UJames ISAHLUKO 1 1 UYakobi, umkhonzi kaThixo neNkosi uYesu Kristu, ubhalela izizwe ezilishumi elinazibini eziziintsali, ebulisa. 2 Bazalwana bam, kubaleleni ekuthini kuluvuyo olukhulu, xa niwela kwizilingo ngezilingo; 3 nisazi nje ukuba ucikido lokholo lwenu lusebenza umonde. 4 Umonde ke mawube nomsebenzi ozalisekileyo, ukuze nibe ngabazalisekileyo, abagqibeleleyo, ningaswele nto. 5 Ukuba ubani kuni uswele ubulumko, makacele kuThixo, onika bonke engenakumbi, engangcikivi; kwaye uya kuyinikwa. 6 Makacele ekholwa, engathandabuzi; Kuba lowo uthandabuzayo ufana nokulatyuza kolwandle, luqhutywa ngumoya, luntsileka. 7 Kuba loo mntu makangabi uya kwamkela nto kuyo iNkosi. 8 Indoda emphefumlo umbaxa iyahlozinga kuzo zonke iindlela zayo. 9 Ke umzalwana othobekileyo makaqhayise ngako ukuphakama kwakhe; 10 osisityebi ke makaqhayise ngako ukuthobeka kwakhe; ngokuba uya kudlula njengentyantyambo yengca. 11 Kuba lithi lakuphuma ilanga, kunye nolophu, liyitshise ingca, ize ke intyantyambo yayo ivuthuluke, buthi nobuhle bembonakalo yayo butshabalale; siya kwenjenjalo nesityebi ukungcumbeka eluhambeni lwaso. 12 Inoyolo indoda ekunyamezelayo ukulingwa; ngokuba yothi, yakuba icikidekile, isamkele isithsaba sobomi, ebabeke ngedinga iNkosi abo bayithandayo. 13 Makungabikho namnye utshoyo akuhendwa ukuthi, Ndihendwa kwaThixo; 14 Elowo ke uhendwa akutsalwa, abanjiswe, yeyakhe inkanuko. 15 Ithi inkanuko, yakuba ithabathile, izale isono; 16 Musani ukulahlekiswa, bazalwana bam baziintanda. 17 Sonke isipho esilungileyo, naso sonke isipho esigqibeleleyo, sesaphezulu; sihla sivela kuye uYise wezikhanyiso, ongenabuyambo nasithunzi sakujika. 18 Uthandile, wasizala ngelizwi lenyaniso, ukuze sibe yintlahlela yazo izidalwa zakhe. 19 Ngoko ke, bazalwana bam baziintanda, makathi umntu wonke enze msinya ukuva, enze kade ukuthetha, enze kade ukuqumba; 20 kuba ingqumbo yendoda ayisebenzi bulungisa bukaThixo. 21 Kungoko endithi, nibubekile nxamnye bonke ubunyhukunyhuku nokuphuphuma ulunya, namkele ninobulali ilizwi elimiselweyo kuni, elinako ukuyisindisa imiphefumlo yenu. 22 Yibani ke ngabenzi belizwi, ningabi ngabaphulaphuli kodwa, nizikhohlisa. 23 Kuba umntu, ukuba ungumphulaphuli nje welizwi, engemenzi walo, lowo ufana nendoda eqiqa ubuso bayo bobuntu esipilini; 24 kuba iyaziqiqa, imke, ilibale kwaoko ukuba ibinjani na. 25 Ke yena oqondela emthethweni ogqibeleleyo wayo inkululeko, ahlale ehleli kuwo, lowo, ethe nje akaba
ngumphulaphuli olibalayo, esuke waba ngumenzi womsebenzi: yena uya kuba noyolo ekwenzeni kwakhe. 26 Ukuba ubani kuni uba ungonqulayo, abe engalubambi ngomkhala ulwimi lwakhe, elukuhla intliziyo yakhe, unqulo lwalowo alunto yanto. 27 Unqulo lona oluhlambulukileyo, olu ngadyobhekileyo phambi koThixo uBawo, lulo olu: kukuvelela iinkedama nabahlolokazi embandezelweni, yabo: kukuzigcina engenabala kulo ihlabathi. ISAHLUKO 2 1 Bazalwana bam, musani ukukuphatha ngokukhetha buso bamntu, ukukholwa yiNkosi yethu yozuko, uYesu Kristu. 2 Kuba, xa kuthe kwangena endlwini yenu yesikhungu indoda enemisesane yegolide, inengubo eqaqambileyo; kwaza ke kwangena ihlwempu, lineengubo ezimdaka; 3 naza nakhangela kulowo uvethe ingubo eqaqambileyo, nathi kuye, Hlala apha wena kakuhle; ndithi kwihlwempu, Yima wena phaya, mhlawumbi uhlale phantsi phantsi kwesihlalo seenyawo zam; 4 Anikhethi buso na phakathi kwenu, naba ngabagwebi beengcinga ezimbi? 5 Yivani, bazalwana bam baziintanda: uThixo akawanyulanga na amahlwempu eli hlabathi, ukuba abe zizityebi zokholo, neendlalifa zobukumkani, awababeka ngedinga abo bamthandayo? 6 Ke nina niwadelile amahlwempu. Izityebi azinishicileli na? Azinirholeli ematyaleni na? 7 Abalinyelisi na igama elihle, nabizwa ngalo? 8 Ukuba niyawuzalisa umthetho wakomkhulu, ngokwesibhalo esithi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako, nityaphile; 9 kodwa ukuba nikhetha ubuso bomntu, nisebenza isono, niyohlwaywa ngumthetho ngokwabagqithi. 10 Kuba yena oya kuwugcina umthetho uphela, akhubeke mthethweni mnye, unetyala layo yonke. 11 Kuba lowo wathi, Musa ukukrexeza, ubuye wathi, Musa ukubulala. Ke, ukuba akukrexezi, kodwa ubulala, usewuthe waba ngumgqithi-mthetho. 12 Yithini ukuthetha, yithini ukwenza, nabaza kugwetywa ngomthetho wenkululeko. 13 Kuba umgwebo awuyi kuba natarhu kulowo ungenzanga nceba; yaye inceba iwuqhayisela umgwebo. 14 Kunceda ntoni na, bazalwana bam, ukuba umntu uthi unokholo, abe imisebenzi ke engenayo? Lunako na ukumsindisa ukholo? 15 Ukuba ke umzalwana, nokuba ngudade, uthe wahamba ze, eswele ukudla kwemihla ngemihla, 16 athi ke omnye wenu kubo, Hambani ninoxolo, yothani, hluthani; nibe ke ningabaniki izinto ezo ziwufaneleyo umzimba; inceda ntoni na? 17 Ngokunjalo nalo ukholo, ukuba luthi lungabi namisebenzi, lufile ngokukokwalo. 18 Wosuka omnye, athi, Wena unokholo, ke mna ndinemisebenzi; ndibonise ukholo lwakho olungenamisebenzi yakho; nam ndokubonisa ngokwasemisebenzini yam ukholo lwam. 19 Wena uyakholwa ukuba uThixo mnye; uyatyapha; nazo iidemon ziyakholwa, zibe namanwele. Uyathanda na ke ukwazi, mntundini ungento, ukuba ukholo olu, ingekho imisebenzi, lufile?