni ke kuthe, ebulumkweni bukaThixo, ihlabathi alamazi uThixo ngobulumko balo, kwakholeka kuThixo ukusindisa abo bakholwayo, ngabo ubudenge bokuvakalisa iindaba ezilungileyo.
22 Kuba amaYuda efuna umqondiso, namaGrike efuna ubulumko; 23 Ke thina sishumayela uKristu, ebethelelwe emnqamlezweni, isikhubekiso kumaYuda, ubudenge kumaGrike; 24 ke kwabo babiziweyo, amaYuda kwanamaGrike, sivakalisa uKristu ongamandla kaThixo, nobulumko bukaThixo. 25 Ngokuba into kaThixo ebubudenge inobulumko kunabantu; nento kaThixo engenamandla yomelele kunabantu. 26 Kuba luboneni ubizo lwenu, bazalwana, ukuba azizininzi izilumko ngokwenyama, ababaninzi abanamandla, akamaninzi amanene. 27 Kodwa uThixo usuke wanyula izinto ezibubudenge zehlabathi, ukuze ngokwenjenjalo adanise izilumko; Kananjalo uThixo usuke wanyula nezinto ezibonakala ngathi azinamandla ehlabathini, ukuze ngokwenjenjalo adanise abanamandla; 28 nezinto zehlabathi ezingenabuntu, nezingento yanto, wazinyula uThixo, nezingathi azikho, ukuba aziphuthise izinto ezikhoyo; 29 ukuze kungabikho nyama ingaqhayisiyo ebusweni bakhe. 30 Ke niphuma kuye, nina bakuKristu Yesu, owathi ngenxa yethu waba bubulumko obuvela kuThixo, nobulungisa, nobungcwalisa, nentlawulelo; 31 ukuze, njengoko kubhaliweyo, Oqhayisayo aqhayise ngeNkosi. ISAHLUKO 2 1 Mna ke, ndakuba ndizile kuni, bazalwana, andizanga ngabugcisa bakuthetha nabulumko, ndinazisa ubungqina bukaThixo. 2 Kuba ndagqiba kwelokuba ndingazi nto phakathi kwenu, ingenguYesu Kristu, naye ke ebethelelwe emnqamlezweni. 3 Mna kuni ndafika ndaba ngothambileyo, onokoyika, onokugubha okukhulu. 4 Nokuthetha kwam, nokuvakalisa kwam uKristu kube kungengamazwi oyisa ngabulumko babantu; 5 ukuze ukholo lwenu lungabi sebulumkweni babantu, lube semandleni kaThixo. 6 Ke sithetha ubulumko phakathi kwabagqibeleleyo, ubulumko ke obungebubo obeli phakade, nobabaphathi beli phakade ababhangayo; 7 Sithetha ke ubulumko bukaThixo obusemfihlekweni, obo ke bufihlakeleyo, awathi uThixo kwangaphambi kwawo amaphakade, wabumisela uzuko lwethu; 8 ekungabangakho namnye wabaphathi beli phakade ubaziyo; kuba, ukuba babebazi, ngebengayibethelelanga emnqamlezweni iNkosi yozuko. 9 Ke njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe, Nezingathanga qatha entliziyweni yomntu, Zizo uThixo awazilungisela abo bamthandayo. 10 UThixo wazityhila kuthi ke ngoMoya wakhe; kuba uMoya uphengulula zonke izinto, neenzulu zikaThixo. 11 Kuba nguwuphi na kubantu ozaziyo izinto zomntu, ingenguwo umoya womntu okuye? Ngokunjalo nezinto zikaThixo akukho namnye uzaziyo, ingenguye uMoya kaThixo.