Skip to main content

Xhosa - The Book of Psalms

Page 1

Iindumiso ISAHLUKO 1 1 Hayi, uyolo lomntu ongahambiyo ngecebo labangendawo, Ongemiyo endleleni yaboni, Ongahlaliyo embuthweni yabagxeki! 2 Yena unonelela umyalelo kaYehova; ucamanga ngomyalelo wakhe imini nobusuku. 3 Unjengomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi, Onika isiqhamo sawo ngexesha lawo; negqabi lakhe aliyi kubuna; konke akwenzayo kophumelela. 4 Abanjalo abangahloneli Thixo; Banjengomququ ophetshethwa ngumoya. 5 Ngako oko abangendawo abayi kuma emgwebeni, naboni ebandleni lamalungisa. 6 Ngokuba uYehova uyayazi indlela yamalungisa; Ke yona indlela yabangendawo iya kudaka. ISAHLUKO 2 1 Yini na ukuba iintlanga zenze imbuthumbuthu, Abantu bacinge into engeyakonto? 2 Bazimisile ookumkani behlabathi, nabathetheli bacebisana ngoYehova, nangomthanjiswa wakhe; 3 Masiziqhawule iimbophelelo zabo, sizilahle izintya zabo kuthi. 4 Ohleli emazulwini uya kuhleka, INkosi iya kubagculela. 5 Uya kuthetha kubo ngomsindo wakhe, Abakhwankqise ngokuvutha kwakhe ngumsindo. 6 Mna ke ndimmisile ukumkani wam Phezu kweZiyon, intaba yam engcwele. 7 Athi yena, Ndiya kuwuvakalisa ummiselo: UYehova uthe kum, UnguNyana wam wena; Mna namhla ndikuzele. 8 Cela kum, ndikunike iintlanga zibe lilifa lakho, Iziphelo zehlabathi zibe zezakho. 9 Uya kuzivikiva ngentonga yentsimbi; uya kuziqhekeza zibe ziingceba, njengesitya sombumbi. 10 Ngoko ke, nina bokumkani, qiqani; 11 Mkhonzeni uYehova ninoloyiko, nigcobe ningcangcazela. 12 Mangeni uNyana, hleze aqumbe, nitshabalale endleleni, ngokuba ungahle uvuthe umsindo wakhe. Hayi, uyolo lwabo bonke abakholose ngaye! ISAHLUKO 3 1 Umhobe kaDavide, ekubalekeni kwakhe kuAbhisalom unyana wakhe. Yehova, hayi, ukuba baninzi kwabandibandezelayo! baninzi abasukela phezulu kum. 2 Baninzi abathi kumphefumlo wam, Akanalusindiso kuThixo. Selah. 3 Wena, Yehova, uyingweletshetshe kum; uzuko lwam, nokuphakanyiswa kwentloko yam. 4 Ndidanduluka kuYehova ngezwi lam, Andiphendule entabeni yakhe engcwele. Selah. 5 Ndalala phantsi, ndalala ubuthongo; Ndavuka; ngokuba uYehova endixhasa. 6 Andizoyiki amawaka-waka abantu, Abasukela phezulu kum ngeenxa zonke.

7 Khawusuk’ ume, Yehova; Ndisindise, Thixo wam; Ngokuba uzibetha zonke iintshaba zam emhlathini; Amazinyo ongendawo uyawaphula. 8 Usindiso lolukaYehova: Mayibe phezu kwabantu bakho intsikelelo yakho. Selah. ISAHLUKO 4 Umhobe kaDavide. Ekudandulukeni kwam, Thixo wobulungisa bam, ndiphendule; wandenzela banzi ekubandezelekeni kwam; Ndibabale, uwuve umthandazo wam. 2 Nina, nyana babantu, kunini na uzuko lwam niluhlazisa? Kunini na nithanda amampunge, nithanda amanga? Selah. 3 Yazini ke ukuba uYehova uzibalulele owenceba; uYehova uya kuva ndakudanduluka kuye. 4 Yoyikani, ningoni; Thethani neentliziyo zenu ezinkukweni zenu, nithi cwaka. Selah. 5 Bingelelani imibingelelo yobulungisa, Nikholose ngoYehova. 6 Baninzi abathi, Ngubani na owosibonisa okulungileyo? Siphakamisele ukukhanya kobuso bakho, Yehova. 7 Uyivuyisile intliziyo yam, Ngaphezu kwexesha lokwanda kwengqolowa yabo, newayini yabo entsha. 8 Ndiya kulala phantsi, ndilale ubuthongo kwangoku, ndixolile, Ngokuba wena, Yehova, undihlalisa ndikholosile, noko ndindedwa. ISAHLUKO 5 1 Kumongameli. Umhobe kaDavide. Wabekele indlebe amazwi am, Yehova, kugqale ukucamngca kwam. 2 Libekele indlebe izwi lokuzibika kwam, Kumkani wam, Thixo wam, ngokuba ndithandaza kuwe. 3 Yehova, uya kuliva izwi lam kwakusasa; kwakusasa ndiya kuwusingisa kuwe umthandazo wam, ndibonisele. 4 Ngokuba wena akunguThixo onanze okungendawo, Akanakuphambukela kuwe onobubi. 5 Izimathane aziyi kuma phambi kwakho; Uyabathiya bonke abasebenzi bobutshinga. 6 Uze ubatshabalalise abathetha ubutshinga; Indoda enegazi nenkohliso ilisikizi kuYehova. 7 Ke mna ndiya kungena endlwini yakho ngenxa yenceba yakho eninzi, Ndiqubude, ndibhekise etempileni yakho engcwele ngokukoyika. 8 Yehova, ndikhaphe ngobulungisa bakho ngenxa yabandilaleleyo; Yilungelelanise indlela yakho phambi kobuso bam. 9 Ngokuba emlonyeni wabo akukho nto imiyo; izibilini zabo bububi obukhulu; Lingcwaba elivulekileyo umqala wabo; Bakhohlisa ngolwimi lwabo. 10 Batshabalalise, Thixo; Mabawe ngawabo amacebo; bagxothe ebuninzini bezikreqo zabo; ngokuba bagwilikile kuwe. 11 Mabavuye bonke abazimela ngawe, Bamemelele ngonaphakade, ubakhusele, Bagcobe ngawe abalithandayo igama lakho. 12 Ngokuba wena uyalisikelela ilungisa, Yehova; woyingqonga ngenkoliseko njengengweletshetshe.


Turn static files into dynamic content formats.

Create a flipbook