Abagwebi ISAHLUKO 1 1 Kwathi emva kokufa kukaYoshuwa, babuza oonyana bakaSirayeli kuYehova, besithi, Ngubani na oya kusiqalela ukunyuka aye kumaKanan, alwe nawo? 2 Wathi uYehova, Konyuka uYuda; yabona, ilizwe ndilinikele esandleni sakhe. 3 Wathi uYuda kuSimon umkhuluwa wakhe, Nyuka nam, siye eqashisweni lam, silwe namaKanan; nam ndoya nawe eqashisweni lakho. Wahamba ke naye uSimon. 4 Wenyuka ke uYuda; uYehova wawanikela esandleni sabo amaKanan namaPerizi, abulala kuwo eBhezeki ishumi lamawaka amadoda. 5 Bamfumana uAdoni-bhezeki eBhezeki, balwa naye, bawabulala amaKanan namaPerizi. 6 Wasaba uAdoni-bhezeki; bamsukela, bambamba, bamnqumla oosithupha bezandla zakhe noobhontsi. 7 Wathi uAdoni-bhezeki, Ookumkani abamashumi asixhenxe, benqunyulwe izithupha noobhontsi, babechola ukudla kwabo phantsi kwetafile yam; njengoko ndenze ngako, wenjenjalo uThixo ukubuyekeza kum. Bamsa eYerusalem, wafela khona. 8 Ke kaloku oonyana bakaYuda balwa neYerusalem, bayithimba, bayixabela ngohlangothi lwekrele, bathi umzi bawufaka umlilo. 9 Behla emveni koko oonyana bakaYuda, baya kulwa namaKanan abehleli kweleentaba, nakwelasezantsi, nasentilini. 10 Waya uYuda ukuya kumaKanan abehleli eHebron (igama leHebron ngenxa engaphambili beliyiKiriyati karbha), ababulala uSheshayi, noAhiman, noTalemayi. 11 Wesuka khona waya kubemi baseDebhiri; igama leDebhiri laliyiKiriyati-sefere ngenxa engaphambili. 12 Wathi uKalebhi, Othe wayixabela iKiriyati-sefere, wayithimba, ndomnika intombi yam, uAkesa, ibe ngumkakhe. 13 Wayithimba uOteniyeli unyana kaKenazi, umninawa kaKalebhi; wamnika ke intombi yakhe, uAkesa, yangumkakhe. 14 Kwathi ekuzeni kwayo, yamvuselela ukuba acele umhlaba kuyise wayo; yehla e-esileni layo. Wathi uKalebhi kuyo, Yintoni na? 15 Yathi kuye, Ndinike into, ngokuba undinike umhlaba ongenamanzi; ndinike nemithombo yamanzi. UKalebhi wamnika ke imithombo yasentla nemithombo yasezantsi. 16 Oonyana bomKeni, uyise womkaMoses, benyuka bemka eMzini wamaSundu noonyana bakaYuda, baya entlango yakwaYuda, engasezantsi kweAradi. baya bahlala phakathi kwabantu. 17 UYuda wahamba noSimon umkhuluwa wakhe, bawaxabela amaKanan abehleli eTsefati, bayitshabalalisa. Kwathiwa igama laloo mzi yiHorma. 18 UYuda wayithimba iGaza nommandla wayo, neAshkelon nommandla wayo, ne-Ekron nommandla wayo. 19 UYehova waye enoYuda; wabagqogqa abemi bentaba; kodwa abazange bakwazi ukubagqogqa abemi bentili, kuba babeneenqwelo zentsimbi.
20 Bamnika uKalebhi umzi waseHebron, njengoko wathethayo uMoses; wabagqogqa khona oonyana bobathathu baka-Anaki. 21 Ke oonyana bakaBhenjamin abawagqogqanga amaYebhusi, abehleli eYerusalem; ahlala amaYebhusi noonyana bakaBhenjamin eYerusalem unanamhla. 22 Indlu kaYosefu yenyuka nayo, yaya kuyingenela iBheteli, uYehova waye enayo. 23 Indlu kaYosefu yathumela ukuba ihlole iBheteli. (Ke igama laloo mzi ngenxa engaphambili beliyiLuzi.) 24 Iintlola zabona indoda ephuma kuloo mzi, zathi kuyo, Khawusibonise ithuba lokungena kulo mzi; 25 Wazibonisa ithuba lokungena kuloo mzi, zawubulala umzi ngohlangothi lwekrele; bamndulula ke umfo nomzalwane wakhe wonke. 26 Waya umntu lowo ezweni lamaHeti, wakha umzi, wathi igama lawo yiLuzi; 27 UManase akabagqogqanga abemi baseBhete-shehan namagxamesi ayo, neTahanaki namagxamesi ayo, nabemi baseDore namagxamesi ayo, nabemi baseIbleham namagxamesi ayo, nabemi baseMegido namagxamesi ayo; 28 Kwathi, akomelela amaSirayeli, awafaka uviko amaKanan, akawagqogqa kuphele. 29 UEfrayim akawagqogqanga amaKanan abehleli eGezere; ahlala amaKanan phakathi kwawo eGezere. 30 UZebhulon akabagqogqanga abemi baseKitron nabemi baseNahaloli; ahlala amaKanan phakathi kwabo, afakwa uviko. 31 UAshere akabagqogqanga abemi baseAko, nabemi baseTsidon, neAhlabhi, neAkezibhi, neHelebha, neAfiki, neRehobhi; 32 Ama-Ashere ahlala phakathi kwamaKanan abemi kwelo zwe; 33 UNafetali akabagqogqanga abemi baseBhete-shemeshe, nabemi baseBhete-anati; wahlala phakathi kwamaKanan, abemi kwelo zwe; kodwa abemi baseBhete-shemeshe naseBhete-anati bafakwa uviko. 34 Ama-Amori abakhwelisa oonyana bakaDan entabeni, akabavuma ukuba behle baye entilini. 35 Ama-Amori athanda ukuhlala entabeni yeHeres, eAyalon naseShahalibhim; 36 Umda wama-Amori wathabathela eqhineni leAkrabhim, engxondorheni, wenyusa. ISAHLUKO 2 1 Kwenyuka isithunywa sikaYehova eGiligali, saya eBhokim, sathi, Ndaninyusa ndanikhupha eYiputa, ndanizisa ezweni endafungayo kooyihlo; ndathi, Andiyi kuwaphula umnqophiso wam nani naphakade. 2 Ize ningenzi mnqophiso nabemi beli lizwe; nizidilize izibingelelo zabo. Aniliphulaphulanga ilizwi lam; 3 Kananjalo ndathi, Andiyi kubagxotha phambi kwenu; baya kuba yimiva emacaleni enu, oothixo bazo babe ngumgibe kuni. 4 Kwathi, sakuwathetha isithunywa sikaYehova la mazwi kubo bonke oonyana bakaSirayeli, baliphakamisa abantu ilizwi labo, balila. 5 Bayibiza loo ndawo ngokuthi, yiBhokim, babingelela apho kuYehova. 6 Wabandulula ke uYoshuwa abantu, baya oonyana bakaSirayeli elowo elifeni lakhe, ukuba balime ilizwe.