Skip to main content

Xhosa - The Book of Exodus

Page 1

iEksodus ISAHLUKO 1 1 Ngawo la amagama oonyana bakaSirayeli, abafikayo eYiputa; weza elowo nendlu yakhe noYakobi. 2 uRubhen, uSimon, uLevi, noYuda, 3 uIsakare, uZebhulon, noBhenjamin; 4 uDan, noNafetali, noGadi, noAshere. 5 Iyonke imiphefumlo eyaphumayo esinqeni sikaYakobi yayiyimiphefumlo emashumi asixhenxe; ngokuba uYosefu ebeseleseYiputa. 6 Wafa ke uYosefu, nabazalwana bakhe bonke, naso sonke eso sizukulwana. 7 Baqhama oonyana bakaSirayeli, banda, banda, baba namandla kunene; lazala ilizwe ngabo. 8 Kwavela ukumkani omtsha phezu kweYiputa, ubengamazi uYosefu. 9 Wathi ebantwini bakhe, Yabonani, abantu oonyana bakaSirayeli baninzi, banamandla kunathi; 10 Yizani silumke kubo; hleze ande; bathi, xenikweni kuthe kwabakho imfazwe, bathelele nabo kwiintshaba zethu, balwe nathi, banyuke baphume ezweni. 11 Bamisa phezu kwabo abaqhubi-kalukhuni babantu, ukuze babacinezele ngemithwalo yabo. Bamakhela uFaro izixeko ezingoovimba, iPitom neRameses. 12 Okukhona babacinezelayo, kokukhona bandayo, banda. Baba buhlungu ngenxa yoonyana bakaSirayeli. 13 AmaYiputa ke abacinezela oonyana bakaSirayeli; 14 babenza bakrakra ubomi babo ngomsebenzi olukhuni, ngodaka nangezitena, nangeentlobo zonke zemisebenzi yasendle; 15 Wathi ukumkani waseYiputa kubazalisikazi abangamaHebherekazi, igama lomnye belinguShifra, igama lomnye belinguPuwa; 16 wathi, Ekuzaliseni kwenu amaHebherekazi, khangelani xa ezala; ukuba ithe yayinkwenkwe, noyibulala; ukuba ithe yayintombi, yophila. 17 Abazalisikazi boyika uThixo, abenza ngoko ubewise umthetho ngako ukumkani waseYiputa, bawasindisa amakhwenkwe. 18 Wababiza ukumkani waseYiputa abazalisikazi, wathi kubo, Yini na ukuba nenze le nto yokuwasindisa amakhwenkwe? 19 Bathi abazalisikazi kuFaro, AmaHebherekazi akanjengabafazi bamaYiputa; kuba ziphilile, zazala, bengekafiki kubo abazalisikazi. 20 UThixo wabenzela okulungileyo abazalisikazi. Banda abantu, banamandla kakhulu. 21 Kwathi, ekubeni abazalisikazi bemoyika uThixo, wabanika izindlu. 22 UFaro wabawisela umthetho abantu bakhe bonke, wathi, Bonke oonyana abathe bazalwa, baphoseni emlanjeni; ke zonke iintombi zisindiseni. ISAHLUKO 2 1 Kwaphuma indoda yendlu kaLevi, yazeka intombi yakwaLevi. 2 Wamitha umfazi lowo, wazala unyana; wambona ukuba mhle, wamfihla iinyanga ezintathu.

3 Akuba engasenako ukumfihla, wamthabathela umkhombe wemikhanzi, wawutyabeka ngebhitumene netela, wamfaka kuwo umntwana. wayibeka engcotyeni elunxwemeni lomlambo. 4 Udade wabo wema mgama, ukuze ayazi into eya kwenziwa kuye. 5 Yehla ke intombi kaFaro, isiya kuqubha emlanjeni; amantombazana ayo ahamba ngasecaleni lomlambo; Wawubona umkhombe phakathi kwemikhumbi, wathuma umkhonzazana wakhe, ukuba awuthabathe. 6 Yawunqika, yambona umntwana; nantso inkwenkwana ilila. Yasikwa yimfesane ngaye, yathi, Ngowabantwana bamaHebhere lo. 7 Wathi udade wabo kwintombi kaFaro, Ndiye kukubizela na umfazi wamaHebhere onokwanyisa, akwanyisele umntwana? 8 Yathi intombi kaFaro kuye, Hamba. Yaya ke intombi leyo, yabiza unina womntwana. 9 Yathi intombi kaFaro kuye, Thabatha lo mntwana, umanyise; ndokunika umvuzo wakho mna. Umfazi wamthabatha umntwana, wamanyisa. 10 Wakhula umntwana, wamsa ke kwintombi kaFaro, waba ngunyana wayo. Wamthiya igama elinguMoses, wathi, Ndamrhola emanzini. 11 Kwathi ke ngaloo mihla, akukhula uMoses, waphuma waya kubazalwana bakhe, ekhangela imithwalo yabo, wabona umYiputa ebetha umHebhere wakubazalwana bakhe. 12 Wabheka ngapha nangapha, wabona ukuba akukho mntu, wambulala umYiputa lowo, wamselela entlabathini. 13 Waphuma ngemini yesibini; wabona amaHebhere emabini entlalana; wathi kowone omnye, Yini na ukuba umbethe ummelwane wakho? 14 Wathi yena, Umiswe ngubani na ukuba ube ngumthetheli nomgwebi phezu kwethu? Uza kundibulala na nam, njengokuba umbulele umYiputa? Woyika uMoses, wathi, Hayi, iyaziwa le nto. 15 UFaro wayiva le nto, wafuna ukumbulala uMoses. Wasaba uMoses, wemka ebusweni bukaFaro, wahlala ezweni lakwaMidiyan, wahlala phantsi ngasequleni. 16 Ke kaloku umbingeleli wakwaMidiyan wayeneentombi ezisixhenxe; zeza kukha amanzi, zayizalisa imikhumbi ukuba ziseze impahla emfutshane kayise. 17 Bafika abalusi, bazigxotha, wesuka uMoses wazinceda, wayiseza impahla yazo emfutshane. 18 Afika kuRehuweli uyise, wathi, Yini na ukuba nifike kamsinya kangaka namhla? 19 Bathi, Sihlangulwe ngumYiputa esandleni sabalusi, wasikhelela amanzi, wayiseza impahla emfutshane. 20 Wathi ezintombini zakhe, Uphi na? Nimshiyeleni na umntu? Mbizeni, ukuze adle isonka. 21 Wakholwa uMoses kukuhlala naloo ndoda, yamnika uMoses uTsipora, intombi yayo. 22 Yazala unyana, wathi igama lakhe nguGershom, kuba ubesithi, Ndingumphambukeli ezweni lolunye uhlanga. 23 Kwathi kwakuba ntsuku, wafa ukumkani waseYiputa. Bancwina oonyana bakaSirayeli ngenxa yomsebenzi, bakhala; kwenyuka ukuzibika kwabo, kwaya kuThixo, ngenxa yomsebenzi. 24 Wakuva uThixo ukugula kwabo, wawukhumbula uThixo umnqophiso wakhe noAbraham, noIsake, noYakobi.


Turn static files into dynamic content formats.

Create a flipbook