Skip to main content

Xhosa - The Book of Prophet Isaiah

Page 1

uIsaya ISAHLUKO 1 1 Umbono kaIsaya unyana ka-Amotsi, awawubonayo ngokusingisele kuYuda neYerusalem, ngemihla yoUziya, noYotam, noAhazi, noHezekiya, ookumkani bakwaYuda. 2 Yivani, mazulu; bekani indlebe, hlabathi, ngokuba uthethile uYehova, wathi, Ndikhulise abantwana ndabondla, besuka bakreqa kum. 3 Inkomo iyamazi umniniyo, ne-esile liyawazi umkhombe wesitali senkosi yalo; 4 Hayi, luhlanga lonayo, bantu banobugwenxa, mbewu yabenza ububi, nyana bonakalisayo! Bamshiyile uYehova, bamgibile oyiNgcwele kaSirayeli, babuyele emva. 5 Yini na ukuba nimane ukubethwa? Yonke intloko iyafa, yonke intliziyo inobulwelwe. 6 kuthabathele enkwalini yonyawo, kwesa entloko, akukho ndawo iphilileyo; ziinduma, nemivumbo, namanxeba amatsha: akacudiswanga, akabotshwanga, akathanjiswanga ngamafutha. 7 Kusenkangala elizweni lenu, imizi yenu itshiswe ngomlilo, ilizwe lenu lidliwa ngabasemzini phambi kwenu, kuyinkangala njengokubhukuqwa kwabasemzini. 8 Isele ke intombi enguZiyon, njengexhobongo esidiliyeni, njengephempe entsimini yemixoxozi, njengomzi ongqingiweyo. 9 Koko uYehova wemikhosi wasisalisela intwana esindileyo, singe saba njengeSodom, sisuke saba njengeGomora. 10 Liveni ilizwi likaYehova, baphathi baseSodom; wubekeleni indlebe umyalelo woThixo wethu, bantu baseGomora. 11 Yeyani na kum le mibingelelo yenu mininzi kangaka? utsho uYehova; ndizele ngamadini anyukayo eenkunzi zeegusha, namanqatha amathole atyetyisiweyo; negazi leenkunzi ezintsha zeenkomo, neleemvana, neleebhokhwe, andilinanzile. 12 Xa niza kubonakala ebusweni bam, ngubani na okufunileyo oko esandleni senu, ukugqusha iintendelezo zam? 13 ningabi sazisa mnikelo wakudla ukhohlakeleyo; isiqhumiso silisikizi kum; ukuthwasa kwenyanga nesabatha, nokumema intlanganiso, andinakubuthwala; bubugwenxa, intlanganiso engcwele. 14 Ukuthwasa kweenyanga zenu, namaxesha enu amisiweyo, umphefumlo wam uwathiyile; ndidiniwe kukuwathwala. 15 Ekoluleni kwenu izandla zenu, ndiya kuwafihla amehlo am kuni; nokuba nandise ukuthandaza, andiyi kuva; izandla zenu zizele ligazi. Zihlambeni, ziqaqambiseni; susani ububi beentlondi zenu phambi kwamehlo am; yekani ukwenza ububi; fundani ukwenza okulungileyo; gwebani ityala, gwebani ocinezelweyo; gwebani ityala lenkedama, lithetheni ityala lomhlolokazi. 18 Khanize sibonisane, utsho uYehova; nokuba izono zenu zide zavela zanjengengubo ebomvu, zoba mhlophe njengekhephu; nokuba zide zayingqombela njengebala elibomvu, zovela zinjengoboya begusha;

19 Ukuba nithe navuma naphulaphula, nodla izinto ezilungileyo zelizwe; 20 ukuba nithe anavuma, naba neenkani, nodliwa likrele; kuba umlomo kaYehova uthethile. 21 Utheni na ukuba lihenyukazi umzi lo, ubunyanisile; ubuzele kugwebo; ubulungisa bebulala kuwo; kodwa ngoku ngababulali. 22 Isilivere yakho isuke yaba ligwebu, iwayini yakho entle ingxengelelwe ngamanzi. 23 Abathetheli bakho baziinjubaqa, ngamadlelana namasela; bathanda izipho bonke bephela, basukela imivuzo; ityala lenkedama abaligwebi, netyala lomhlolokazi alinakufika kubo. 24 Ngako oko, itsho iNkosi, uYehova wemikhosi, imbalasane yakwaSirayeli, ukuthi, Yeha, ndiya kuzithuthuzela kubabandezeli bam, ndiziphindezelele ezintshabeni zam; 25 Ndiya kusibuyisela phezu kwakho isandla sam, ndikunyibilikise ngokugqibeleleyo intlenge yakho, ndiyisuse yonke intsila yakho; 26 Ndobabuyisa abagwebi bakho njengokwasekuqaleni, namaphakathi akho njengokwamatanci; emveni koko kuya kuthiwa, Wena ungumzi wobulungisa, uyinqaba enyanisileyo. 27 IZiyon iya kukhululwa ngokusesikweni, nabaguquki bayo ngobulungisa; 28 ukwaphulwa kwabakreqi naboni kube kunye, bapheliswe abamshiyayo uYehova. 29 Ngokuba baya kudana yimiterebhinti ebeniyinqwenela, niya kudana ngenxa yemiyezo eniyinyulileyo. 30 niya kuba njengomterebhinti omagqabi omayo, nanjengomyezo ongenamanzi; 31 nenjengele ibe yingxubuwa, nomsebenzi wayo ube yintlantsi, kutshe kuphele kokubini kunye, kungabikho ucimayo. ISAHLUKO 2 1 Ilizwi awalibonayo uIsaya unyana ka-Amotsi, ngokusingisele kuYuda neYerusalem. 2 Ke kaloku kuya kuthi ekupheleni kwemihla, intaba yendlu kaYehova ivelele encotsheni yazo iintaba, izongamele iinduli; zonke iintlanga ziya kugxalathelana ukuya kuyo. 3 Kuya kuhamba izizwe ezininzi, zithi, Yizani, sinyuke siye entabeni kaYehova, endlwini yoThixo kaYakobi; asiyalele iindlela zakhe, sihambe ngomendo wakhe; kuba kuya kuphuma umyalelo eZiyon, nelizwi likaYehova eYerusalem. 4 Uya kugweba phakathi kweentlanga, ohlwaye izizwe ezininzi, ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zeediliya; 5 ndlu kaYakobi, yizani sihambe ekukhanyeni kukaYehova. 6 Ubalahlile abantu bakho, indlu kaYakobi; ngokuba bezele zizinto zasempumalanga, bengamatola njengamaFilisti, bebambene ngezandla nabantwana bezinye iintlanga. 7 Ilizwe labo lizele yisilivere negolide; abunakuphela ubuncwane babo; ilizwe labo lizele ngamahashe, azinakuphela iinqwelo zabo zokulwa. 8 Ilizwe labo lizele zizithixo ezingeni; baqubuda kumsebenzi wezandla zabo, kwinto eyenziwe yiminwe yabo.


Turn static files into dynamic content formats.

Create a flipbook