UYeremiya ISAHLUKO 1 1 Amazwi kaYeremiya unyana kaHilekiya, wakubabingeleli ababeseAnatoti ezweni lakwaBhenjamin. 2 elafika kuye ilizwi likaYehova ngemihla kaYosiya unyana ka-Amon, ukumkani wakwaYuda, ngomnyaka weshumi elinesithathu wobukumkani bakhe. 3 nangemihla kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, kwada kwaba sekupheleni komnyaka weshumi elinamnye kaZedekiya unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, kwada kwaba sekufudusweni kweYerusalem ngenyanga yesihlanu. 4 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 5 Ndingekakubumbi esizalweni, bendikwazi; ungekaphumi embilinini, ndakungcwalisa, ndakumisa waba ngumprofeti weentlanga. 6 Ndathi ke, Kwowu, Nkosi Yehova! yabona, andikwazi ukuthetha, ngokuba ndingumntwana. 7 Wathi uYehova kum, Musa ukuthi, Ndingumntwana: ke uya kuya kubo bonke endikuthuma kubo, konke endikuwisela umthetho ngako, uze ukuthethe. 8 Musa ukuboyika, ngokuba ndinawe ukuba ndikuhlangule; utsho uYehova. 9 Wasolula uYehova isandla sakhe, wachukumisa umlomo wam; Wathi uYehova kum, Yabona, ndibeke amazwi am emlonyeni wakho. 10 Yabona, ndikwenza namhla umveleli weentlanga nezikumkani, ukuba unyothule, udilize, utshabalalise, ugungxule, ukuba wakhe, utyale. 11 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, Yintoni na le uyibonayo, Yeremiya? Ndathi, Ndibona intonga yomthi wom-amangile. 12 Wathi ke uYehova kum, Ubone walungisa; 13 Kwafika ilizwi likaYehova kum ngokwesibini, lisithi, Yintoni na le uyibonayo? Ndathi, Ndibona imbiza evuthayo; ubuso bayo bubheke ngasentla. 14 Wathi ke uYehova kum, Entla kuya kuphuma ububi, bube phezu kwabemi bonke belizwe. 15 Ngokuba, yabona, ndiya kubiza yonke imizalwane yezikumkani zasentla, utsho uYehova; ziya kufika, zimise iseso itrone yaso ekungeneni kwamasango aseYerusalem, nasezindongeni zayo zonke ngeenxa zonke, nasemizini yonke yakwaYuda. 16 Ndiya kuthetha kubo izigwebo zam ngenxa yobubi babo bonke, ababendishiyile, baqhumisela thixweni bambi, baqubuda kwimisebenzi yezandla zabo. 17 Ke wena, bhinqa amanqe akho, usuk’ ume, uthethe kubo konke endikuwisela umthetho ngako. 18 Ngokuba, uyabona, ndikwenze namhla umzi onqatyisiweyo, intsika yesinyithi, udonga lobhedu kulo lonke ilizwe, kookumkani bakwaYuda, nakubathetheli balo, nakubabingeleli balo, nakubantu belizwe. 19 Kwaye baya kulwa nawe; kodwa abayi kukweyisa; ngokuba ndinawe, utsho uYehova, ukuze ndikuhlangule. ISAHLUKO 2 1 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
2 Yiya, umemeze ezindlebeni zeYerusalem, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndikuvile; Ndikhumbula inceba yakho yobutsha bakho, uthando lobutshatsheli bakho, Oko wandilandela entlango, ezweni elingahlwayelwayo. 3 Ubengcwele uSirayeli kuYehova, intlahlela yakhe yongeniselo; bonke abamdlayo bozeka ityala; bofikelwa bububi; utsho uYehova. 4 Liveni ilizwi likaYehova, ndlu kaYakobi, nonke mizalwane yendlu kaSirayeli; 5 Utsho uYehova ukuthi, Bafumana bubi buni na kum ooyihlo, le nto bakhwelela kude kum, balandela izinto ezingento, baba yinto engeyakonto? 6 Abatsho nokuthi, Uphi na uYehova owasinyusayo, wasikhupha ezweni laseYiputa, owasihambisa entlango, ezweni eliyinkqantosi nelamaqula, ezweni elingumqwebedu, nelethunzi lokufa, ezweni elingacandi mntu, elingahlali mntu? 7 Ndaningenisa ezweni elimasimi achumayo, ukuba nidle iziqhamo zalo, nezinto ezilungileyo zalo; naza nalenza inqambi ilizwe lam, ilifa lam nalenza langamasikizi. 8 Ababingeleli abatshongo ukuthi, Uphi na uYehova? ke abaphatha umyalelo abandazi; nabalusi bakreqa kum, nabaprofeti baprofeta ngoBhahali, balandela abangancedi lutho. 9 Ngako oko ndisaya kubambana nani, utsho uYehova, ndibambane noonyana boonyana benu. 10 Kuba welani eziqithini zamaKiti, nibone; nithumele kwaKedare, nigqale kunene, nikhangele ukuba zikhe zakho na izinto ezinjalo; 11 ukuba uhlanga lwakhe lwananisa na ngoothixo balo, bengethixo ke bona? ke bona abantu bam banane ngozuko lwabo into engancediyo. 12 Mangaliswani, mazulu, yile nto, nibe namanwele, nibe senkangala kakhulu; 13 Ngokuba benze ububi obubini abantu bam; Bandishiyile mna, thende lamanzi aphilileyo; bazimbele amaqula, amaqula aqhekekileyo, angagcini manzi. 14 USirayeli ungumkhonzi na? Ngaba ulikhoboka elizalelwe ekhaya? yini na ukuba abhuqwe? 15 Iingonyama ezintsha zambhongela, zakhala, zalenza laba senkangala ilizwe lakhe, imizi yakhe yatshiswa, ayaba nabemi. 16 Kananjalo oonyana baseNofu nabaseTapanesi badlela elukakayini lwakho. 17 Oko asikukwenza kwakho na, ngokumshiya kwakho uYehova uThixo wakho, ngexesha abekuhambisa ngendlela? 18 Okanye yintoni na enawe nendlela yaseYiputa, ukuba usele amanzi oMnayile? Okanye yintoni na enawe nendlela yaseAsiriya, ukuba usele amanzi oMlambo lowo? 19 Buya kukuthethisa ububi bakho, nokuphamba kwakho kuya kukohlwaya; yazi ke ubone, ukuba kubi, kukrakra, ukumshiya uYehova uThixo wakho, nokuba ungabi nankwantya kum; itsho iNkosi, uYehova wemikhosi. 20 Ngokuba kususela kwakude, uyaphule idyokhwe yakho, waziqhawula izitropu zakho; wathi, Andiyi kunxaxha; ezindulini zonke ezinde, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza, wahenyuza ngokuhenyuza; 21 Mna ke ndakutyala ungumdiliya wohlobo, wonke uphela uyimbewu yenyaniso; utheni na ke ukujika, ube ngamasebe angcakacileyo omdiliya ongeguwo kum?