Eyoku-1 kaPetros ISAHLUKO 1 1 UPetros, umpostile kaYesu Kristu, ndibhalela abasemzini abathe saa ePonto, eGalati, eKapadokiya, eAsiya, naseBhithiniya, abanyuliweyo ngokokwazi kwenxa engaphambili kukaThixo uYise, ebungcweleni boMoya, kuse ekululameleni nasekufefweni kwegazi likaYesu Kristu:uthi, Makwandiswe kuni ubabalo noxolo. 3 Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, othe ngokobuninzi benceba yakhe, wasizala ngokutsha, ukuba sibe nethemba eliphilileyo ngokuvuka kukaYesu Kristu kwabafileyo; 4 ilifa elingenakonakala, elingenakudyobheka, elingenakubuna, eligcinelwe nina emazulwini; 5 nina bathe ngamandla kaThixo ngokholo bagcinelwa usindiso olulungiselwe ukutyhilwa ngexesha lokugqibela. 6 Enigcoba ngalo, nokuba nithe naba buhlungu umzuzwana ngoku, ukuba nimelwe kuko, phakathi kwezilingo ngezilingo; 7 ukuze ukucikideka kokholo lwenu kufunyanwe kunqabile kakhulu, ngaphezu kwegolide le itshabalalayo, noko icikidwa ngomlilo; kuse kuyo indumiso nembeko nozuko ekutyhilekeni kukaYesu Kristu. 8 Eningambonanga nje, niyamthanda; enithi ke nikholwa kuye, noko ngoku ningamboniyo, nigcobe ngovuyo olungathethekiyo, oluzukisiweyo; 9 nisamkela isiphelo sokholo lwenu, usindiso ke lwemiphefumlo yenu. 10 Usindiso olo baluphengululayo abaprofeti ababeprofeta ngalo ubabalo oluza kunifikela; 11 bephengulula ukuba wayesalatha xesha lini na, linjani na, uMoya kaKristu, awayezingqinela kubo ngenxa engaphambili iintlungu ezamiselwa uKristu, nozuko oluya kuzilandela. 12 Batyhilelwa ukuba ezo ndaba kwakungekuko kubo, bazilungisela thina; ezo zinto zinqwenelwa zizithunywa zezulu ukuqondela kuzo. 13 Ngoko, bhinqani izinqe zengqondo yenu, ninobungcathu, niluthembe ngokugqibeleleyo ubabalo oluziswa kuni ekutyhilekeni kukaYesu Kristu; 14 ngokwabantwana bolulamo, ningazimimeli ngokweenkanuko zangaphambili ekungazini kwenu; 15 nithi ke, ngokokwalowo ungcwele wanibizayo, nibe ngcwele nani ngokwenu kuyo yonke ihambo. 16 Ngenxa enokuba kubhaliwe kwathiwa, Yibani ngcwele; ngokuba ndingcwele mna. 17 Ke, ukuba nimbize ngoBawo, lowo ugwebayo ngokokwenza komntu wonke, engakhethi buso, lihlaleni ixesha lokuphambukela kwenu apha ninoloyiko. 18 nisazi nje ukuba anihlawulelwanga nikhululwe ngazinto zinakonakala, oozisilivere noozigolide, kuyo ihambo yenu engento, enayinikelwayo ngooyihlo; 19 Ngegazi elinqabileyo likaKristu, njengelemvana engenasiphako, engenasiphako; 20 owathi okunene wanyulwa ngenxa engaphambili, lingekasekwa ihlabathi, wabonakalaliswa kuni ekupheleni kwala maxesha;
21 enithi ngaye nakholwa kuye uThixo, owamvusayo kwabafileyo, wamnika uzuko; ukuze ukholo lwakho nethemba lakho libe kuThixo. 22 Niyenze nyulu nje imiphefumlo yenu ngokuyilulamela inyaniso ngoMoya, kuse ekuthandeni abazalwana okungenaluhanahaniso, thandanani ke ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo; 23 nizelwe ngokutsha, kungengokwasembewini enokonakala, kungokwasembewini engenakonakala, ngelizwi likaThixo eliphilileyo, elihleliyo ngonaphakade. 24 Kuba Yonke inyama injengengca, Nabo bonke ubuqaqawuli bomntu bunjengentyantyambo yengca. Ingca iyoma, ivuthuluke nentyantyambo yayo; 25 Ke lona ilizwi leNkosi lihleli ngonaphakade. Elo ke leli lizwi lashunyayelwayo kuni ngeendaba ezilungileyo. ISAHLUKO 2 1 Kungoko ndithi, nibulahleni bonke ububi, nalo lonke ulunya, nokuhanahanisa, nomona, nazo zonke izinyeliso; 2 Njengeentsana ezisandul’ ukuzalwa, langazelelani ubisi olungenakonakala lwelizwi, ukuze nikhule ngalo. 3 ukuba okunene nikuvile, ukuba iNkosi inobubele. 4 Lowo esiza kuye njengelitye eliphilileyo, elicelwe okunene ngabantu, kodwa linyuliwe nguThixo, linqabileyo; 5 nani ke, njengamatye aphilileyo, yakhekani nibe yindlu eyiyeyomoya, isibingeleli esingcwele sokunyusa imibingelelo eyiyeyomoya, eyamkelekileyo kuye uThixo ngoYesu Kristu. 6 Kungoko ikhoyo nokubakho esibhalweni indawo ethi, Yabona, ndibeka eZiyon ilitye lembombo, elinyuliweyo, elinqabileyo; Lowo ukholwayo kuye akayi kukha adaniswe. 7 Kuni ngoko bakholwayo, liyimbeko; ke kwabangevayo, ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo; 8 Ilitye ke lokuwisa, iliwa ke lokukhubekisa, kwabo bakhubekayo, bengaliva ilizwi; 9 Ke nina nisisizukulwana esinyuliweyo, isibingeleli esibukumkani, uhlanga olungcwele, abantu abayinqobo; ukuze nivakalise isidima salowo wanibizayo ukuba niphume ebumnyameni, ningene ekukhanyeni kwakhe okungummangaliso; 10 enanifudula ningebantu, ke ngoku ningabantu bakaThixo; enaningenzelwanga nceba, ke ngoku nenzelwe inceba. 11 Zintanda, ndiyanivuselela njengabaphambukeli nabasemzini, ukuba nikhumke ezinkanukweni ezizezenyama, zona ziwuphumele umkhosi umphefumlo. 12 Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga; ukuze kulo nto bathetha okubi ngani, ngathi ningabenzi bokubi, bathi ngokubona imisebenzi yenu emihle, bamzukise uThixo ngomhla wokuvelelwa. 13 Wuthobeleni ngoko wonke ummiso ongowomntu, ngenxa yayo iNkosi; nokuba ngukumkani, njengowongamileyo; 14 nokuba ngabalawuli, njengabathunyiweyo nguye, ukuze baphindezele okunene kubenzi bokubi, badumise abenzi bokulungileyo. 15 Kuba ukuthanda kukaThixo kukuba nibethe, ngokwenza okulungileyo, nibethe ithi cwaka intswela-kwazi yabantu abaziintsweli-kuqonda;