UYoshuwa ISAHLUKO 1 1 Kwathi emva kokufa kukaMoses, umkhonzi kaYehova, wathetha uYehova kuYoshuwa unyana kaNun, umlungiseleli kaMoses, wathi, 2 UMoses umkhonzi wam ufile; suka ke ngoko, uyiwele iYordan le, wena naba bantu bonke, niye kwelo zwe ndibanika lona oonyana bakaSirayeli. 3 Iindawo zonke eziya kunyathelwa yintende yonyawo lwenu, ndininikile, njengoko ndathethayo kuMoses. 4 Kuthabathele entlango nakwiLebhanon le, kuse emlanjeni omkhulu, emlanjeni ongumEfrati, lonke ilizwe lamaHeti, kuse elwandle olukhulu ngasekutshoneni kwelanga, woba ngumda wenu. 5 Akuyi kuma mntu phambi kwakho, yonke imihla yokudla kwakho ubomi; njengoko ndandinoMoses, ndoba nawe; andiyi kukuyekela, andiyi kukushiya. 6 Yomelela ukhaliphe; ngokuba wena uya kulabela aba bantu ilizwe elo, endafungayo kooyise ukuba ndobanika. 7 Kodwa ke yomelela ukhaliphe kunene, ukuze ugcine ukwenza ngokomyalelo wonke, awakuwiselayo uMoses umkhonzi wam; musa ukutyekela kuwo, uye ekunene nasekhohlo, ukuze wenze ngengqiqo apho sukuba usiya khona. 8 Ize ingesuki incwadi yomyalelo emlonyeni wakho; uze ucamngce ngayo imini nobusuku, ukuze ugcine, ukwenze ngako konke okubhaliweyo kuyo; ngokuba woba nempumelelo indlela yakho, ube nempumelelo; 9 Andikuwiselanga mthetho na? Yomelela ukhaliphe; musa ukoyika, ungaqhiphuki umbilini; ngokuba uYehova uThixo wakho unawe, apho sukuba usiya khona. 10 UYoshuwa wabawisela umthetho abathetheli babantu, wathi, 11 Candani eminqubeni, nibawisele umthetho abantu, nithi, Zilungiseleni umphako; kuba ngeentsuku ezintathu noyiwela le Yordan, nisiya kulihlutha ilizwe elo aninikayo uYehova uThixo wenu, ukuba nilihluthe. 12 Wathetha uYoshuwa kumaRubhen, nakuGadi, nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase, esithi, 13 Likhumbuleni ilizwi awaniwisela umthetho ngalo uMoses, umkhonzi kaYehova, esithi, UYehova uThixo wenu uniphumzile, waninika eli lizwe. 14 Abafazi benu, nabantwana benu, nemfuyo yenu, yosala kweli lizwe aninika lona uMoses nganeno kweYordan; Ke nina niya kugqitha phambi kwabazalwana benu nixhobile, onke amagorha anobukroti, nibancede; 15 ade uYehova abaphumze abazalwana benu, njengoko waninikayo nina, balihluthe nabo ilizwe elo abanikayo uYehova uThixo wenu, nibuyele ke ezweni enilihluthileyo, nalidla ilifa elo uMoses umkhonzi kaYehova aninike lona nganeno kweYordan, ngasempumalanga. 16 Bamphendula ke uYoshuwa, besithi, Yonke into osiyalele yona soyenza, nalapho sukuba usithuma khona soya. 17 Ngako konke esamphulaphula ngako uMoses, siya kwenjenjalo ukukuphulaphula nawe; kodwa uYehova uThixo wakho makabe nawe, njengokuba wayenoMoses.
18 Bonke abantu abasukuba begwilika elizwini lakho, akawaphulaphula amazwi akho, kuyo yonke into omwisele umthetho ngayo, wobulawa afe; kodwa yomelela ukhaliphe. ISAHLUKO 2 1 UYoshuwa unyana kaNun wesusa amadoda amabini aziintlola, esithi ngasese, Hambani niye kulikhangela ilizwe neYeriko. Ahamba ke, angena endlwini yenkazana elihenyukazi, egama linguRahabhi, alala khona. 2 Waxelelwa ukumkani waseYeriko, kwathiwa, Yabona, kufike apha ngobu busuku amadoda avela koonyana bakaSirayeli, eze kuhlola ilizwe. 3 Wathumela ukumkani waseYeriko kuRahabhi, esithi, Wakhuphe amadoda afikileyo kuwe, angenileyo endlwini yakho; ngokuba aze kulihlola lonke ilizwe. 4 Yawathabatha inkazana loo madoda omabini, yawafihla; yathi, Kufike amadoda kum, ndingazi ukuba avela phi na. 5 Kwathi, ukuvalwa kwesango, kwakuba mnyama, aphuma amadoda lawo; ngokuba niya kuwafumana. 6 Ke yona ibiseluphahleni lwendlu, yawasithelisa ngeendiza zeflakisi, abezibeke eluphahleni. 7 Amadoda awasukela ngendlela yaseYordan ukuya emazibukweni; 8 Engekalali, yenyuka yaya kuwo phezu kwendlu; 9 Wathi kumadoda lawo, Ndiyazi ukuba uYehova uninikile eli lizwe; nokuba siwelwe luqhiphuko-mbilini yenu, nokuba bathe amandla bonke abemi belizwe ebusweni benu. 10 Kuba sivile ukuba uYehova wawomisa amanzi oLwandle oluBomvu phambi kwenu ekuphumeni kwenu eYiputa; noko nakwenzayo kookumkani bobabini bamaAmori, ababephesheya kweYordan, uSihon no-Ogi, enabasingela phantsi. 11 Sivile ke, zanyibilika iintliziyo zethu, akwaba sabakho kuqina kwamxhelo mntwini ngenxa yenu; ngokuba uYehova uThixo wenu nguye uThixo emazulwini phezulu, nasehlabathini phantsi apha. 12 Kaloku khanindifungele uYehova, nithi, kuba ndinenzele inceba, niyenzele inceba nani indlu kabawo, nindinike umqondiso wenyaniso; 13 nimsindise ubawo, noma, nabazalwana bam, noodade bam, neento zonke abanazo, niyihlangule imiphefumlo yethu ekufeni. 14 Athi kuyo amadoda lawo, Umphefumlo wethu wofa esikhundleni sowenu, ukuba aniyixelanga le nto yethu; Kothi, xa uYehova esinike eli lizwe, senze inceba nenyaniso kuwe. 15 Yawahlisa ke ngentsontelo ngefestile; kuba indlu yayo yabe iseludongeni lomzi, yayihleli eludongeni. 16 Wathi kuwo, Yiyani entabeni, hleze bahlangane nani abo banisukelayo; zimeleni apho iintsuku ezintathu, bade babuye abo banisukelayo, nandule ke ukuhamba indlela yenu. 17 Athi kuyo amadoda lawo, Asiyi kuba msulwa esi sifungo sakho osifungise sona. 18 Uyabona, sakufika kweli lizwe, wobopha intsontelo yosinga olu lubomvu efestileni le usihlise ngayo, uthabathe uyihlo, nonyoko, nabakhuluwa bakho, nendlu yonke kayihlo, uzise kuwe ekhaya. 19 Kothi, bonke abasukuba bephuma emnyango endlwini yakho, besiya phandle, igazi labo libe phezu kwentloko yabo, sibe msulwa thina; ke bonke abasukuba bekuwe