Iinkwenkwezi kwiZibhalo Ezingcwele Xa ndicinga ngezulu lakho, umsebenzi weminwe yakho, inyanga neenkwenkwezi, ozimisileyo; Uyintoni na umntu, le nto umkhumbulayo, nonyana womntu, le nto umnyamekelayo? INdumiso 8:3-4
IiPentateuch UThixo wenza izikhanyiso ezibini ezikhulu: isikhanyiso esikhulu sokulawula imini, nesikhanyiso esincinci sokulawula ubusuku; wenza neenkwenkwezi. IGenesis 1:16 Wamsa phandle, wathi, Khawujonge ezulwini, ubale iinkwenkwezi, ukuba unako ukuzibala. Wathi kuye, Iya kuba njalo ke imbewu yakho. IGenesis 15:5 Ukuba ndiya kukusikelela, ndiya kuyandisa imbewu yakho njengeenkwenkwezi zezulu, nanjengentlabathi eselunxwemeni lolwandle, imbewu yakho ilidle ilifa isango leentshaba zayo; IGenesis 22:17 Ndiya kuyandisa imbewu yakho njengeenkwenkwezi zezulu, ndiyinike imbewu yakho onke la mazwe, kwaye ngembewu yakho zonke iintlanga zehlabathi ziya kusikelelwa; IGenesis 26:4 Waphinda waphupha elinye iphupha, walixelela abantakwabo, wathi, Yabonani, ndiphuphe elinye iphupha; kwaye ilanga nenyanga neenkwenkwezi ezilishumi elinanye zaqubuda kum. IGenesis 37:9 Khumbula uAbraham, uIsake, noSirayeli, abakhonzi bakho, owazifunga ngabo, wathi kubo, Ndiya kuyandisa imbewu yenu ibe njengeenkwenkwezi zezulu, nalo lonke eli lizwe ndithethileyo ngalo ndiya kulinika imbewu yenu, balidle ilifa ngonaphakade. IEksodus 32:13 Ndiya kumbona, kodwa kungekhona ngoku; ndiya kumjonga, kodwa kungekhona kufutshane: kuya kuphuma inkwenkwezi kuYakobi, nentonga yobukhosi iya kuvela kwaSirayeli, iwabethe amaMowabhi, iwatshabalalise onke amaSheti. INUMERI 24:17 UYehova uThixo wenu unandisile, nanku namhla ningangeenkwenkwezi zezulu ukuba baninzi kwenu. IDuteronomi 1:10 hleze uphakamisele amehlo akho ezulwini, uze xa ubona ilanga, nenyanga, neenkwenkwezi, wonke umkhosi wezulu, uqhutywe ukuba uzinqule, uzikhonze, ezo uYehova uThixo wakho azabele zonke iintlanga phantsi kwezulu lonke. IDuteronomi 4:19