Skip to main content

Xhosa - The Book of Ruth

Page 1

URute ISAHLUKO 1 1 Ke kaloku kwathi ngemihla yokulawula kwabagwebi, kwabakho indlala elizweni. Yahamba indoda yaseBhetelehem yakwaYuda, yaphambukela ezweni lakwaMowabhi, yona nomkayo, noonyana bayo bobabini. 2 Ke igama laloo ndoda lalinguElimeleki, igama lomkayo linguNahomi; amagama oonyana bayo babengooMalon noKiliyon, bengamaEfrata aseBhetelehem yakwaYuda. Bafika ezweni lakwaMowabhi, bahlala khona. 3 Wafa uElimeleki indoda kaNahomi; wasala yena noonyana bakhe bobabini. 4 Bazeka abafazi kubafazi bakwaMowabhi; igama lomnye lalinguOrpa, igama lomnye lalinguRute; bahlala khona iminyaka engathi ilishumi. 5 Bafa kananjalo bobabini ooMalon noKiliyon; washiywa ke loo mfazi ngoonyana bakhe bobabini nendoda yakhe. 6 Wesuka yena noomolokazana bakhe, wabuya ezweni lakwaMowabhi; ngokuba ubevile ekwaMowabhi, ukuba uYehova ubavelele abantu bakhe ngokubanika isonka. 7 Waphuma kuloo ndawo abekuyo, enoomolokazana bakhe bobabini; bahamba ngendlela yokubuyela ezweni lakwaYuda. 8 Wathi uNahomi koomolokazana bakhe bobabini, Hambani, nibuyele elowo endlwini yonina; uYehova makanenzele inceba, njengoko nenze ngako kubafi nakum. 9 UYehova makaninike nifumane indawo yokuphumla, elowo endlwini yendoda yakhe. Waza wabanga; baliphakamisa ilizwi labo, balila. 10 Bathi kuye, Hayi, siya kubuyela nawe kubantu bakowenu. 11 Wathi uNahomi, Buyani, zintombi zam; yini na ukuba nihambe nam? kusekho oonyana esizalweni sam, ukuba babe ngamadoda enu? 12 Buyani, zintombi zam, hambani; ngokuba sendikwaluphalele ukuba nendoda. Ukuba bendithe, Ndisenethemba, nokuba bendithe ndaba ngonendoda ngobu busuku, nokuba bendithe ndazala oonyana; 13 Niya kuwalinda na ade akhule? Niya kuwahlalela na, ukuba ningabi namadoda? Hayi, zintombi zam; ngokuba kukrakra kum kakhulu ngenxa yenu, ukuba isandla sikaYehova siphumelene nam. 14 Baliphakamisa ilizwi labo, babuya balila. UOrpa wamanga uninazala; ke uRute wanamathela kuye. 15 Wathi yena, Uyabona, umkhuluwakazi wakho ubuyele kubantu bakowabo, nakoothixo bakowabo; 16 Wathi uRute, Musa akundibongoza ngokuthi mandikushiye, ndibuye, ndingakulandeli; ngokuba apho uya khona, ndiya kuya nam; apho uya kuthi vu khona, ndiya kuthi vu khona; abantu bakowenu baya kuba ngabantu bam, uThixo wakho abe nguThixo wam; 17 apho ufela khona, ndiya kufela khona, ndingcwatyelwe khona. Makenjenje uYehova kum, aqokele ukwenjenje:kukufa kodwa okuya kundahlula nawe. 18 Wabona ukuba uzimisele ukuhamba naye, wayeka ukuthetha kuye. 19 Bahamba ke bobabini, bada bafika eBhetelehem. Kwathi, bakufika eBhetelehem, wanyakazela umzi ngenxa yabo, kwathiwa, NguNahomi na lo?

