Skip to main content

Xhosa - The Book of Ezra the Scribe

Page 1

Ezra ISAHLUKO 1 1 Ke kaloku, ngomnyaka wokuqala kaKoreshi ukumkani wasePersi, ukuze kuzaliseke ilizwi likaYehova ngomlomo kaYeremiya, uYehova wawuxhokonxa umoya kaKoreshi ukumkani wasePersi, ukuba kuhanjiswe ilizwi ebukumkanini bakhe bonke, wasibhala, esithi, 2 Utsho uKoreshi, ukumkani wasePersi, ukuthi, UYehova, uThixo wamazulu, undinike zonke izikumkani zehlabathi; Yena undiyalele ukuba ndimakhele indlu eYerusalem, ekwaYuda. 3 Ngubani na phakathi kwenu ebantwini bakhe bonke? uThixo wakhe makabe naye, anyuke aye eYerusalem ekwaYuda, ayakhe indlu kaYehova, uThixo kaSirayeli, (nguye uThixo), eseYerusalem. 4 Onke amasalela, ezindaweni zonke aphambukele kuzo, makancedwe ngamadoda aloo ndawo akuyo ngesilivere, negolide, nempahla, neenkomo, kunye nomnikelo wabaqhutywa yintliziyo, wendlu kaThixo eseYerusalem. 5 Zesuka ke iintloko zezindlu zooyise zakwaYuda, nezakwaBhenjamin, nezababingeleli, nezabaLevi, nabo bonke abo uThixo wawuxhokonxayo umoya wabo, ukuba banyuke baye kuyakha indlu kaYehova eseYerusalem. 6 Bonke ababebangqongile bazomeleza izandla zabo ngeempahla zesilivere, nezegolide, nenye impahla, neenkomo, nangezinto ezinqabileyo; 7 Ke ukumkani uKoreshi wazirhola iimpahla zendlu kaYehova, awayezithabathe eYerusalem uNebhukadenetsare, wazibeka endlwini yezithixo zakhe; 8 Ezo ezo uKoreshi ukumkani wasePersi wazirhola, ngesandla sikaMitredati unondyebo, wazibalela kuSheshbhatsare, isikhulu sakwaYuda. 9 Lilo eli inani lazo: izitya zegolide ezimashumi mathathu, izitya zesilivere zaliwaka, iimela ezimashumi mabini anesithoba; 10 Zaba ngamashumi omathathu izitya zegolide, neendebe zesilivere zohlobo lwesibini zamakhulu mane anashumi linye, nezinye iimpahla eziliwaka. 11 Zonke iimpahla zegolide nezesilivere zaba ngamawaka amahlanu anamakhulu mane. Zonke ezo zinto wazinyusa uSheshbhatsare kwabathinjwa, abanyuswa eBhabheli, beza eYerusalem. ISAHLUKO 2 1 Ngabo aba oonyana belizwe lakwaYuda, abanyukayo bemka ekuthinjweni, kwababethinjiweyo, awayebafudusele eBhabheli uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, babuyela eYerusalem nakwaYuda, elowo waya emzini wakowabo; 2 abeza noZerubhabheli: uYeshuwa, uNehemiya, uSeraya, uRehelaya, uMordekayi, uBhileshan, uMispare, uBhigevayi, uRehum, uBhahana. Inani lamadoda oonyana bakaSirayeli: 3 Oonyana bakaParoshe ibingamawaka amabini, anekhulu elinamanci asixhenxe anababini. 4 Oonyana bakaShefatiya ibingamakhulu amathathu, anamanci asixhenxe anababini.

5 Oonyana baka-Ara ibingamakhulu asixhenxe, anamanci asixhenxe anabahlanu. 6 Oonyana bakaPahati wakwaMowabhi, koonyana bakaYeshuwa noYowabhi, ibingamawaka amabini, anamakhulu asibhozo, aneshumi elinye elinababini. 7 Oonyana bakaElam ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mahlanu anabane. 8 Oonyana bakaZatu ibingamakhulu asithoba, anamanci mane anabahlanu. 9 Oonyana bakaZakayi ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mathandathu. 10 Oonyana bakaBhani ibingamakhulu amathandathu, anamanci mane anababini. 11 Oonyana bakaBhebhayi ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini anabathathu. 12 Oonyana baka-Azegadi ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mabini anababini. 13 Oonyana baka-Adonikam ibingamakhulu amathandathu, anamanci mathandathu anabathandathu. 14 Oonyana bakaBhigevayi ibingamawaka amabini, anamanci mahlanu anabathandathu. 15 Oonyana baka-Adin ibingamakhulu amane, anamanci mahlanu anabane. 16 Oonyana baka-Atere kaHezekiya ibingamashumi asithoba anesibhozo. 17 Oonyana bakaBhetsayi ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini anabathathu. 18 Oonyana bakaYora ibilikhulu, elinashumi linye linababini. 19 Oonyana bakaHashum ibingamakhulu amabini, anamanci mabini anabathathu. 20 Oonyana baseGibhare ibingamashumi asithoba anabahlanu. 21 Oonyana baseBhetelehem ibilikhulu, elinamanci mabini anabathathu. 22 Amadoda aseNetofa ibingamashumi amahlanu anamathandathu. 23 Amadoda aseAnatoti ibilikhulu, elinamanci mabini anesibhozo. 24 Oonyana baseAzemavete ibingamashumi amane anababini. 25 Oonyana baseKiriyati-yeharim neKefira neBheroti ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mane anabathathu. 26 Oonyana baseRama neGabha ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini anamnye. 27 Amadoda aseMikimas ibilikhulu, elinamanci mabini anamabini. 28 Amadoda aseBheteli neAyi ibingamakhulu amabini, anamanci mabini anamathathu. 29 Oonyana baseNebho ibingamashumi amahlanu anababini. 30 Oonyana baseMagebhishe ibilikhulu, elinamanci mahlanu anabathandathu. 31 Oonyana bomnye uElam ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mahlanu anabane. 32 Oonyana bakaHarim ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini. 33 Oonyana baseLodi neHadide neOno ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mabini anabahlanu. 34 Oonyana baseYeriko ibingamakhulu amathathu, anamanci mane anabahlanu. 35 Oonyana baseSenaha ibingamawaka amathathu, anamakhulu mathandathu, anamanci mathathu.


Turn static files into dynamic content formats.

Create a flipbook