UDaniyeli ISAHLUKO 1 1 Ngomnyaka wesithathu wobukumkani bukaYehoyakim ukumkani wakwaYuda, kweza uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli eYerusalem, wayingqinga. 2 UYehova wamnikela uYehoyakim ukumkani wakwaYuda esandleni sakhe, nenxalenye yempahla yendlu kaThixo, awazithwalela ezweni laseShinare, endlwini yothixo wakhe; iimpahla ezo wazingenisa endlwini yobuncwane bothixo wakhe. 3 Wathi ukumkani kuAshpenazi, umthetheli-mathenwa akhe, makazise abakoonyana bakaSirayeli, nabembewu yokumkani, nabakumawaba; 4 ngabantwana abangenasiphako kubo, kodwa babebabalwe kakuhle, abanobuchule kubo bonke ubulumko, abanobuqili ekwazini, nasekuqondeni ukwazi, nabanako ukuma ebhotweni lokumkani, nabanokufundisa imfundo nolwimi lwamaKaledi. 5 Ukumkani wabamisela umxhesho wemini ngemini, ekudleni kokumkani nasewayinini ayisela, ukuze bondliwe iminyaka emithathu, ukuze ekupheleni kwayo beme phambi kokumkani. 6 Ke phakathi kwaba kukho abakoonyana bakaYuda, inguDaniyeli, noHananiya, noMishayeli, noAzariya; 7 Umthetheli-mathenwa wamthiya amagama, ngokuba uDaniyeli wamthiya igama elinguBheletshatsare; uHananiya wathi nguShadraki; uMishayeli wathi nguMeshaki; UAzariya wathi nguAbhednego. 8 Ke kaloku, uDaniyeli wayegqibe entliziyweni yakhe, ukuba angazingcolisi ngokudla kokumkani nangewayini ayiselayo; 9 UThixo wenza uDaniyeli ukuba afumane inceba nemfesane phambi komthetheli-mathenwa. 10 Umthetheli-mathenwa wathi kuDaniyeli, Ndiyayoyika inkosi yam ukumkani, omise eniya kukudla neniya kukusela; ize niyenze ingozi intloko yam kukumkani. 11 Wathi uDaniyeli kuMeltsare, obemiswe ngumthethelimathenwa phezu koDaniyeli, noHananiya, noMishayeli, noAzariya, 12 Khawubalinge abakhonzi bakho iintsuku ezilishumi; + yaye mabasinike imifuno sidle, namanzi ukuba sisele. 13 kukhangelwe phambi kwakho ukubonakala kwethu, nokubonakala kwabantwana abadla ukudla kokumkani; wenze ke kubakhonzi bakho njengoko ubona ngako. 14 Wabavumela kweli lizwi, wabalinga iintsuku ezilishumi. 15 Ekupheleni kweentsuku ezilishumi, yabonakala imbonakalo yabo intle, betyebile, ngaphezu kwabantwana bonke abadla ukudla kokumkani. 16 Wawususa uMeltsare ukudla kwabo, newayini ababeyisela; wabanika ukubetha kwentliziyo. 17 Abo bantwana bane uThixo wabanika ukwazi, nokuziqonda iincwadi zonke, nobulumko; uDaniyeli waba nokuyiqonda imibono yonke, namaphupha. 18 Ekupheleni kweentsuku, abethe ukumkani maze baziswe ngazo, umthetheli-mathenwa wabangenisa ke phambi koNebhukadenetsare. 19 Ukumkani wathetha nabo; kubo bonke bephela akufunyanwanga banjengoDaniyeli, noHananiya, noMishayeli, noAzariya. Bema ke bona phambi kokumkani.
20 Ke kuzo zonke iindawo zobulumko nokuqonda, abezibuza kubo ukumkani, wabafumana bebadlula ngokukalishumi zonke izazi nabakhwitsi abasebukumkanini bonke. 21 Wahlala ke uDaniyeli, kwada kwangumnyaka wokuqala kaKoreshi ukumkani. ISAHLUKO 2 1 Ngomnyaka wesibini wobukumkani bukaNebhukadenetsare, uNebhukadenetsare waphupha amaphupha, wakhathazeka umoya wakhe, waphelelwa bubuthongo. 2 Ukumkani wathi makubizwe izazi, nabakhwitsi, nabakhafuli, namaKaledi, bemxelele ukumkani amaphupha akhe. Beza ke bema phambi kokumkani. 3 Wathi ukumkani kubo, Ndiphuphe iphupha; umoya wam ke ungqungela ukulazi iphupha elo. 4 AmaKaledi athetha ke kukumkani ngesiAram, athi, Kumkani, yidla ubomi ngonaphakade! Balawulele abakhonzi bakho iphupha elo; sokuxelela ukutyhilwa kwalo. 5 Waphendula ukumkani, wathi kumaKaledi, Ilizwi lam malazeke; ukuba anithanga nindazise iphupha elo, nokutyhilwa kwalo, niya kwenziwa iziqwenga, izindlu zenu zenziwe indawo ekuyiwa kuyo endle. 6 Ukuba nithe nalixela iphupha, nokutyhilwa kwalo, nozuza kum izipho, nemivuzo, nembeko enkulu; 7 Aphendula okwesibini athi, Ukumkani makabalawulele abakhonzi bakhe iphupha elo; sokuxelela ukutyhilwa kwalo. 8 Waphendula ukumkani wathi, Ndiyazi okwenyaniso, ukuba ninga ningazuza ixesha, ngokuba nibona ukuba seliwisiwe ilizwi lam. 9 Ukuba anithanga nindazise iphupha, mnye umthetho kuni; ngokuba nilungise amazwi obuxoki, onakalisayo, ukuthetha phambi kwam, lide ixesha lidlule; 10 Aphendula amaKaledi phambi kokumkani, athi, Akukho mntu phezu kwehlabathi unokuyixela le nto kakumkani; 11 Ke loo nto ayifunayo ukumkani inqabile; akukho namnye unokuyixela phambi kokumkani, ingengabo oothixo abakhaya lingekhoyo kwizinto eziyinyama. 12 Ngenxa yoko waqumba ukumkani, waba noburhalarhume obukhulu, wathi mazitshatyalaliswe zonke izilumko zaseBhabheli. 13 Kwaphuma umthetho wokuba mazibulawe izilumko. Bamfuna ke uDaniyeli namakholwane akhe, ukuba bababulale. 14 Waza uDaniyeli waphendula ngecebo nangobulumko kuAriyoki, umthetheli wabasiki bokumkani, obephume waya kubulala izilumko zaseBhabheli. 15 Waphendula wathi kuAriyoki, obenegunya lakomkhulu, Yini na ukuba kuphume umthetho onje ukuba bukhali kukumkani? Waza uAriyoki wamazisa uDaniyeli le nto. 16 Waza uDaniyeli wangena, wacela ukumkani ukuba amphe ixesha, ukuba anuxelele ukumkani ukutyhilwa kwephupha elo. 17 Waza uDaniyeli waya endlwini yakhe, wayazisa ooHananiya, uMishayeli, noAzariya, amakholwane akhe, le nto;