Skip to main content

Xhosa - The Book of Prophet Jonah

Page 1

uYona ISAHLUKO 1 1 Ke kaloku kwafika ilizwi likaYehova kuYona, unyana ka-Amitayi, lisithi, 2 Suk’ ume, uye eNineve, kuloo mzi mkhulu, umemeze ngawo; ngokuba ububi babo bunyukile, beza phambi kwam. 3 Wesuka ke uYona, ebalekela eTarshishe, emka ebusweni bukaYehova; wafumana inqanawa eya eTarshishe. wayirhola ingqesho yayo, wehla, wangena kuyo, ukuze aye nabo eTarshishe, emke ebusweni bukaYehova. 4 Ke uYehova wagalelekisa umoya omkhulu elwandle; kwabakho umoya omkhulu ovuthuzayo elwandle, inqanawa leyo yanga iza kwaphuka. 5 Boyika oomateloshe, bakhala elowo kuthixo wakhe; bayijulela elwandle impahla ebisenqanaweni, ukuziphungulela bona. Ke uYona wayehle waya phakathi encamini yomkhombe; Walala yoyi. 6 Weza kuye umphathi womkhombe, wathi kuye, Wenza ntoni na, thongondini? suk’ ume, ubize uThixo wakho, ukuba okunene uThixo wosikhumbula, ukuba singabhubhi. 7 Bathi elowo kummelwane wakhe, Yizani, senze amaqashiso, sazi ukuba kungenxa kabani na ukuba sibe nobu bubi. Bawisa amaqashiso, iqashiso laphuma noYona. 8 Bathi kuye, Khawusixelele, kungenxa kabani na ukuba sibe nobu bubi? Uyintoni na umsebenzi wakho? uvela phi na? liphi na ilizwe lakowenu? ungowabaphi na abantu? 9 Wathi kubo, NdingumHebhere; ndiyamoyika uYehova, uThixo wamazulu, owenza ulwandle, nomhlaba lo womileyo. 10 Oyika amadoda lawo ngoloyiko olukhulu, athi kuye, Yintoni na le uyenzileyo? Ngokuba amadoda lawo ayesazi ukuba ubaleka emka ebusweni bukaYehova, kuba wayewaxelele. 11 Athi kuye, Masenze ntoni na kuwe, ukuze ulwandle ludambe, lusiyeke? kuba ulwandle belusilwa, lusilwa. 12 Wathi kuwo, Ndifunquleni, nindijulele elwandle; luya kunizola ulwandle; kuba ndiyazi, ukuba lo moya, mkhulu uvuthuzayo, uphezu kwenu, kungenxa yam. 13 Atyhudisa emazeni amadoda, ezama ukuyibuyisela emhlabeni owomileyo inqanawa; akhohlwa, kuba ulwandle lwaya lusilwa phezu kwawo. 14 Bakhala ke kuYehova, bathi, Síyakukhunga, Yehova, masingafi ngenxa yomphefumlo wale ndoda, ungalibeki phezu kwethu igazi elimsulwa; ngokuba wena, Yehova, wenze ngokuthanda kwakho. wena. 15 Amfunqula ke uYona, amjulela elwandle; lwazola ulwandle, lwakuyeka ukujala kwalo. 16 Amadoda amoyika uYehova ngoloyiko olukhulu, abingelela kuYehova umbingelelo, abhambathisa izibhambathiso. 17 UYehova wamisela intlanzi enkulu ukuba imginye uYona. UYona waba sembilinini wentlanzi iimini ezintathu nobusuku obuthathu. ISAHLUKO 2 1 UYona wathandaza kuYehova uThixo wakhe embilinini wentlanzi, wathi,

2 Wathi, Ndakhala kuYehova embandezelweni yam, Wandiphendula; Ndazibika ndisesiswini selabafileyo, Waliva wena ilizwi lam. 3 Ngokuba wawundiphosa enzulwini, embilinini yeelwandle; Yandirhawula imilambo, Amaza akho agugumayo adlule phezu kwam. 4 Ndathi ke mna, Ndigxothiwe phambi kwamehlo akho; ukanti ndiya kubuya ndibheke etempileni yakho engcwele. 5 Andirhawula amanzi, ada eza emphefumlweni; Andijikeleza enzonzobila, Ingca yolwandle yayithi jize intloko yam. 6 Ndehla ndaya ezikhondweni zeentaba; Ke lona ihlabathi, imivalo yalo yandivalela ngonaphakade; Wasuka wabunyusela esihogweni ubomi bam, Yehova Thixo wam. 7 Ekutyhafeni komphefumlo wam phakathi kwam, ndakhumbula uYehova, wafika kuwe umthandazo wam etempileni yakho engcwele. 8 Abagcine amampunge angento yanto Bayishiya inceba yabo. 9 Ke mna ndiya kubingelela kuwe ndinezwi lokubulela; Oko ndikubhambathisileyo ndiya kukufezekisa. Usindiso lolukaYehova. 10 UYehova wathetha nentlanzi, yamhlanzela uYona emhlabeni owomileyo. ISAHLUKO 3 1 Kwafika ilizwi likaYehova kuYona okwesibini, lisithi, 2 Suk’ ume, uye eNineve, kuloo mzi mkhulu, umemeze ngawo umemezo endithetha lona kuwe. 3 Wesuka ke uYona, waya eNineve ngokwelizwi likaYehova. Ke kaloku iNineve ibingumzi omkhulu kuThixo, iluhambo lweentsuku ezintathu. 4 UYona waqala wangena kuloo mzi uhambo losuku olunye, wamemeza, wathi, Zisaya kuba ziintsuku ezimashumi mane, iNineve ibhukuqwe. 5 Amadoda aseNineve akholwa kuThixo, amema uzilo, ambatha ezirhwexayo, ethabathela kwabakhulu bawo, esa kwabancinane bawo. 6 Lafika ilizwi elo kukumkani waseNineve; wesuka etroneni yakhe, wayisusa wayibeka phantsi ingubo yakhe ende, wazigubungela ngezirhwexayo, wahlala eluthuthwini. 7 Wahambisa wathi eNineve ngomthetho wokumkani nezikhulu zakhe, makungangcambi mntu nankomo, nankomo nempahla emfutshane; mazingadli, ungaseli manzi. 8 Mazigutyungelwe ezirhwexayo umntu nenkomo, akhale kuThixo ngokunamandla, abuye elowo endleleni yakhe embi, elugonyamelweni olusezandleni zakhe. 9 Ngubani na owaziyo ukuba akangebuyi kanti azohlwaye uThixo, abuye ekuvutheni komsindo wakhe, ukuze singabhubhi? 10 UThixo wazibona izenzo zabo, ukuba babuyile ezindleleni zabo ezimbi; uThixo wazohlwaya ngenxa yobubi, abethe uya kubenza kubo; akayenza loo nto. ISAHLUKO 4 1 Kwaba kubi kuYona kakhulu, wavutha ngumsindo. 2 Wathandaza kuYehova, wathi, Yehova, asililo na elo lizwi, oko bendisezweni lakowethu? Ndabalekela eTarshishe ngenxa yoko; ngokuba bendisazi ukuba


Turn static files into dynamic content formats.

Create a flipbook
Xhosa - The Book of Prophet Jonah by Filipino Tracts and Literature Society Inc. - Issuu