Eyoku-1 kaSamuweli ISAHLUKO 1 1 Ke kaloku kwakukho ndoda ithile yaseRama, umTsofi, yakweleentaba lakwaEfrayim, egama belinguElikana, unyana kaYeroham, unyana kaElihu, unyana kaTohu, unyana kaTsufi, wakwaEfrayim. 2 Yayinabafazi ababini; igama lomnye lalinguHana, igama lowesibini lalinguPenina; uPenina ke wayenabantwana, uHana yena engenabantwana. 3 Indoda leyo ibinyuka ivela emzini wayo iminyaka ngeminyaka, iye kunqula, ibingelele kuYehova wemikhosi eShilo. Babekhona ke oonyana bakaEli bobabini, uHofeni noPinehasi, ababingeleli bakaYehova. 4 Kwathi ngexesha lokusondeza uElikana, wamnika uPenina umkakhe, noonyana bakhe bonke, neentombi zakhe, izabelo. 5 Ke uHana wamnika isabelo sabantu ababini; ngokuba ebemthanda uHana, ke uYehova ebesivalile isizalo sakhe. 6 Umbandezeli wakhe wamqumbisa kananjalo, ukuba amthukuthelise, ngokuba uYehova ebesivalile isizalo sakhe. 7 Wenjenjalo uElikana iminyaka ngeminyaka, xa wenyukayo ukuya endlwini kaYehova; wenjenjalo uPenina ukumqumbisa; Walila ke akadla. 8 Wathi uElikana indoda yakhe kuye, Hana, ulilelani na? Yini na ukuba ungadli? Yini na ukuba ibe mbi intliziyo yakho? Andilungile na kuwe ngaphezu koonyana abalishumi? 9 Wesuka ke uHana emveni kokuba bedlile eShilo, emveni kokuba besele. Ke kaloku uEli umbingeleli wayehleli esitulweni ngasemgubasini wetempile kaYehova. 10 Wawukrakra umphefumlo wakhe, wathandaza kuYehova, walila kunene. 11 Wabhambathisa isibhambathiso, wathi, Yehova wemikhosi, ukuba uthe wazibona iintsizi zomkhonzazana wakho, wandikhumbula, akwamlibala umkhonzazana wakho, wesuka wamnika umkhonzazana wakho umntwana oyinkwenkwe: ndomnika uYehova yonke imihla yobomi bakhe, nesitshetshe sokucheba asisayi kusondezwa entlokweni yakhe. 12 Kwathi, ekuthandazeni kwakhe uthandaza phambi koYehova, uEli wawugqala umlomo wakhe. 13 Ke yena uHana wayethethela entliziyweni yakhe; Bebebezela imilebe yomlomo wakhe yodwa, ilizwi lakhe lingavakali; uEli waba uyanxila. 14 Wathi uEli kuye, Koda kube nini na unxila? yigqithise iwayini yakho kuwe. 15 Waphendula uHana, wathi, Hayi, nkosi yam, ndingumfazi omoya unobunzima, andiselanga wayini nasiselo sinxilisayo; ndiphalaza umphefumlo wam phambi koYehova. 16 Musa ukumbalela umkhonzazana wakho ekuthini yintombi yetshijolo; ngokuba unangoku ndithethe ngobuninzi bokukhalaza kwam nokuqunjiswa kwam. 17 Waphendula uEli, wathi, Hamba unoxolo; uThixo kaSirayeli makakunike isicelo sakho osicelileyo kuye.
18 Wathi yena, Makababalwe umkhonzazana wakho emehlweni akho. Yahamba ke intokazi leyo, yadla, ababa saba lusizi ubuso bayo. 19 Bavuka kusasa ngengomso, baqubuda phambi koYehova, babuya, bafika endlwini yabo eRama. UElikana wamazi uHana umkakhe; uYehova wamkhumbula. 20 Kwathi ngexesha lokumitha kwakhe uHana, wazala unyana, wathi igama lakhe nguSamuweli, esithi, Kungokuba ndamcelayo kuYehova. 21 Yenyuka indoda leyo inguElikana nendlu yayo yonke, ukuba ibingelele kuYehova umbingelelo womnyaka, inesibhambathiso sayo. 22 Ke yena uHana akanyukanga; ngokuba wathi endodeni yakhe, Andiyi kunyuka ade alunyulwe umntwana, ndimzise abonakale phambi koYehova, ahlale khona ngonaphakade. 23 Wathi uElikana indoda yakhe kuye, Yenza okulungileyo emelweni akho; hlala ude umlumle; ke uYehova makamise ilizwi lakhe. Wahlala ke umfazi, wamanyisa unyana wakhe, wada wamlumla. 24 Wenyuka naye, akuba emlumle, enenkunzi entsha yenkomo ezintathu, ne-efa yomgubo, nentsuba yewayini, wamsa endlwini kaYehova eShilo. 25 Bayixhela inkunzi entsha, bamsa umntwana kuEli. 26 Wathi, Camagu, nkosi yam, uhleli nje umphefumlo wakho, nkosi yam, ndingulaa mfazi wayemi kuwe apha, ethandaza kuYehova. 27 Ndandithandazela lo mntwana; undinikile ke uYehova isicelo sam endandisicela kuye. 28 nam ndiya kumenza oceliweyo kuYehova; yonke imihla yokubakho kwakhe, woba ngoceliweyo kuYehova. Waqubuda apho kuYehova. ISAHLUKO 2 Wathandaza uHana, wathi, Intliziyo yam idlamkile ngoYehova, Uphondo lwam luphakanyisiwe nguYehova. Uvulekile umlomo wam kakhulu ngazo iintshaba zam; ngokuba ndivuyela usindiso lwakho. 2 Akukho uyingcwele njengoYehova; ngokuba akukho namnye ngaphandle kwakho; akukho liwa linjengoThixo wethu. 3 Musani ukukwandisa ukuthetha izinto eziphakamileyo, izinto eziphakamileyo; Musani ukukhukhumala emlonyeni wenu; ngokuba uYehova nguThixo owazi konke, Yena nguMlinganisi wezenzo eziyincamisa. 4 Izaphetha zamagorha ziqhawuke, Abakhubekayo babhinqe ubukroti. 5 Abahluthiyo baziqeshisela isonka; Bayeka ke abalambayo, kangangokuba nongazaliyo wazala isixhenxe; Nonabantwana abaninzi woba buthathaka. 6 UYehova uyabulala, adlise ubomi; Uhlisela kwelabafileyo, abuye anyuse. 7 UYehova uyahlwempuza, atyebise; 8 Uphakamisa eluthulini ihlwempu, aphakamise amahlwempu ezaleni, ukuba awamise phakathi kwabathetheli, awadlise ilifa itrone yozuko; 9 Iinyawo zabakhe benceba uya kuzigcina, Abangendawo badake ebumnyameni; kuba akukho mntu uya koyisa ngamandla. 10 Baya kuqhiphuka umbilini ababandezeli bakaYehova; ududuma phezu kwabo esemazulwini; uYehova uya kuzigweba iziphelo zehlabathi; uya kumnika amandla