iDuteronomi ISAHLUKO 1 1 Ngawo la ke amazwi, awawathethayo uMoses kumaSirayeli onke phesheya kweYordan entlango, eArabha, malungana noLwandle oluBomvu, phakathi kweParan, neTofele, neLabhan, neHatseroti, neDizahabhi. 2 (Luhambo lweentsuku ezilishumi elinalunye ukusuka eHorebhe ngendlela yentaba yakwaSehire ukuya eKadeshe-bharneha). 3 Ngomnyaka wamashumi omane, ngenyanga yeshumi elinanye, ngolokuqala enyangeni leyo, wathetha uMoses koonyana bakaSirayeli ngako konke uYehova abemwisele umthetho ngako kubo. 4 Emveni kokuba emxabele uSihon ukumkani wamaAmori, obemi eHeshbhon, no-Ogi ukumkani waseBhashan, obemi eAshtaroti ngase-Edreyi; 5 Ngaphesheya kweYordan, ezweni lakwaMowabhi, waqala uMoses ukuvakalisa lo myalelo, esithi, 6 Wathetha kuthi uYehova uThixo wethu eHorebhe, wathi, Kwanele nihleli kule ntaba; 7 Jikani ninduluke, nihambe niye entabeni yama-Amori, nasezindaweni zonke ezikufuphi nayo, eArabha, ezintabeni, nasezihlanjeni, nakwelasezantsi, nangaselwandle, ezweni lamaKanan, naseLebhanon, nise emlanjeni omkhulu, umlambo ongumEfrati. 8 Yabonani, ndinisikele ilizwe. Ngenani, nakhe kwelo zwe wafungayo uYehova kooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba wolinika bona, nembewu yabo emva kwabo. 9 Ndathi kuni ngelo xesha, Andinakunithwala ndedwa; 10 UYehova uThixo wenu unandisile; nanku namhla ningangeenkwenkwezi zezulu ukuba baninzi kwenu. 11 UYehova uThixo wooyihlo makalongeze inani lenu kaliwaka kunoko lingako, anisikelele njengoko wathethayo kuni. 12 Ndingathini na ukubuthwala ndedwa ubunzima benu, nomthwalo wenu, nembambano yenu? 13 Zikhangeleleni amadoda alumkileyo, aziingqondi, aziwayo, ngokwezizwe zakomawenu, ndiwamise abe ziintloko zenu. 14 Nandiphendula nathi, Ilizwi olithethileyo lilungile ukuba silenze. 15 Ndabathabatha ke abaziintloko zezizwe zakowenu, amadoda alumkileyo, aziwayo, ndawamisa aba ziintloko phezu kwenu:abathetheli-waka, nabathetheli-makhulu, nabathetheli-mashumi ngamahlanu, nabathetheli-mashumi ngamanye, nabaphathi, ngokwezizwe zakomawenu. 16 Ndabawisela umthetho abagwebi benu ngelo xesha, ndathi, Noyilamla into ephakathi kwabazalwana benu, nigwebe ngobulungisa phakathi komntu nomzalwana wakhe, nowasemzini okuye. 17 Ze ningakhethi buso bamntu ekugwebeni; ize niphulaphule omncinane, nomkhulu; ize ningaboyiki ubuso bamntu; ngokuba ngokaThixo ugwebo; ke indawo eninqabeleyo, yiziseni kum, ndiyive. Ndaniwisela umthetho ngelo xesha ngezinto zonke enozenza. 19 Sanduluka eHorebhe, sayihamba yonke laa ntlango inkulu, yoyikekayo nayibonayo, sihamba ngendlela
yentaba yama-Amori, njengoko uYehova uThixo wethu wasiyalelayo. safika eKadeshe-bharneha. 20 Ndathi ke kuni, Nifikile entabeni yama-Amori, awasinikayo uYehova uThixo wethu. 21 Khangela, uYehova uThixo wakho ulinikele kuwe ilizwe elo:nyuka wakhe kulo, njengoko wathethayo uYehova uThixo wooyihlo kuwe. musani ukoyika, ningatyhafi. 22 Nasondela kum nina nonke, nathi, Masithumele amadoda, asandulele, asihlole ilizwe, asizisele ilizwi lendlela esonyuka ngayo, nemizi esofika kuyo. 23 Lalunga ke elo zwi emehlweni am, ndathabatha kuni amadoda alishumi elinamabini, indoda yanye esizweni. 24 Ajika ke, enyuka aya entabeni, afika entilini ye-Eshkoli, ayihlola. 25 Athabatha eziqhameni zelo zwe ngesandla sawo, asiphathela, asizisela ilizwi, athi, Lilizwe elihle asinikayo uYehova uThixo wethu. 26 Noko ke anivumanga kunyuka, nawuphikisa umlomo kaYehova uThixo wenu. 27 Nakrokra ezintenteni zenu, nathi, Wasikhupha kuba esithiyile uYehova, wasikhupha ezweni laseYiputa, ukuze asinikele esandleni sama-Amori, asitshabalalise. 28 Siya kunyukela phi na? Abazalwana bethu bazinyibilikisile iintliziyo zethu, besithi, Abantu bakhulu, bade kunathi; imizi mikhulu, inqatyisiwe yada yesa ezulwini; kananjalo sibabonile oonyana baka-Anaki khona. 29 Ndathi ke kuni, Musani ukungcangcazela, ningaboyiki. 30 UYehova uThixo wenu ohamba phambi kwenu wonilwela, njengako konke anenzele kona eYiputa phambi kwamehlo enu; 31 nasentlango, apho wakubonayo ukukuthwala kukaYehova uThixo wakho, njengomntu ethwele unyana wakhe, ngendlela yonke enahamba ngayo, nada naza kufika kule ndawo. 32 Kanti anikholwanga nguYehova uThixo wenu ngaloo nto; 33 ohamba phambi kwenu ngendlela, ukuba anihlolele indawo yokumisa iintente zenu, ngomlilo ebusuku, anibonise indlela enohamba ngayo, ngelifu emini. 34 Waliva uYehova izwi lokuthetha kwenu, waba noburhalarhume, wafunga, wathi, 35 Ngokuba akuyi kubona nalinye kula madoda esi sizukulwana singendawo, elo lizwe lihle, endafungayo ukuba ndolinika ooyihlo; 36 ingenguKalebhi unyana kaYefune; wolibona yena, ndimnike yena, noonyana bakhe, ilizwe awanyathela phezu kwalo, ngenxa enokuba emlandele kwaphela uYehova. 37 Kanjalo uYehova wandifuthela nam ngenxa yenu, wathi, Nawe lo akuyi kungena khona. 38 UYoshuwa unyana kaNun, oma phambi kwakho, nguye owongena khona; momeleze, ngokuba yena wowadlisa ilifa elo amaSirayeli. 39 Ke iintsatshana zenu, enibe nisithi zoba lixhoba, nabantwana benu abangakwaziyo namhla okulungileyo nokubi, bona bongena khona, ndibanike bona, balihluthe. 40 Ke nina jikani, ninduluke niye entlango ngendlela eya eLwandle oluBomvu. 41 Naphendula nathi kum, Sonile kuYehova, sonyuka thina, silwe njengako konke asiyalele ngako uYehova uThixo wethu. Naxhoba ke elowo impahla yakhe yokulwa, nalungela ukunyukela entabeni.