20 Wathi kubo, Musani ukuthi ndinguNahomi; yithini ndinguMara, ngokuba uSomandla undenze ndakrakra kunene. 21 Ndemka mna ndizele; ke uYehova undibuyisa ndilambatha; yini na ukuba nithi ndinguNahomi; uYehova engqinile nje ngam, uSomandla endicinezele nje? 22 Wabuya ke uNahomi enoRute umMowabhikazi, umolokazana wakhe, owabuya ezweni lakwaMowabhi, beza eBhetelehem ekuqaleni kokuvunwa kwerhasi. ISAHLUKO 2 Ke kaloku uNahomi ebenesihlobo sendoda yakhe, indoda esisityebi emzalwaneni kaElimeleki; + yaye igama lakhe lalinguBhohazi. 2 Wathi uRute umMowabhikazi kuNahomi, Makhe ndiye entsimini, ndibhikice izikhwebu emva kwalowo ndiya kubabalwa nguye. Wathi kuye, Hamba, ntombi yam. 3 Wemka, waya wabhikica entsimini emva kwabavuni; kwathi, wehla phezu kwentsimi kaBhohazi, ongowomzalwane kaElimeleki. 4 Kwathi gqi uBhohazi, evela eBhetelehem, wathi kubavuni, UYehova makabe nani. Bathi kuye, UYehova makakusikelele. 5 Wathi uBhohazi kumfana ophethe abavuni, Yekabani na le nkazana? 6 Waphendula umkhonzi ophethe abavuni, wathi, Yinkazana engumMowabhikazi, efike noNahomi, bevela ezweni lakwaMowabhi; 7 yathi ke, Makhe ndibhikice, ndibuthe phakathi kwezithungu emva kwabavuni; yeza ke, yema kwakusasa kwada kwangoku, yahlala endlwini kancinane. 8 Wathi uBhohazi kuRute, Uyeva na, ntombi yam? Musa ukuya kubhikica kwenye intsimi; musa ukumka apha; 9 Amehlo akho makabe sentsimini oyivunayo wona, uwulandele; wakuba unxaniwe, yiya ezityeni, usele into ekhiqiweyo ngabafana. 10 Wawa ngobuso bakhe, waqubuda emhlabeni, wathi kuye, Yini na ukuba ndibabalwe nguwe, undibuke, ndiyinkazana yolunye uhlanga nje? 11 Waphendula uBhohazi, wathi kuye, Ndiyixelelwe kakuhle yonke into oyenzileyo kunyokozala, emveni kokufa kwendoda yakho, nokushiya kwakho uyihlo nonyoko, nelizwe lokuzalwa kwakho. , ufikile ebantwini obungabazi ngaphambili. 12 UYehova makakubuyekeze ukwenza kwakho, uzaliseke umvuzo wakho ovela kuYehova uThixo kaSirayeli, oze wazimela phantsi kwamaphiko akhe wena. 13 Wathi yena, Mandibabalwe nguwe, nkosi yam; ngokuba undithuthuzele, uthethe kakuhle nomkhonzazana wakho, ndingenjengomnye wabakhonzazana bakho nje. 14 Wathi uBhohazi kuye, Ngexesha lokudla sondela apha, udle isonka, uncinde iviniga ngeqhekeza lakho. Wahlala phantsi ngasecaleni labavuni. Wamnika ikhweba, wadla, wahlutha, washiya. 15 Wesuka ke waya kubhikica; uBhohazi wawawisela umthetho amadodana akhe, wathi, Makabhikice naphakathi kwezithungu, ningamdanisi; 16 Kwaye ke ngoko nimphathele inxalenye yezandla zakhe phezu kwakhe, niyiyeke, ukuze ayibhikice, ningamkhalimeli. 17 Wabhikica entsimini leyo kwada kwahlwa, wayibhula into abeyibhikicile, yanga yiefa yerhasi.


Turn static files into dynamic content formats.

Create a flipbook
Xhosa - The Book of Ruth by Filipino Tracts and Literature Society Inc. - Issuu