Hebhere ISAHLUKO 1 1 UThixo owathetha kudala kwamandulo, nangeendlela ezininzi, koobawo ngabo oobawo ngabo abaprofeti; 2 Uthethe kuthi ekupheleni kwale mihla ngoNyana wakhe, awammisayo wayindlalifa yeento zonke, awathi kwangaye wawenza amahlabathi; 3 othe, elubengezelo lobuqaqawuli bakhe, nombhalo wenkqu yakhe, ezithwele nokuzithwala zonke izinto ngalo ilizwi lamandla akhe, wesuka, akuba eyenzile ngokwakhe intlambululo yezono, wahlala phantsi ngasekunene kobuKhulu, enyangweni; 4 ethe waba ngonamandla ngaphezu kwezithunywa zezulu, ngangoko azuze ilifa legama eligqithiseleyo kunelazo. 5 Kuba sisiphi na isithunywa, awakha wathi kuso, UnguNyana wam wena, Mna ndikuzele namhla? Nokuthi, Mna ndiya kuba nguYise kuye, Yena abe nguNyana wam? 6 Nangexa athi amngenise owamazibulo kwelimiweyo, uthi, Maziqubude kuye zonke izithunywa zikaThixo. 7 Malunga nezithunywa zezulu uthi, Ulozenza izithunywa zakhe imimoya, Nabalungiseleli bakhe ilangatye lomlilo. 8 Kodwa ngaye uNyana uthi, Itrone yakho, Thixo, ingunaphakade kanaphakade; 9 Uthanda ubulungisa, uthiye okungendawo; Ngenxa yoko, uThixo, uThixo wakho, ukuthambise Ngeoli yomhlali ngaphezu kwabalingane bakho. 10 Kananjalo wathi, Wena, Nkosi, waliseka ihlabathi kwasekuqalekeni; Liyimisebenzi yezandla zakho izulu; 11 Ezo zinto ziya kutshabalala; ke wena uhlala uhleli; Aye onke njengengubo eya konakala; 12 Uya kuzisonga njengesambatho, ziguqulwe; ke wena ukwanguwe, neminyaka yakho ayiyi kuphela. 13 Sisiphi na ke isithunywa, awakha wathi kuso, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho? 14 Azingomoya ababusayo zonke na, zithunywe ukuba zilungiselele abo baza kuba ziindlalifa zosindiso? ISAHLUKO 2 1 Ngenxa yoko, simelwe kukuzinyamekela ngokugqithiseleyo izinto esazivayo, hleze sikhukuliswe simke kuzo. 2 Kuba, ukuba ilizwi elathethwa ngezithunywa zezulu laqina, kwathi konke ukugqitha nokungeva kwamkela umvuzo oyeleleyo; 3 Sothini na thina ukusinda, sakuba siluhilizele usindiso olungakanana? eyathi ekuqaleni ukuthethwa yiyo iNkosi, yaza yaqiniselwa kuthi ngabo bayivayo; 4 Naye uThixo engqina ngabo, nangemiqondiso, kwanezimanga, nemisebenzi ngemisebenzi yamandla, nezabelo zoMoya oyiNgcwele, ngokokuthanda kwakhe? 5 Kuba akalithobelanga phantsi kwezithunywa zezulu elimiweyo eliza kubakho, eli sithetha ngalo. 6 Ke, wakha wangqina ubani, esithi, Uyintoni na umntu, le nto umkhumbulelayo? Unyana womntu, le nto umvelelayo? 7 Umsilelise kancinane kunezithunywa zezulu; Wamthwesa uzuko nembeko, Wammisa phezu kwemisebenzi yezandla zakho.
8 Zonke izinto wazithobela phantsi kweenyawo zakhe. Kuba ekubeni wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto, akashiyanga nto ingathotyelwanga phantsi kwakhe. Kungoku ke asikaziboni zithotyelwe phantsi kwakhe zonke izinto. 9 Ke sibona lo uncitshiswe kancinane kunezithunywa zezulu, uYesu ke, ethe ngenxa yeentlungu zokufa, ethweswe uzuko nembeko; ukuze ngobabalo lukaThixo eve ukufa ngenxa yabo bonke. 10 Kuba bekumfanele lowo, ezingenxa yakhe zonke izinto ezo, nezingaye zonke izinto ezo, ekubeni ezise oonyana abaninzi eluzukweni, ukuthi ayenze ngeentlungu igqibelele imbangi yosindiso lwabo. 11 Kuba lowo ungcwalisayo, kwanabo bangcwaliswayo, baphuma kumnye bonke; 12 esithi, Ndiya kulazisa igama lakho kubo abazalwana bam. 13 Abuye athi, Ndiya kukholosa ngaye. Abuye athi, Yabona, mna nabantwana andinike bona uThixo. 14 Ekubeni ngoko abantwana abo bengamadlelane naye ngenyama negazi, wathi naye ngokwakhe ngokukwanjalo wabelana nabo ngezo zinto; ukuze ngako ukufa ambhangise lowo unegunya lokufa, oko kukuthi, uMtyholi lo; 15 abakhulule ebukhobokeni bonke abo babethe ngalo lonke ixesha lokudla kwabo ubomi bazizisulu zokoyika ukufa. 16 Kuba ndithi, akathabatheli kuye zithunywa; wathabathela kuye imbewu ka-Abraham. 17 Ekuthe ngoko wafanelwa kukuba afane nabazalwana bakhe ngezinto zonke, ukuze abe ngonenceba, kwanombingeleli othembekileyo omkhulu ezintweni ezilunge kuThixo, ukuze azicamagushele izono zabantu. 18 Kuba ekubeni eve ubunzima, ehendwa naye ngokwakhe, unako ukubasiza abahendwayo. ISAHLUKO 3 1 Ndithi ngoko, bazalwana bangcwele, mabelana ngobizo lwasemazulwini, mondeleni uMpostile, uMbingeleli oMkhulu wovumo lwethu, uKristu Yesu; 2 ethembekile kulowo wamenzayo, kwanjengoMoses endlwini yakhe iphela. 3 Kuba lo ubalelwe ekuthini ufanelwe luzuko olungaphezu kolukaMoses; ngangokuba lowo wayakhayo indlu, enembeko engaphezu kwayo indlu. 4 Kuba yonke into eyindlu inoyakhayo; ke lowo wazakhayo zonke izinto nguThixo. 5 Okunene noMoses ebethembekile endlwini yakhe iphela ngokomkhonzi, ukuze bube bubungqina obo bezinto eziya kuthethwa. 6 Ke yena uKristu uthembeke ngokonyana phezu kwendlu yakhe; esiyindlu yakhe ke thina, ukuba sithe sakubamba ngokuthe nkqi ukungafihlisi kwethu, neqhayiya lethemba lethu, sada sesa ekupheleni. 7 Ngoko ke, njengoko atshoyo uMoya oyiNgcwele, ukuthi, Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe, 8 Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu, njengasengcaphukisweni, ngomhla wokuhendwa entlango; 9 Oko bandilingayo ooyihlo, bandilinga, Bayibona imisebenzi yam iminyaka emashumi mane.