Skip to main content

Xhosa - The Book of 2nd Kings

Page 1

Eyesi-2 yooKumkani ISAHLUKO 1 1 Wakreqa ke amaMowabhi kumaSirayeli emva kokufa kuka-Ahabhi. 2 UAhaziya wawa efestileni yegumbi: lakhe eliphezulu elikwaSamari, wahliwa kukufa ke, wathuma abathunywa, wathi kubo, Hambani niye kubuzisa kuBhahali-zebhubhi, uthixo wase-Ekron, ukuba ndiya kuphila na kwesi sifo. 3 Sathi isithunywa sikaYehova kuEliya waseTishbhi, Suk’ ume, unyuke uye kukhawulela abathunywa bokumkani wakwaSamari, uthethe kubo, uthi, Kungokuba kungekho Thixo kwaSirayeli na, le nto niye kubuzisa kuBhahalizebhubhi, uthixo wase-Ekron? 4 Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Isingqengqelo eso, unyuke waya kuso, akusayi kuhla kuso; inene, uya kufa. Wemka ke uEliya. 5 Babuya abathunywa beza kuye, wathi kubo, Yini na ukuba nibuye? 6 Bathi kuye, Kunyuke indoda, yeza kusikhawulela, yathi kuthi, Hambani nibuyele kukumkani onithumileyo, nithi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Kungokuba kungekho Thixo kwaSirayeli na, le nto uthumela ukuba kubuziswe kuBhahali-zebhubhi, uthixo wase-Ekron? Ngako oko, isingqengqelo eso, unyuke waya kuso, akusayi kuhla kuso; inene, uya kufa. 7 Wathi kubo, Iluhlobo luni na indoda leyo inyukileyo yeza kunikhawulela, yathetha loo mazwi kuni? 8 Bathi kuye, Yindoda exhonti, ebhinqe umbhinqo wentlonze esinqeni sayo. Wathi, NguEliya waseTishbhi. 9 Ukumkani wathumela kuye umthetheli-mashumimahlanu, enamashumi omahlanu akhe. Wenyuka waya kuye, nanko ehleli encotsheni yentaba. Wathi kuye, Mfo wakwaThixo, uthe ukumkani, Yihla. 10 Waphendula uEliya, wathi kumthetheli-mashumimahlanu, Ukuba ke ndingumfo wakwaThixo, makuhle umlilo ezulwini, ukudle wena namashumi omahlanu akho. kwehla umlilo ezulwini, wamtshisa yena namashumi omahlanu akhe. 11 Wabuya wamthumela kuye omnye umthethelimashumi-mahlanu, enamashumi omahlanu akhe. Waphendula wathi kuye, Mfo wakwaThixo, utsho ukumkani ukuthi, Yihla ngokukhawuleza. 12 Waphendula uEliya, wathi kubo, Ukuba ke ndingumfo wakwaThixo, makuhle umlilo ezulwini, ukudle wena namashumi omahlanu akho. Wehla umlilo kaThixo ezulwini, wamtshisa yena namashumi omahlanu akhe. 13 Wabuya wathuma owesithathu umthetheli-mashumimahlanu, enamashumi omahlanu akhe. Wenyuka ke owesithathu umthetheli-mashumi-mahlanu, waguqa ngamadolo phambi koEliya, wambongoza, wathi kuye, Mfo wakwaThixo, mawunqabe emehlweni akho umphefumlo wam, nomphefumlo waba bakhonzi bakho bamashumi mahlanu. 14 Uyabona, kwehla umlilo ezulwini, wabadla abathetheli bobabini baloo mashumi angamahlanu, kunye namashumi omahlanu abo; ngoko mawunqabe emehlweni akho umphefumlo wam. 15 Sathi isithunywa sikaYehova kuEliya, Yihla naye; Wesuka ke, wehla naye, waya kukumkani.

16 Wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba uthumele abathunywa bokubuzisa kuBhahali-zebhubhi, uthixo wase-Ekron, kungokuba kungekho Thixo kwaSirayeli na, kungabuziswa kuye? Ngako oko, isingqengqelo eso, unyuke waya kuso, akusayi kuhla kuso; inene, uya kufa. 17 Wafa ke ngokwelizwi likaYehova elathethwa nguEliya. Waba ngukumkani uYehoram esikhundleni sakhe, ngomnyaka wesibini kaYehoram unyana kaYehoshafati, ukumkani wakwaYuda; ngokuba ebengenanyana. 18 Ezinye izinto zika-Ahaziya awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli? ISAHLUKO 2 1 Kwathi ekuza kumnyuseni kukaYehova uEliya ngomoya ovuthuzayo, ukuba aye emazulwini, wabe uEliya ehamba noElisha, besuka eGiligali. 2 Wathi uEliya kuElisha, Khawuhlale apha; ngokuba uYehova undithume eBheteli. Wathi uElisha kuye, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Behla ke baya eBheteli. 3 Baphuma oonyana babaprofeti, ababeseBheteli, baya kuElisha, bathi kuye, Uyazi na kodwa ukuba namhla uyayisusa uYehova inkosi yakho entlokweni yakho? Wathi, Ewe, ndiyazi; thulani. 4 Wathi uEliya kuye, Elisha, khawuhlale apha; ngokuba uYehova undithume eYeriko. Wathi yena, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Bafika ke eYeriko. 5 Beza oonyana babaprofeti ababeseYeriko kuElisha, bathi kuye, Uyazi na kodwa ukuba namhla uyayisusa uYehova inkosi yakho entlokweni yakho? Wathi yena, Ewe, ndiyazi; thulani. 6 Wathi uEliya kuye, Khawuhlale apha; ngokuba uYehova undithume eYordan. Wathi yena, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Bahamba ke bobabini. 7 Kwahamba amadoda amashumi mahlanu koonyana babaprofeti, afika ema mgama malunga nabo. Bona bema bobabini ngaseYordan. 8 UEliya wayithabatha ingubo yakhe enkulu, wayisonga, wabetha ngayo emanzini; ahluka, asinga ngapha nangapha; bawela bobabini komile. 9 Kwathi, xa bawelileyo, wathi uEliya kuElisha, Cela into, ndikwenzele, ndingekasuswa kuwe. Wathi uElisha, Makhe zibe phezu kwam izahlulo ezibini zomoya wakho. 10 Wathi, Ucele into enzima; kodwa ke ukuba uthe wandibona ukususwa kwam kuwe, koba njalo, ukuba uthe wandibona ukususwa kwam kuwe; ukuba akunjalo, akuyi kuba njalo. 11 Kwathi, besahamba, behamba bethetha, kwabonakala inqwelo yomlilo namahashe omlilo, yabahlula bobabini; wenyuka uEliya ngomoya ovuthuzayo, waya emazulwini. 12 UElisha akukubona oko, wadanduluka, wathi, Bawo, bawo, nqwelo yokulwa yakwaSirayeli, nabamahashe ayo! Akaba sambona; wazibamba ezakhe iingubo, wazikrazula zaziqwenga zibini. 13 wayichola ingubo enkulu kaEliya, eyayiwe kuye; wabuya, wafika wema elunxwemeni lweYordan. 14 Wayithabatha ingubo enkulu kaEliya, eyayiwe kuye, wabetha ngayo emanzini, wathi, Uphi na uYehova, uThixo


Turn static files into dynamic content formats.

Create a flipbook
Xhosa - The Book of 2nd Kings by Filipino Tracts and Literature Society Inc. - Issuu