Izililo ISAHLUKO 1 Uhleli wodwa, umzi obantu baye bebaninzi; utheni na ukuba abe njengomhlolokazi! Usuke waba mkhulu ezintlangeni, inkosazana emazweni, ukuba ube ngofakwa uviko! 2 Ulila elilile ebusuku, iinyembezi zakhe zisezidleleni zakhe; akanamthuthuzeli kuzo zonke izithandane zakhe; Onke amakholwane akhe amnginizele, aba lutshaba kuye. 3 UYuda uye ekuthinjweni ngenxa yokubandezeleka nangenxa yomsebenzi omkhulu; uhleli ezintlangeni, akafumani kuphumla; 4 Iindlela zaseZiyon zenza isijwili, ngokungabikho kwabaya emithendelekweni; Onke amasango ayo akanamntu, ababingeleli bayo bayancwina, Iintombi zayo zinosizi, yona ke kukrakra. 5 Ababandezeli bayo basuka bakhulu, iintshaba zayo zinobunqobo; ngokuba uYehova uyenze yanosizi ngenxa yokreqo lwayo oluninzi; 6 Buphumile entombini enguZiyon bonke ubuhle bayo; Abathetheli bayo baba njengamaxhama angafumani dlelo, Ahamba engenamandla phambi komsukeli. 7 IYerusalem yazikhumbula, ngemihla yeentsizi zayo neentsizi zayo, zonke izinto zayo ezinqwenelekayo, ebinazo ngemihla yamandulo, Ekuweleni kwabantu bayo esandleni sotshaba, akwabakho uyihlangulayo; ababandezeli bayo bayibona, benza. zihlekisani ngeesabatha zakhe. 8 IYerusalem yonile kakhulu; ngenxa yoko yaba lubhorha; bonke ababeyizukisa bayayicukuceza, ngokuba babone ubuze bayo; Nayo iyancwina, ibuye umva. 9 Ubunqambi bayo busezingutyeni zayo; ayilikhumbuli ikamva layo; yehla ke ngokubalulekileyo; ebengenamthuthuzeli. Zikhangele, Yehova, iintsizi zam; ngokuba utshaba luzikhulisile. 10 Umbandezeli usolule isandla sakhe phezu kwezinto zayo zonke ezinqwenelekayo; Kuba ibona iintlanga zingene engcweleni yayo, Owawuwise umthetho wena, ukuba zingangeni ebandleni lakho. 11 Bonke abantu bayo bayancwina, befuna isonka; Barhole izinto zabo ezinqwenelekayo ngenxa yesonka, ukuze bawubuyise umphefumlo; bona, Yehova, ukhangele; ngokuba ndisuke ndaba yingcikivo. 12 Akunto na oku kuni nonke, nina nidlula ngendlela? khangelani nibone, ukuba kukho na umvandedwa onjengomvandedwa wam, endiwenziweyo, andihlisele wona uYehova ngemini yokuvutha komsindo wakhe. 13 Ephezulu, uthume umlilo emathanjeni am, wawanyathela, Uzanekele umnatha iinyawo zam, wandibuyisa umva; 14 Idyokhwe yezikreqo zam ibotshwe sisandla sakhe; zithandelwe, zenyuka zaya entanyeni yam; uwawisa amandla am, uYehova undinikele esandleni sabo, endingenako ukusuka kubo. 15 INkosi yam izitshitshisile zonke iimbalasane zam eziphakathi kwam; Indimemele umthendeleko, ukuba yaphule amadodana am. 16 Ngenxa yezo zinto ndiyalila; iliso lam, iliso lam lihla amanzi, Ngokuba ekude kum umthuthuzeli, umbuyisi
womphefumlo wam; Baziimpanza abantwana bam, ngokuba utshaba lundoyisile. 17 IZiyon iyazolula izandla zayo, ayinamthuthuzeli; UYehova ubawisele umthetho ngoYakobhi, ukuba ababandezeli bakhe bamngqonge:IYerusalem iyinto elubhorha phakathi kwabo. 18 UYehova ulilungisa; ngokuba bendiphikise umlomo wakhe. Khanive, nonke zizwe, niwubone umvandedwa wam; Umthinjana wam namadodana am emke ekuthinjweni. 19 Ndibize izithandane zam, zeza zandikhohlisa; 20 Khangela, Yehova; ngokuba ndibandezelekile; Intliziyo yam iphendukile phakathi kwam; ngokuba ndasuka ndaba ziinkani kakhulu; ngaphandle ikrele labahlutha abantwana, ekhaya kukufa. 21 Bandivile ukuba ndiyancwina; ndathi, Andinamthuthuzeli; Zonke iintshaba zam zibuvile ububi bam; zinemihlali, ngokuba oko ukwenzileyo; uya kuyizisa imini oyimemileyo, ziya kuba njengam ke. 22 Mabufike phambi kwakho bonke ububi bazo; Uze wenze kuzo njengoko wandiphatha ngako ngenxa yezikreqo zam zonke; ngokuba kuninzi ukuncwina kwam, nentliziyo yam ityhafile. ISAHLUKO 2 1 Hayi, ukuba iNkosi iyigqubuthele ngelifu intombi enguZiyon, yaye yabuthoba ezulwini ubungangamsha bukaSirayeli, yaza yasikhumbula isihlalo seenyawo zayo ngemini yomsindo wayo! 2 INkosi yam iwaginyile, ayawaconga, onke amakriwa akwaYakobi; Izigungxule ngokuphuphuma komsindo wayo iinqaba ezinkulu zentombi enguYuda; Ibahlisele emhlabeni, ibuhlambele ubukumkani nabathetheli babo. 3 Izixakazile ngokuvutha komsindo wayo zonke iimpondo zikaSirayeli; Isibuyise umva isandla sayo sokunene ebusweni botshaba; Yatshisa kwaYakobi njengomlilo olenyayo, odlayo ngeenxa zonke. 4 Isityedile isaphetha sayo njengotshaba; imise isandla sayo sokunene, saxelisa esombandezeli, Yazibulala zonke izinto ezinqwenelekayo emehlweni; Ententeni yentombi enguZiyon, ibuphalazile ubushushu bayo njengomlilo. 5 INkosi yam isuke yaba njengotshaba; imginyile uSirayeli, Iziginyile zonke iingxande zayo ezinde, izonakalisile iinqaba zayo ezinkulu, Yandisa entombini enguYuda uncwino nokukhala. 6 Uwuchithile umnquba wakhe ngokuwudlavula, njengokungathi ngumyezo, uzigungxule iindawo zakhe zokuhlangana; bamqumbele ukumkani nombingeleli. 7 INkosi yam isihlambele isibingelelo sayo, ithe nethe kuyo ingcwele yayo, Izivingcelele esandleni sotshaba iindonga zeengxande zayo ezinde; Baxokolile endlwini kaYehova ngokwemini yomthendeleko. 8 UYehova ucinge ukonakalisa udonga lwentombi enguZiyon; Wolule ulutya lokulinganisa, akasibuyisa isandla sakhe ekuginyeni; Wenza ungqameko lomsele lwaba nesijwili, kwanodonga; batyhafa kunye. 9 Amasango ayo atshonile emhlabeni; uyitshabalalisile, uyaphule imivalo yayo; ukumkani wayo nabathetheli bayo basezintlangeni, akukho myalelo; abaprofeti bayo abafumani mbono kuYehova. 10 Ahleli emhlabeni amadoda amakhulu entombi enguZiyon, esithi cwaka, Agalela uthuli entloko; zibhinqe