Eyoku-1 yooKumkani ISAHLUKO 1 1 Ke kaloku ukumkani uDavide ubeseleyindoda enkulu, ehambisekile ebudaleni; bamgubungela ngeengubo, akaba shushu. 2 Bathi abakhonzi bakhe kuye, Inkosi yam ukumkani mayifunelwe intombi eyintombi, ime phambi kokumkani, imonge, ilale esifubeni sakho, ukuze inkosi yam ukumkani ifudumale. 3 Bafuna ke intombi eyinzwakazi emideni yonke yakwaSirayeli, bafumana uAbhishagi waseShunem, bamzisa kukumkani. 4 Inkakazana leyo yayiyinzwakazi encamisileyo, yamonga ukumkani, yamlungiselela; ukumkani akayazi. 5 Waza uAdoniya unyana kaHagiti waziphakamisa, wathi, Ndiya kuba ngukumkani. Wazilungisela iinqwelo zokulwa, nabamahashe, namadoda angamashumi amahlanu ukuba abe zizigidimi phambi kwakhe. 6 Uyise ebengamenzanga buhlungu nanini na ngokuthi, Yini na ukuba wenjenje? waye eyindoda entle kunene; unina wamzala emva koAbhisalom. 7 Wacebisana noYowabhi, unyana kaTseruya, noAbhiyatare umbingeleli; bancedisa, balandela uAdoniya. 8 Ke yena uTsadoki umbingeleli, noBhenaya unyana kaYehoyada, noNatan umprofeti, noShimehi, noRehi, namagorha kaDavide, ababanga ngakuAdoniya. 9 UAdoniya wabingelela impahla emfutshane neenkomo ezityetyisiweyo ngasetyeni laseZohelete, elisecaleni leEnrogele, wamema bonke abazalwana bakhe, oonyana bokumkani, namadoda onke akwaYuda abakhonzi bokumkani. 10 Ke yena uNatan umprofeti, noBhenaya, namagorha, noSolomon umkhuluwa wakhe, akabamema. 11 Wathetha uNatan kuBhatshebha, unina kaSolomon, wathi, Akuvanga na ukuba uAdoniya, unyana kaHagiti, ungukumkani; ukanti inkosi yethu uDavide ayiyazi loo nto? 12 Yiza ke ngoko, ndikuphe iqhinga, usize umphefumlo wakho, nomphefumlo wonyana wakho uSolomon. 13 Hamba uye kukumkani uDavide, uthi kuye, Wawungamfungelanga na umkhonzazana wakho, wena nkosi yam, kumkani, wathi, USolomon unyana wakho uya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale yena etroneni yam? Yini na ukuba abe ngukumkani uAdoniya? 14 Uyabona, ndothi, usathetha apho nokumkani, ndingene nam emva kwakho, ndiwazalise amazwi akho. 15 Waya ke uBhatshebha kukumkani egumbini; UAbhishagi waseShunem ubelungiselela ukumkani. 16 Wathoba uBhatshebha, waqubuda kukumkani. Wathi ukumkani, Ùfuna ntoni na? 17 Wathi yena kuye, Nkosi yam, wena wamfungela uYehova uThixo wakho umkhonzazana wakho, wathi, USolomon unyana wakho uya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale yena etroneni yam. 18 Kaloku nanku engukumkani uAdoniya; Kaloku wena nkosi yam kumkani, akukwazi oko.
19 Wenze idini ngeenkomo, nezinto ezityetyisiweyo, nempahla emfutshane yaninzi, wamema bonke oonyana bokumkani, noAbhiyatare umbingeleli, noYowabhi umthetheli-mkhosi; ke akammemanga uSolomon umkhonzi wakho. 20 Wena, nkosi yam kumkani, amehlo amaSirayeli onke akuwe, ukuba uwaxelele, ukuba kuhlale bani na etroneni yenkosi yam ukumkani emveni kwayo. 21 Kothi, xa ithe yalala kooyise inkosi yam ukumkani, sibe ngaboni, thina noSolomon unyana wam. 22 Kwathi esathetha nokumkani, nanko kufika uNatan umprofeti. 23 Waxelelwa ukumkani, kwathiwa, Nanku uNatan umprofeti. Weza phambi kokumkani, waqubuda kukumkani ngobuso emhlabeni. 24 Wathi uNatan, Nkosi yam kumkani, utshilo na wena ukuthi, UAdoniya uya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale yena etroneni yam? 25 Ngokuba uhlile namhlanje, wabingelela iinkomo, nezinto ezityetyisiweyo, nempahla emfutshane yaninzi, wamema bonke oonyana bokumkani, nabathetheli-mkhosi, noAbhiyatare umbingeleli; nanko besidla, besela phambi kwakhe, besithi, Makadle ubomi ukumkani uAdoniya! 26 Ke akammemanga, mna mkhonzi wakho, noTsadoki umbingeleli, noBhenaya unyana kaYehoyada, noSolomon umkhonzi wakho. 27 Ingaba ivela kwinkosi yam ukumkani na le nto, waza akwabazisa umkhonzi wakho oya kuhlala etroneni yenkosi yam ukumkani emveni kwayo? 28 Waphendula ukumkani uDavide, wathi, Ndibizeleni uBhatshebha. Weza ke phambi kokumkani, wema phambi kokumkani. 29 Wafunga ukumkani, wathi, Ehleli nje uYehova, owukhululeyo umphefumlo wam ekubandezelekeni konke; 30 njengoko ndakufungelayo uYehova uThixo kaSirayeli, ndisithi, USolomon unyana wakho uya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale yena etroneni yam esikhundleni sam; inene, ndiya kwenjenjalo namhla. 31 Wathoba uBhatshebha ngobuso emhlabeni, waqubuda kukumkani, wathi, Mayidle ubomi inkosi yam ukumkani uDavide ngonaphakade. 32 Wathi ukumkani uDavide, Babizeleni kum uTsadoki umbingeleli, noNatan umprofeti, noBhenaya unyana kaYehoyada. Beza ke phambi kokumkani. 33 Wathi ukumkani kubo, Thabathani abakhonzi benkosi yenu, bahambe nani, nimkhwelise uSolomon unyana wam kowam undlebende, nihle naye niye eGihon; 34 bamthambisele khona ooTsadoki umbingeleli noNatan umprofeti, abe ngukumkani kumaSirayeli, nivuthele izigodlo, nithi, Makadle ubomi ukumkani uSolomon. 35 Nize ninyuke nimlandele, eze kuhlala etroneni yam; ngokuba uya kuba ngukumkani esikhundleni sam; mna ke ndimmisile ukuba abe yinganga yamaSirayeli nakwaYuda. 36 Waphendula uBhenaya unyana kaYehoyada, wathi, Amen; makatsho uYehova uThixo wenkosi yam ukumkani. 37 Njengoko uYehova wayenenkosi yam ukumkani, ngokunjalo uya kuba noSolomon, ayikhulise itrone yakhe ngaphezu kwetrone yenkosi yam ukumkani uDavide. 38 Wehla ke uTsadoki umbingeleli, noNatan umprofeti, noBhenaya unyana kaYehoyada, nabancinithi, nezigidimi; bamkhwelisa uSolomon kundlebende wokumkani uDavide, baya naye eGihon.