Imvu Elahlekileyo, Ingqekembe Elahlekileyo, kunye noNyana Wolahleko ULuka 15:1-32 1 Beza kuye bonke ababuthi berhafu naboni, ukuba bamve. 2 Bakrokra abaFarisi nababhali, besithi, Lo wamkela aboni, adle nabo. 3 Wathetha lo mzekeliso kubo, esithi, 4 Nguwuphi na umntu kuni othi enekhulu lezimvu, aze alahlekelwe yenye kuzo, angazishiyi ezingamashumi asithoba anesithoba entlango, aye kufuna leyo ilahlekileyo, ade ayifumane? 5 Akuba eyifumene, uyibeka emagxeni akhe, evuya. 6 Akufika ekhaya, abizele ndawonye abahlobo bakhe nabamelwane, esithi kubo, Vuyisanani nam, ngokuba ndiyifumene imvu yam ebilahlekile. 7 Ndithi kuni, ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo emazulwini ngomoni omnye oguqukayo, kunabangamashumi asithoba anesithoba abangamalungisa, abangaswele nguquko. 8 Okanye nguwuphi na umfazi oneengqekembe ezilishumi zesilivere, ukuba ulahlekelwe yingqekembe enye, ongathi alumeke isibane, atshayele indlu, ayifune ngenyameko ade ayifumane? 9 Akuba eyifumene, ubabizela ndawonye abahlobo bakhe nabamelwane bakhe, esithi, Vuyisanani nam, ngokuba ndiyifumene ishekele yam ebilahlekile. 10 Ngokunjalo, ndithi kuni, kukho uvuyo phambi kwezithunywa zikaThixo ngomoni omnye oguqukayo. 11 Wathi ke yena, Umntu othile wayenoonyana ababini. 12 Omncinane kubo wathi kuyise: “Bawo, ndinike isabelo sempahla esisesam.” Waza wababela impahla yakhe. 13 Kwathi kungekabi ntsuku zininzi emva koko, unyana omncinci wahlanganisa yonke into, wemka waya ezweni elikude; wafika apho wachitha impahla yakhe ngentlalo yokuzibhubhisa. 14 Akuba echithe konke, kwabakho indlala enkulu kwelo lizwe, waza waqala ukuswela. 15 Waya wajoyina ummi welo lizwe, waza yena wamthumela emasimini akhe ukuya kwalusa iihagu. 16 Wayenqwenela ukuzalisa isisu sakhe ngeengxam ezatyiwa ziihagu; 17 Ke kaloku, akuziqonda, wathi, Bangaphi na abaqeshwa bakabawo abahluthayo, abaswele isonka, ndize mna ndife yindlala?
1
18 Ndiya kusuka ndiye kubawo, ndithi kuye, Bawo, ndonile kulo izulu, naphambi kwakho; 19 Andisafanele kubizwa ngokuba ndingunyana wakho; ndenze ndibe njengomnye wabaqeshwa bakho. 20 Wesuka waya kuyise. Uthe ke akubon’ ukuba usekude, uyise wambona, wasikwa yimfesane, wabaleka, wawa entanyeni yakhe, wamanga. 21 Wathi ke unyana kuye, Bawo, ndonile kulo izulu, nasemehlweni akho; andisafanele kubizwa ngokuba ndingunyana wakho. 22 Kodwa uyise wathi kubakhonzi bakhe, Zisani ingubo ende, nimambathise; nimfake umsesane esandleni sakhe, neembadada ezinyaweni zakhe; 23 Nize nethole elityetyisiweyo, nilixhele, sidle, sonwabe. 24 Kuba lo nyana wam ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa; baza baqala ukuvuya. 25 Ke kaloku unyana wakhe omkhulu wayesentsimini; wathi xa wayesiza, esondela endlwini, weva umculo nomdaniso. 26 Wabiza omnye wabakhonzi, wambuza ukuba zithetha ukuthini na ezi zinto. 27 Wathi kuye, Umninawa wakho ufikile; uyihlo uxhele ithole elityetyisiweyo, ngokuba emfumene ephilile. 28 Wacaphuka, akavuma ukungena; waphuma uyise, wambongoza. 29 Waphendula ke yena wathi kuyise, Uyabona, ndikukhonze iminyaka emininzi, andizange ndigqithe mthetho wakho; ukanti akundinikanga netakane, ukuze ndonwabe nabahlobo bam; 30 Kodwa xenikweni efikileyo lo nyana wakho, owayidlayo impahla yakho namahenyukazi, umxhelele ithole elityetyisiweyo. 31 Uthe ke yena kuye, Mntwana wam, uhlala unam, nazo zonke izinto zam zezakho. 32 Bekufanele ukuba sonwabe size sivuye, kuba umntakwenu lo ebefile, wabuya waphila; ebelahlekile, wafunyanwa.
2