Skip to main content

Xhosa - The Book of Numbers

Page 1

Amanani ISAHLUKO 1 1 Wathetha uYehova kuMoses entlango yaseSinayi, ententeni yokuhlangana, ngolokuqala lwenyanga yesibini, ngomnyaka wesibini wokuphuma kwabo ezweni laseYiputa, esithi, 2 Libaleni inani lebandla lonke loonyana bakaSirayeli, ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, yonke into eyindoda ngokweentloko zabo; 3 bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi kwaSirayeli: wena noAron nibabale ngokwemikhosi yabo. 4 yoba nawe indoda esizweni; elowo aziintloko zendlu yooyise. 5 Ngawo la amagama amadoda aya kuma nani: kwisizwe sakwaRubhen; uElitsure unyana kaShedeyure. 6 ekaSimon; uShelumiyeli unyana kaTsurishadayi. 7 kwaYuda; nguNashon unyana ka-Aminadabhi. 8 kwaIsakare; uNataniyeli unyana kaTsuhare. 9 kwaZebhulon; uEliyabhi unyana kaHelon. 10 koonyana bakaYosefu: kwaEfrayim; kwaManase: nguElishama unyana ka-Amihudi; uGamaliyeli unyana kaPedatsure. 11 kwaBhenjamin; nguAbhidan unyana kaGidiyoni. 12 kwaDan; uAhiyezere unyana ka-Amishadayi. 13 kwa-Ashere; uPagiyeli unyana kaOkran. 14 kwaGadi; uEliyasafu unyana kaDehuweli. 15 kwaNafetali; uAhira unyana kaEnan. 16 Ngabo abo oonyana bebandla, abazizikhulu zezizwe zooyise, iintloko zamawaka akwaSirayeli. 17 UMoses noAron bawathabatha la madoda abekhankanywe ngamagama. 18 Walibizela ndawonye lonke ibandla ngolokuqala usuku lwenyanga yesibini, baxela inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, ngokweentloko zabo. 19 Njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses, wababala entlango yaseSinayi. 20 Oonyana bakaRubhen, izibulo likaSirayeli, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, ngokweentloko zabo, yonke into eyindoda ethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, inyuse, bonke abaphuma umkhosi; 21 ababalwayo kubo besizwe sakwaRubhen baba ngamashumi omane anamathandathu amawaka, anamakhulu mahlanu. 22 Koonyana bakaSimon, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ababalwayo kubo ngenani lamagama, ngokweentloko zabo, yonke into eyindoda, ethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, anyuse, bonke abaphuma umkhosi; 23 ababalwayo kubo besizwe sakwaSimon, baba ngamashumi amahlanu anesithoba amawaka, anamakhulu mathathu. 24 Koonyana bakaGadi, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:

25 ababalwayo kubo besizwe sakwaGadi, baba ngamashumi amane anamahlanu amawaka, anamakhulu mathandathu, anamanci mahlanu. 26 Koonyana bakaYuda, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi: 27 ababalwayo kubo besizwe sakwaYuda, baba ngamashumi asixhenxe anesine amawaka, anamakhulu mathandathu. 28 Koonyana bakaIsakare, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi: 29 ababalwayo kubo besizwe sakwaIsakare, baba ngamashumi amahlanu anesine amawaka, anamakhulu mane. 30 Koonyana bakaZebhulon, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi: 31 ababalwayo kubo besizwe sakwaZebhulon, baba ngamashumi amahlanu anesixhenxe amawaka, anamakhulu mane. 32 Koonyana bakaYosefu:koonyana bakaEfrayim, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi: 33 ababalwayo kubo besizwe sakwaEfrayim, baba ngamashumi omane amawaka, anamakhulu mahlanu. 34 Koonyana bakaManase, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi; 35 ababalwayo kubo besizwe sakwaManase, baba ngamashumi amathathu anamabini amawaka, anamakhulu mabini. 36 Koonyana bakaBhenjamin, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi: 37 ababalwayo kubo besizwe sakwaBhenjamin, baba ngamashumi amathathu anamahlanu amawaka, anamakhulu mane. 38 Koonyana bakaDan, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi: 39 ababalwayo kubo besizwe sakwaDan, baba ngamashumi amathandathu anamabini amawaka, anamakhulu asixhenxe. 40 Koonyana baka-Ashere, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi: 41 ababalwayo kubo besizwe sakwa-Ashere, baba ngamashumi amane ananye amawaka, anamakhulu mahlanu. 42 Koonyana bakaNafetali, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:


Turn static files into dynamic content formats.

Create a flipbook