Skip to main content

Xhosa - The Epistle to the Philippians

Page 1

KwabaseFilipi ISAHLUKO 1 1 UPawulos noTimoti, abakhonzi bakaYesu Kristu, babhalela bonke abangcwele abakuKristu Yesu, abaseFilipi, ndawonye nabaveleli nabalungiseleli; 2 bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu. 3 Ndiyambulela uThixo wam ekunikhumbuleni kwam konke; 4 Ndihlala ndikhunga ngenxa yenu nonke ngovuyo; 5 ngenxa yobudlelane benu obubhekisele kuzo iindaba ezilungileyo, kususela kwimini yokuqala kude kube ngoku; 6 ekubeni ndikholose ngayo le nto, yokuba lowo wawuqalayo ngaphakathi kwenu umsebenzi olungileyo, wowufeza, ide ibe yiloo mini kaYesu Kristu; 7 njengokuba kufanelekile ukuba ndicinge oko ngani nonke, ngokuba nikum entliziyweni; nithe, nasezintanjeni zam, nasekuziphenduleleni kwam, nasekuziqiniseni kwam iindaba ezilungileyo, naba ngamadlelana nam ngobabalo olu, nina nonke. 8 Kuba uThixo ulingqina lam lokuba kukhulu ukunilangazelela kwam nonke, ndineemfesane zikaYesu Kristu. 9 Oku ke ndithandazela, ukuba uthando lwenu luphuphume ngakumbi nangakumbi ekwazini nasekucingeni konke; 10 ukuze nizicikide izinto eziziincamisa; ukuze nibe msulwa, ningabi nasiphako, ide ibe yiloo mini kaKristu; 11 nizele ziziqhamo zobulungisa ezingoYesu Kristu, nikhangelise ekuzukiseni nasekudumiseni uThixo. 12 Ke kaloku ndinga ningazi, bazalwana, ukuba izinto ezindihleleyo, zibethe kwakukhona zihambayo iindaba ezilungileyo; 13 ngokokude iintambo zam ezi zibonakale kuyo yonke indlu yomkhosi nakwabanye bonke, ukuba zikuKristu; 14 baze abona bazalwana baninzi bathi, beseNkosini, bekholose ngeentambo zam ezi, babe kukhona benobuganga bokulithetha ilizwi, bengenakoyika. 15 Okunene abathile bamvakalisa uKristu ngomona neenkani; ukanti ke inxenye ikholwa; 16 Abeyelenqe abo bamazisa uKristu ngokungenyulu, beba baya kongezelela imbandezelo kwiintambo zam; 17 ke aba, benziwa luthando, bamazisa wKristu besazi ukuba ndimiselwe ukuziphendulela iindaba ezilungileyo. 18 Kuthiweni na ke ngoko? Noko kunjalo, ngeendlela zonke, nokuba kungokunyhwalaza, nokuba kungenyaniso, kwaziswa uKristu. Ndiyavuya kuko oko, ndaye ndisaya kuvuya. 19 Kuba ndiyazi ukuba oku kuya kuphumelela elusindisweni lwam ngako ukuthandaza kwenu, nangoncedo loMoya kaYesu Kristu; 20 kuye ngokulangazelela nangokuthemba kwam, ukuba andiyi kudaniswa nganto; uya kusuka ngako konke ukungafihlisi, njengokwamaxesha onke, athi nangoku enziwe mkhulu uKristu emzimbeni wam, nokuba na kungobomi, nokuba kungokufa. 21 Kuba kum mna, ukudla ubomi kunguKristu, ukufa kuyinzuzo. 22 Ke ukuba ukudla ubomi ndisenyameni kusisiqhamo somsebenzi kum oko, into ke endonyula yona, andiyazi.

23 Kuba ndixinekile phakathi kwezinto ezimbini; ndinawo umnqweno wokunga ndinganduluka, ndiye kuba noKristu; eyona ingcono kakhulu: 24 kodwa ukuhlala ndihleli ndisenyameni, yeyona nto ifunekayo ngenxa yenu. 25 Kananjalo, ndikholose ngoko nje, ndiyazi ukuba ndiya kuhlala ndihlale, ndihleli nani nonke, ukuze nihambele phambili, nivuyiswe lukholo; 26 ukuze iqhayiya lenu kuKristu Yesu ngam liye lisanda ngokwanda, ngako ukubuya ndibekho kuni. 27 Kuphela nje ihambo yenu mayibe njengokuzifaneleyo iindaba ezilungileyo zikaKristu, ukuze, nokuba ndifikile kuni, nokuba ndingekhoyo, ndive iindaba zenu, ukuba nimi moyeni mnye, nicinga nto-nye, nizama ukholo. yeendaba ezilungileyo; 28 into ke leyo engumbonakalaliso wentshabalalo okunene kubo, kodwa ingumbonakalaliso wosindiso kuni, kube ke oko kuvela kuThixo. 29 Kuba nina aba ngenxa kaKristu babalelwa ukuba ninganeli kukholwa kuye; 30 ninawo umzamo onjengalowo nawubonayo kum, nangoku niwuvayo ukuba ukho kum. ISAHLUKO 2 1 Ukuba ke ngoko kukho intuthuzelo kuKristu, ukuba kukho intuthuzelo yothando, ukuba kukho ubudlelane boMoya, ukuba kukho imfesane neemfefe, 2 Luzaliseni uvuyo lwam, ukuze nicinge nto-nye, ninaluthando lunye, ninamphefumlo mnye, nicinga nto-nye. 3 ningenzi nanye into ngokweyelenqe, nangokozuko olulambathayo; yithini ngokuthobeka kwentliziyo omnye ambalele omnye ekuthini nguyena wongamileyo kunaye. 4 Makangathi elowo axunele kwezakhe izinto zodwa, elowo makaxunele nakwezabanye. 5 Yibani nale ngcinga kuni, wayenayo kuye uKristu Yesu; 6 owathi, esebumeni bukaThixo, akaba kukulingana ukulingana noThixo; 7 usuke wazenza wangazi nto, wathabatha ubume bomkhonzi, wenziwa wafana nabantu. 8 wathi ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke kwasemnqamlezweni. 9 Kungoko athe uThixo wamphakamisa kakhulu, wamnika igama elingaphezu kwawo onke amagama; 10 ukuze ngegama likaYesu onke amadolo agobe, awabasemazulwini, nawabasemhlabeni, nawabaphantsi komhlaba; 11 zithi zonke iilwimi zixele ukuba uYesu Kristu uyiNkosi, kuze kuzukiswe uThixo uYise. 12 Ngoko ke, zintanda zam, njengokuba nahlala ninokuva, lusebenzeni nilufeze olwenu usindiso, ninokuzoyikela nokungcangcazela; 13 Kuba nguThixo okusebenzayo Ngaphakathi kwenu ukuthanda oko, kwanokusebenza oko, ngenxa yenkolelo yakhe. 14 Yenzani zonke izinto ngaphandle kokumbombozela nokuxambulisana. 15 ukuze nibe ngabangenakusoleka, nabangenakusoleka, nibe ngabantwana bakaThixo abangenakusoleka phakathi kohlanga olujijekileyo, olugwenxa, enikhanya phakathi kwalo njengezikhanyiso ehlabathini;


Turn static files into dynamic content formats.

Create a flipbook
Xhosa - The Epistle to the Philippians by Filipino Tracts and Literature Society Inc. - Issuu