uHoseya ISAHLUKO 1 1 Ilizwi likaYehova elafika kuHoseya unyana kaBheri, ngemihla kaUziya, kaYotam, ka-Ahazi, kaHezekiya, ookumkani bakwaYuda, nangemihla kaYarobheham unyana kaYowashe, ukumkani wakwaSirayeli. 2 Ukuqaleka kwelizwi likaYehova ngoHoseya. Wathi uYehova kuHoseya, Yiya uzeke umfazi wobuhenyu nabantwana bobuhenyu; ngokuba ilizwe lihenyuze kakhulu, lemka kuYehova. 3 Waya ke, wazeka uGomere intombi kaDibhelayim; wakhawula, wamzalela unyana. 4 Wathi uYehova kuye, Mthiye igama lokuba nguYizereli; ngokuba kusaya kuba ngumzuzwana, ndiwavelele amagazi akwaYizereli kwindlu kaYehu, ndibuphelise ubukumkani bendlu kaSirayeli. 5 Kuya kuthi ngaloo mini, ndisaphule isaphetha sakwaSirayeli entilini yaseYizereli; 6 Yabuya yamitha, yazala intombi. Wathi uThixo kuye, Mthiye igama lokuba nguLoruhama; ndiya kuzisusa kuphele. 7 Ndiya kuba nemfesane kuyo indlu kaYuda, ndibasindise ngoYehova uThixo wabo, ndingabasindisi ngasaphetha, nangakrele, nangamfazwe, nangamahashe, nangamahashe. 8 Akumlumla ke uAkenzelwanga-mfesane, wakhawula wazala unyana. 9 Wathi uYehova, Mthiye igama lokuba nguAsibantu-bam; ngokuba aningabantu bam, nam andiyi kuba nguThixo wenu. 10 Ke inani loonyana bakaSirayeli liya kuba ngangentlabathi yaselwandle, engalinganiswayo, engabalwayo; kuya kuthi, apho kwabe kusithiwa kubo, Aningabantu bam nina, kuthiwe kubo, Ningoonyana bakaThixo ophilileyo. 11 Bohlanganisana ndawonye oonyana bakaYuda noonyana bakaSirayeli, bazimisele intloko ibe nye, banyuke baphume kwelo zwe; kuba iya kuba nkulu imini yaseYizereli. ISAHLUKO 2 1 Yithini kubazalwana benu, Wenani, bantu bam; koodade benu, ooRuhama. Bambanani nonyoko, bambanani naye; ngokuba akamfazi wam, andindoda yakhe. Makabususe ubuhenyu bakhe ebusweni bakhe, nokukrexeza kwakhe phakathi kwamabele akhe; 3 hleze ndimhlube abe ze, ndimmise enjengamini wazalwa, ndimenze abe njengentlango, ndimmise abe njengelizwe elingumqwebedu, ndimbulale ngenxano; 4 ndingasikwa mfesane ngenxa yabantwana bakhe; ngokuba bengabantwana bobuhenyu bona. 5 Kuba unina uhenyuzile, wenze okuziintloni umzali wabo, ngokuba wathi, Ndiya kulandela izithandane zam, ezindinika isonka sam, namanzi am, uboya bam begusha neflakisi yam, ioli yam nento endiyiselayo. 6 Ngako oko, yabona, ndiya kuyibiyela indlela yakho ngameva, ndakhe udonga, angawufumani umendo wakhe.
7 Uya kuzisukela izithandane zakhe, angafiki kuzo; azifune, angazifumani: athi, Ndiya kuya ndibuyele endodeni yam yokuqala; kuba oko bekulungile kum oko kunangoku. 8 Akazi ukuba ndim owamnika ingqolowa, newayini entsha, neoli; ndamandisela isilivere negolide, abasuka bayenzela uBhahali. 9 Ngako oko ndiya kubuya, ndiyithabathe ingqolowa yam ngexesha layo, newayini yam entsha ngexesha layo elimisiweyo; 10 Ngoku ke ndiya kuwatyhila amanyala akhe emehlweni ezithandane zakhe, kungabikho bani umhlangulayo esandleni sam. 11 Ndoluphelisa lonke uvuyo lwakhe, umthendeleko wakhe, nokuthwasa kwenyanga kuye, neesabatha zakhe, namaxesha akhe onke amisiweyo. 12 Ndiya kuyibharhisa imidiliya yakhe, nemikhiwane yakhe, abesithi yena, Lutshedo lwam olu, endalunikwayo zizithandane zam; 13 Ndiya kumvelela ngenxa yemihla yooBhahali, abeqhumisele ngayo kubo, ehombise ngamajikazi akhe, neempahla zakhe, wazilandela izithandane zakhe, wandilibala; utsho uYehova. 14 Ngako oko, yabona, ndiya kumrhwebesha, ndimse entlango, ndithethe kakuhle naye. 15 Ndomnika izidiliya zakhe, zithabathele khona, nentili yeAkore ibe lisango lethemba, avume khona njengeemini zobutsha bakhe, nanjengemini yokunyuka kwakhe, ephuma ezweni laseYiputa. 16 Kuya kuthi ngaloo mini, utsho uYehova, undibize ngokuthi, Ndoda yam; ungabi sathi ndinguBhahali. 17 Ngokuba ndiya kuwasusa amagama ooBhahali emlonyeni wakhe, bangabi sakhunjulwa ngamagama abo. 18 Ngaloo mini ndobenzela umnqophiso namarhamncwa asendle, neentaka zezulu, nezinambuzane zomhlaba, ndisaphule isaphetha, nekrele, nemfazwe emhlabeni, ndiwalalise bekholosile. 19 Ndiya kukugana ube ngowam ngonaphakade; Ndokugana ube ngowam ngobulungisa nangokusesikweni, nangenceba nangemfesane; 20 Ndikugane ube ngowam ngokuthembeka, umazi uYehova. 21 Kuya kuthi ngaloo mini, ndiphendule, utsho uYehova, ndiliphendule izulu, lona liphendule ihlabathi; 22 ihlabathi liphendule ingqolowa, newayini entsha, neoli; ziya kuyiva iYizereli. 23 Ndiya kuzihlwayelela yena emhlabeni; ndiya kuba nenceba kulowo ungenzelwanga nceba; Ndiya kuthi kwabangebantu bam, Ningabantu bam; bathi, UnguThixo wam wena. ISAHLUKO 3 1 Wathi uYehova kum, Phinda, uthande umfazi, ethandwa nguwabo, ekrexeza, njengoko uYehova abathandayo oonyana bakaSirayeli, bebheka thixweni bambi, bethanda izicumba zeerasintyisi. 2 ndamthenga ke ngeesilivere ezilishumi elinantlanu, nangehomere yerhasi, nesiqingatha sehomere yerhasi. 3 Ndathi kuye, Uze undihlalele imihla emininzi; uze ungahenyuzi, ungabi ngowandoda yimbi; nam ndoba kuwe. 4 Ngokuba oonyana bakaSirayeli baya kuhlala imihla emininzi bengenakumkani, bengenasikhulu,