Skip to main content

Xhosa - The First Epistle of John

Page 1

Incwadi yokuqala kaYohane ISAHLUKO 1 1 Oko kwakukho kwasekuqalekeni, oko sikuvileyo, esikubonileyo ngamehlo ethu, esikubonileyo, zakuphatha izandla zethu, okwelizwi lobomi; 2 (kuba obo bomi babonakaliswayo, sabubona, siyabungqinela, siyabuxela kuni, obo bomi bungunaphakade, bona bube bunaye uYise, babonakaliswa kuthi;) 3 Oko ke sikubonileyo, sikuvileyo, siyakuxela kuni, ukuze nani nibe nobudlelane nathi. Baye ke ubudlelane bethu bunaye uYise, bunaye uNyana wakhe uYesu Kristu. 4 Ezo zinto sinibhalela ukuze uvuyo lwenu luzaliseke. 5 Lulo olu ke udaba esiluvileyo kuye, esinityela lona, lokuba uThixo ukukukhanya, akukho bumnyama kuye nakanye. 6 Ukuba sithi sinobudlelane naye, sibe sihamba ebumnyameni, soba siyaxoka, asiyenzi inyaniso; 7 ke, ukuba sihamba ekukhanyeni, njengokuba yena esekukhanyeni, soba sinobudlelane omnye nomnye, lithi negazi likaYesu Kristu, uNyana wakhe, lisihlambulule kuso sonke isono. 8 Ukuba sithi asinasono, siyazikhohlisa, inyaniso ayikho kuthi. 9 Ukuba sithi sizivume izono zethu, uthembekile, ulilungisa, ukuba asixolele izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi. 10 Ukuba sithi asonanga, simenza ixoki; ilizwi lakhe alikho kuthi. ISAHLUKO 2 1 Bantwanana bam, ndinibhalela ezi zinto, ukuze ningoni. Ukuba kukho othe wona, sinoMthetheleli kuye uYise, uYesu Kristu ilungisa. 2 Yena usisicamagushelo sezono zethu; engesazethu zodwa, usiso nesehlabathi liphela. 3 Sazi ngale nto ukuba siyamazi, ngokuthi siyigcine imithetho yakhe. 4 Lowo uthi, Ndimazile, abe engayigcini imithetho yakhe, ulixoki, kulowo ayikho inyaniso. 5 Ke othi aligcine ilizwi lakhe, okwenyaniso uthando lukaThixo lugqibelele kulowo; sazi ngale nto ukuba sikuye. 6 Lowo uthi uhleli kuye, ufanele ukuthi, njengoko wahambayo yena, enjenjalo ukuhamba naye. 7 Bazalwana, andinibhaleli mthetho mtsha; ngumthetho omdala, ebeninawo kwasekuqalekeni. Umthetho omdala ke lilizwi enalivayo kwasekuqalekeni. 8 Ndibuya ndinibhalele umthetho omtsha, okuyinene oko kuye nakuni; ngokuba ubumnyama buyadlula, kwaye ukukhanya okuyinyaniso sekubonakala. 9 Lowo uthi usekukhanyeni, abe emthiyile umzalwana wakhe, usebumnyameni unangoku. 10 Lowo umthandayo umzalwana wakhe uhleli ekukhanyeni, akukho sikhubekiso kuye.

11 Ke lowo umthiyileyo umzalwana wakhe usebumnyameni, uhamba ebumnyameni. Akazi apho aya khona, ngokuba ubumnyama buwamfamekisile amehlo akhe. 12 Ndiyanibhalela, bantwanana, ngokuba nizixolelwe izono zenu ngenxa yegama lakhe. 13 Ndiyanibhalela, boyise, ngokuba nimazile owasekuqalekeni. Ndiyanibhalela, madodana, ngokuba nimeyisile ongendawo. Ndiyanibhalela, bantwanana, ngokuba nimazile uBawo. 14 Ndanibhalela, boyise, ngokuba nimazile owasekuqalekeni. Ndanibhalela, madodana, ngokuba nomelele, laye ilizwi likaThixo lihleli kuni, nimoyisile ke ongendawo. 15 Musani ukulithanda ihlabathi, kwanezinto ezisehlabathini. Ukuba kukho othi alithande ihlabathi, uthando lukaYise alukho kuye. 16 Kuba konke okusehlabathini, inkanuko yenyama, nenkanuko yamehlo, noqhankqalazo lobu bomi, asikokuphuma kuye uYise, kokuphuma ehlabathini. 17 Ihlabathi ke liyadlula, nenkanuko yalo; ke yena owenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade. 18 Bantwana, lilixa lokugqibela eli; njengoko nevayo ukuba umchasi-Kristu uyeza, nangoku kuthe kwabakho abachasi-Kristu abaninzi, ekuthe ngoko sazi ukuba lilixa lokugqibela. esaziyo ngalo ukuba lilixa lokugqibela. 19 Baphuma kuthi, bengengabo abethu; kuba, ukuba babengabethu, ngebahlalayo nathi; baphuma ukuze babonakale, ukuba bonke babengengabo abethu. 20 Nina ke ninentambiso evela koyiNgcwele, nizazi ke zonke izinto. Andinibhalelanga ngakuba ningayazi inyaniso; ndinibhalele ngokuba niyazi, nangokuba kungekho buxoki buphuma enyanisweni. 22 Ngubani na ixoki, ingenguye okhanyelayo ukuba uYesu unguye uKristu? Lowo ungumchasi-Kristu, omkhanyelayo uYise noNyana. 23 Bonke abamkhanyelayo uNyana, abanaye noYise; 24 Nina ngoko, oko nakuvayo kwasekuqalekeni makuhlale kuni. Ukuba kuthi kuhlale kuni oko nakuvayo kwasekuqalekeni, nani niya kuhlala kuye uNyana, nakuye uYise. 25 Lilo eli idinga, awalibekayo yena kuthi, ubomi obungunaphakade. 26 Ezo zinto ndinibhalele ngabo banilahlekisayo. 27 Nina intambiso enayamkelayo kuye ihleli kuni, anifuni ukuba nifundiswe ngubani; nina, hlalani kuye. 28 Ngoku ke, bantwanana, hlalani kuye; ukuze xa athe wabonakalaliswa, sibe nokungafihlisi singadani, simbaleke ekufikeni kwakhe. 29 Ukuba niyazi ukuba ulilungisa, yazini ukuba bonke abenza ubulungisa bazelwe nguye. ISAHLUKO 3 1 Bonani uthando olungaka asenzele lona uYise, olu lokuba sibizwe ngokuba singabantwana bakaThixo. Ngenxa yoko ihlabathi alisazi thina, ngokuba lingamazanga yena. 2 Zintanda, ngoku singabantwana bakaThixo. Akukabonakali ke into esiya kuba yiyo; ke siyazi ukuba, xa athe wabonakala, sofana naye; ngokuba siya kumbona njengoko anjalo.


Turn static files into dynamic content formats.

Create a flipbook
Xhosa - The First Epistle of John by Filipino Tracts and Literature Society Inc. - Issuu