Skip to main content

Xhosa - The Book of Leviticus

Page 1

ILevitikus ISAHLUKO 1 1 UYehova wambiza uMoses, wathetha kuye ententeni yokuhlangana, wathi, 2 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa umntu kuni asondeza kuYehova umsondezo wasezintweni ezizitho zine, nowusondeza loo msondezo wenu niwuthabatha ezinkomeni nasempahleni emfutshane. 3 Ukuba umsondezo wakhe ulidini elinyukayo lasezinkomeni, wosondeza inkomo eliduna eligqibeleleyo emnyango wentente yokuhlangana, alisondeze ukuba liqhutywa yintliziyo yakhe phambi koYehova. 4 acinezele ngesandla sakhe phezu kwentloko yedini elinyukayo; yokholeka kuye, ukuba icamagushelwe. 5 ayixhelele inkunzi entsha phambi koYehova, oonyana baka-Aron, ababingeleli, balisondeze igazi, balitshize bajikelezise esibingelelweni esisemnyangweni wentente yokuhlangana. 6 Makalihlinze idini elinyukayo, alityatye; 7 oonyana baka-Aron umbingeleli babeke umlilo phezu kwesibingelelo, bacwangcise iinkuni phezu komlilo; 8 bazicwangcise oonyana baka-Aron, ababingeleli, iinyama ezo, nentloko, nenqatha, phezu kweenkuni eziphezu komlilo ophezu kwesibingelelo. 9 Ke zona izibilini zalo, neentungo zalo mazihlanjwe ngamanzi, aqhumisele ngezo nto zonke umbingeleli esibingelelweni. Lidini elinyukayo, kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo. 10 Ukuba umsondezo wakhe ngowasempahleni emfutshane, nokuba kusezigusheni, nokuba kusezibhokhweni, ulidini elinyukayo, woba lidini elinyukayo lamaxesha onke; wozisa iduna eligqibeleleyo. 11 alixhelele ecaleni lesibingelelo ngasentla phambi koYehova; oonyana baka-Aron, ababingeleli, balitshize igazi lalo bajikelezise esibingelelweni; 12 alityatye, kwanentloko yalo nenqatha lalo, azicwangcise ezo nto umbingeleli phezu kweenkuni eziphezu komlilo ophezu kwesibingelelo. 13 azihlambe izibilini neentungo ngamanzi, azisondeze umbingeleli zonke ezo nto, aqhumisele ngazo esibingelelweni. Lidini elinyukayo, kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo. 14 Ke ukuba umsondezo wakhe kuYehova ulidini elinyukayo lasezintakeni, wowusondeza umsondezo wakhe, ethabatha kumahobe, nokuba kukumagobo amavukuthu. 15 Wolisondeza umbingeleli esibingelelweni, aliqhawule intloko, aqhumisele ngalo esibingelelweni; igazi layo wofelwa ecaleni lesibingelelo. 16 Aze asuse indlelo yalo kunye nento ephakathi kwalo, azilahlele ecaleni lesibingelelo elingasempumalanga, ezaleni; 17 alicande emaphikweni alo, angawahluli kubini, aqhumisele ngawo umbingeleli esibingelelweni, phezu kweenkuni eziphezu komlilo. Lidini elinyukayo, kukudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova elo.

ISAHLUKO 2 1 Xa umntu esondeza umnikelo wokudla kuYehova, umsondezo wakhe woba ngumgubo ocoliweyo; agalele ioli phezu kwawo, abeke intlaka yokuqhumisa phezu kwawo. 2 Wowuzisa koonyana baka-Aron, ababingeleli, athabathe kuwo, azalise isandla sakhe kumgubo ocoliweyo wawo, naseolini yawo, nentlaka emhlophe yawo yonke; Umbingeleli woqhumisela ngesikhumbuzo salo esibingelelweni. Kukudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova. 3 Okuseleyo komnikelo wokudla koba kokuka-Aron noonyana bakhe; iyingcwele kangcwele yasekudleni kwasemlilweni kukaYehova. 4 Ukuba usondeza umsondezo wokudla okubhakiweyo eziko, woba yimiqhathane engenagwele yomgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli, nezonkana ezisicaba ezingenagwele, zithanjiswe ioli. 5 Ke ukuba umsondezo wakho ungumnikelo wokudla okuphekiweyo ngepani, woba ngumgubo ocoliweyo ongenagwele, ugalelwe ioli. 6 Woliqhekeza, ugalele ioli phezu kwalo: ngumnikelo wokudla ke lowo. 7 Ke ukuba umsondezo wakho ungumnikelo wokudla okuphekiweyo ngepani, mawenziwe ngomgubo ocoliweyo, oneoli. 8 Uze uwuzise umnikelo wokudla owenziwe ngezo zinto kuYehova, uwusondeze kumbingeleli, awusondeze esibingelelweni. 9 Wothabatha umbingeleli emnikelweni wokudla isikhumbuzo salo, aqhumisele ngaso esibingelelweni. Kukudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova elo. 10 Okuseleyo emnikelweni wokudla koba kokuka-Aron noonyana bakhe; iyingcwele kangcwele yasekudleni kwasemlilweni kukaYehova. 11 Akukho mnikelo wokudla, eniwuzisa kuYehova, makungenziwa ngagwele; 12 Umsondezo wentlahlela, nowusondeza kuYehova, mazinganyuswa esibingelelweni, ukuba zibe livumba elithozamisayo. 13 Wonke umnikelo wokudla wowugalela ngetyuwa; uze ungaphelelwa yityuwa yomnqophiso woThixo wakho emnikelweni wakho wokudla; woyisondeza ityuwa kuwo wonke umnikelo wakho. 14 Ukuba uthe wawusondeza kuYehova umsondezo wakho wentlahlela, wosondeza izikhwebu ezingcakacileyo, zibe ngumsondezo wakho; 15 ugalele ioli phezu kwawo, ubeke nentlaka emhlophe phezu kwawo: ngumnikelo wokudla ke lowo. 16 Woqhumisela umbingeleli ngesikhumbuzo sawo kuloo nto yawo isizilwayo, nakwioli yawo, kunye nentlaka emhlophe yawo yonke. Kukudla kwasemlilweni ke oko kuYehova; ISAHLUKO 3 1 Ukuba umsondezo wakhe ungumbingelelo woxolo, ukuba uwusondeza ungowasezinkomeni; nokuba yinkunzi nokuba yinkazana, woyisondeza igqibelele phambi koYehova. 2 Maze acinezele entlokweni yomsondezo wakhe ngesandla sakhe, awuxhelele emnyango wentente


Turn static files into dynamic content formats.

Create a flipbook
Xhosa - The Book of Leviticus by Filipino Tracts and Literature Society Inc. - Issuu