UHezekile ISAHLUKO 1 1 Ke kaloku, ngomnyaka wamashumi omathathu, ngenyanga yesine, ngolwesihlanu usuku enyangeni leyo, ndakubon' ukuba ndiphakathi kwabathinjiweyo ngasemlanjeni oyiKebhare, avuleka amazulu, ndabona imibono kaThixo. 2 Ngomhla wesihlanu enyangeni leyo, ngumnyaka wesihlanu wokuthinjwa kokumkani uYehoyakin. 3 Kwafika ilizwi likaYehova kuHezekile unyana kaBhuzi, umbingeleli, ezweni lamaKaledi, ngasemlanjeni oyiKebhare; saba phezu kwakhe apho isandla sikaYehova. 4 Ndabona, nanko kuvela umoya ovuthuzayo, uvela ngasentla, unelifu elikhulu, nomlilo ujinga phezu kwawo, kukho ukubengezela ngeenxa zonke, kuphuma phakathi kwawo, ngathi yimbonakalo yegolide evuthiweyo, kuphuma phakathi komlilo. 5 Ngaphakathi kwawo yimfano yezinto eziphilileyo ezine. Yiyo le ke imbonakalo yabo; babenemfano yomntu. 6 inye ibe inobuso obune, inye kuzo apho ibinamaphiko amane. 7 Iinyawo zazo beziyimilenze ethe tye; umphantsi weenyawo wawunjengomphantsi wenqina lethole; zibengezela njengobhedu olubengezelisiweyo. 8 Zazinezandla zomntu ngaphantsi kwamaphiko azo emacaleni azo omane; zone zazinobuso bazo namaphiko azo. 9 Amaphiko azo abehlangene, elaleyo nelaleyo; azajika ekuhambeni kwazo; zahamba iyileyo iye kwicala elikhangelene nobuso bayo. 10 Imfano yobuso bazo ibinobuso bomntu zone, nobuso bengonyama zone ngasekunene; zibe zinobuso benkomo zone ngasekhohlo; zinobuso bokhozi zone. 11 Aba bunjalo ubuso bazo; iyileyo inamaphiko amabini ehlangene kwelo, namaphiko amabini ke egubungele imizimba yazo. 12 Zahamba ke, iyileyo yaya kwicala elikhangelene nobuso bayo; azajika ekuhambeni kwazo. 13 Imfano yezinto eziphilileyo ezo, imbonakalo yazo, ibingathi ngamalahle omlilo abasiweyo; ibingathi yimbonakalo yezikhuni ezitshangazayo; wona wahambahamba phakathi kwezinto eziphilileyo ezo; umlilo ubukhazimla, kwaphuma imibane emlilweni. 14 Izinto eziphilileyo bezigidima zibuye, ngokokubonakala kokuphambaphamba kombane. 15 Ndazibona izinto eziphilileyo; nanko ke, kukho iivili emhlabeni, ecaleni kwezinto eziphilileyo, zinganye iivili kubuso ngobuso bazo obune. 16 Ukubonakala kweevili nokusetyenzwa kwazo kwakunjengembonakalo yekrizolite, zimfani-nye zone, ukubonakala kwazo nokusetyenzwa kwazo kungathi ivili ingaphakathi kwevili. 17 Ekuhambeni kwazo zaphambela kumacala azo omane; azajika ekuhambeni kwazo. 18 Amakhonkco azo, ebephakame ngokoyikeka; amakhonkco kuzo ebezele ngamehlo ngeenxa zonke kuzo zone.
19 Zakuhamba izinto eziphilileyo, zahamba nazo iivili ecaleni lazo; zakusuka izinto eziphilileyo emhlabeni, zasuka nazo iivili. 20 Apho sukuba usiya khona umoya, zaya apho sukuba umoya ubusiya khona; zasuka iivili malunga nazo; ngokokuba umoya wezinto eziphilileyo ubukho ezivilini ezo. 21 Zakuhamba ezo, zahamba nawo; zathi zema, nawo ema; zakusuka emhlabeni, zasuka iivili kunye nazo; ngokokuba umoya wezinto eziphilileyo ubukho ezivilini ezo. 22 Naphezu kweentloko zezinto eziphilileyo bekukho into efana nesibhakabhaka, ngathi ngembonakalo yikristale eyoyikekayo, sanekiwe phezu kwentloko yazo ngaphezulu. 23 Ngaphantsi kwesibhakabhaka amaphiko ayethe tye, elo lasinga kwelo; iyileyo inamabini ayigubungeleyo, iyileyo naleyo inamabini ayigubungeleyo emzimbeni. 24 Ekuhambeni kwazo ndeva isandi samaphiko azo, sinjengesandi samanzi amaninzi, ngathi sisandi soSomandla, sisandi sokuthetha njengesandi somkhosi; ekumeni kwazo zawathoba amaphiko azo. 25 Kwabakho ke izwi esibhakabhakeni esiphezu kweentloko zazo, ekumeni kwazo, eehlise amaphiko azo. 26 Ngaphezu kwesibhakabhaka esibe siphezu kweentloko zazo, kwabonakala umfanekiselo wetrone, wanga lilitye lesafire; ngaphezu komfanekiselo wetrone kwabakho umfanekiselo ongathi yimbonakalo yomntu phezu kwayo ngaphezulu. 27 Ndabona ke, ngathi yimbonakalo yegolide evuthiweyo, ngathi yimbonakalo yomlilo ngaphakathi kwayo nangeenxa zonke kuyo, kwathabathela embonakalweni yesinqe kwenyusa; 28 Ngathi yimbonakalo yomnyama obakhoyo efini mini ngemvula, yabe injalo imbonakalo yobumhlophe ngeenxa zonke. Le yimbonakalo yomfanekiselo wobuqaqawuli bukaYehova. Ndithe ndakukubona oko, ndawa ngobuso, ndeva izwi lothethayo. ISAHLUKO 2 Wathi kum, Nyana womntu, yima ngeenyawo zakho, ndithethe nawe. 2 Kwangena ke uMoya kum, xa abethetha nam, wandimisa ngeenyawo zam, ndamva othetha kum. 3 Wathi kum, Nyana womntu, ndikuthuma koonyana bakaSirayeli, kwiintlanga ezingabagwiliki, abagwilikileyo kum; 4 Ngokuba bangabantwana abaziingwanyalala, balukhuni intliziyo. ndikuthuma kubo; uze uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova. 5 Ke bona (nokuba bathe beva, nokuba bathe bala, kuba beyindlu eneenkani) baya kwazi ukuba bekukho umprofeti phakathi kwabo. 6 Wena ke, nyana womntu, musa ukuboyika, ungawoyiki amazwi abo, naxa uhleli phakathi koonomadudwane, uhleli phakathi koonomadudwane, ungawoyiki amazwi abo, ungaqhiphuki umbilini bubuso babo, nakuba beyindlu eneenkani. 7 Wathethe ke kubo amazwi am, nokuba bathe beva, nokuba bathe bala; ngokuba baneenkani. 8 Wena ke, nyana womntu, yiva endikuthethayo kuwe; Musa ukuba neenkani, njengaloo ndlu ineenkani; vula umlomo wakho, udle endikunikayo.