Ukondla abantu abangama-5000 UMateyu 14:13-21 13 UYesu, evile, wemka apho ngomkhombe, waya endaweni eyintlango eyedwa; bathi abantu bakukuva oko, bamlandela ngeenyawo, bephuma emizini. 14 UYesu waphuma, wabona isihlwele esikhulu, wasikwa yimfesane ngaso, wabaphilisa abagulayo babo. 15 Kwathi ke kwakuhlwa, abafundi bakhe beza kuye, besithi, Le ndawo iyintlango, nexesha lidlulile; ndulula izihlwele, ziye emizaneni, zizithengele ukudla. 16 Kodwa uYesu wathi kubo, Akufuneki ukuba bahambe; bapheni nina badle. 17 Bathi ke bona kuye, Asinazo apha, ziintsuku ezihlanu kuphela, neentlanzi ezimbini. 18 Wathi, Ziziseni apha kum. 19 Waza wayalela isihlwele ukuba sihlale phantsi engceni, wazithabatha izonka ezihlanu, neentlanzi ezimbini, wakhangela ezulwini, wasikelela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe izonka, abafundi bona banika isihlwele. 20 Badla bonke, bahlutha; bathabatha amaqhekeza aseleyo, iingobozi ezilishumi elinambini zazaliswa. 21 Ke kaloku abo babesidla babengamadoda amalunga namawaka amahlanu, ngaphandle kwabafazi nabantwana.
UMarko 6:30-44 30 Bahlanganisana abapostile kuYesu, bamxelela zonke izinto ababezenzile, kwanezo babezifundisile. 31 Wathi kubo, Yizani nina ngasese kwindawo eyintlango, niphumle kancinane; kuba bebaninzi abezayo nabahambayo; babengenalo nethutyana lokuba badle. 32 Bemka ngesikhephe baya kwindawo eyintlango ngasese. 33 Isihlwele sababona bemka, baza abaninzi bamazi, babaleka besiya apho ngeenyawo bevela kuzo zonke izixeko, babagqitha, bahlanganisana kuye.
1
34 UYesu, ephuma, wabona isihlwele esikhulu, wasikwa yimfesane ngabo, ngokuba babenjengezimvu ezingenamalusi; waqala ukubafundisa izinto ezininzi. 35 Kwathi ukuba imini ihambile kakhulu, abafundi bakhe beza kuye, bathi, Le ndawo iyintlango, kwaye ngoku ixesha lihambile kakhulu; 36 Bandulule, baye emaphandleni ajikelezileyo, nasezilalini, bazithengele isonka; kuba abananto bangayidlayo. 37 Waphendula wathi kubo: “ Bapheni nina ukutya.” Bathi kuye: “Singaya kuthenga izonka ezixabisa amakhulu amabini eedenariyo, sibaphe ukutya?” 38 Wathi kubo: “ Zingaphi izonka eninazo? Hambani niye kubona.” Bakuba besazi, bathi: “Zihlanu, neentlanzi ezimbini.” 39 Wabayalela ukuba bonke bahlale phantsi, babe ziingqela ngezigaba engceni eluhlaza. 40 Bahlala phantsi ke, beliqela, bengamakhulu, nangamashumi amahlanu. 41 Waza wathabatha izonka ezihlanu neentlanzi ezimbini, wakhangela ezulwini, wasikelela, waziqhekeza izonka, wazinika abafundi bakhe, ukuze bazibeke phambi kwabo; neentlanzi ezimbini wazabela bonke. 42 Badla bonke, bahlutha. 43 Bathabatha iingobozi ezilishumi elinambini ezizele ngamaqhekeza, neentlanzi. 44 Bathi abo badlayo izonka babengamadoda amalunga namawaka amahlanu.
ULuka 9:10-17 10 Bakubuya abapostile, bamxelela konke abakwenzileyo; wabathabatha, wemka nabo bodwa, waya kwisixeko esibizwa ngokuba yiBhetesayida. 11 Bathi ke abantu, bekwazi oko, bamlandela; waza wabamkela, wathetha nabo ngobukumkani bukaThixo, wabaphilisa ababeswele unyango. 12 Ke kaloku, yakuqala ukutshona imini, beza abalishumi elinababini, bathi kuye, Zindulule izihlwele, ukuze ziye emizini nasemaphandleni ajikelezileyo, zilale, zifumane ukudla; ngokuba apha sikwindawo eyintlango. 13 Kodwa wathi kubo: “ Bapheni nina ukutya.” Bathi ke bona: “Asinazo ngaphandle kwezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini, ngaphandle kokuba siye kuthengela bonke aba bantu ukutya.” 14 Kuba babemalunga namawaka amahlanu amadoda. Wathi kubafundi bakhe: “ Bahlaliseni phantsi, babe ngamaqela ngamaqela angamashumi amahlanu.” 15 Benjenjalo ke, babahlalisa phantsi bonke. 16 Waza wazithabatha izonka ezihlanu neentlanzi ezimbini, wakhangela ezulwini, wazisikelela, waziqhekeza, wanika abafundi ukuba babeke phambi kwezihlwele. 17 Badla, bahlutha bonke; kwaqokelelwa amaqhekeza aseleyo kubo iingobozi ezilishumi elinambini.
UYohane 6:1-14 1 Emveni kwezi zinto, wemka uYesu, waya phesheya kolwandle lwaseGalili, olukwaseTibheriya. 2 Isihlwele esikhulu samlandela, ngokuba babebona imiqondiso yakhe ayenzayo kwababesifa. 3 UYesu wenyuka waya entabeni, wahlala phantsi apho nabafundi bakhe. 4 Yayisondele ke ipasika, umthendeleko wamaYuda. 5 UYesu ewaphakamisile amehlo akhe, ebona isihlwele esikhulu sisiza kuye, wathi kuFilipu, Sozithenga phi na izonka, ukuze aba badle? 6 Oku wakutsho ukuze amvavanye; kuba yena wayesazi into aza kuyenza. 7 UFilipu wamphendula wathi, Izonka zeedenariyo ezimakhulu mabini azibanelanga, ukuze elowo athabathe intwana. 8 Omnye wabafundi bakhe, uAndreya, umzalwana kaSimon Petros, wathi kuye,
2
9 Kukho umfana apha, onezonka zerhasi ezihlanu, neentlanzi ezimbini ezincinci; kodwa ziyintoni na ezo kwabaninzi kangaka? 10 UYesu wathi, “Bahlaliseni phantsi abantu.” Kwakukho utyani obuninzi kuloo ndawo. Ngoko ke abantu bahlala phantsi, bemalunga namawaka amahlanu enani. 11 UYesu wazithabatha izonka, waza wabulela, wazabela abafundi, nabafundi kwabo babehleli phantsi; kwanjalo nakwiintlanzi, kangangoko babefuna. 12 Bakuhlutha, wathi kubafundi bakhe, Buthani amaqhekeza aseleyo, ukuze kungalahleki nto. 13 Bazibutha ke, bazalisa iingobozi ezilishumi elinambini ngamaqhekeza ezonka ezihlanu zerhasi, awayesele kubo ababedlile. 14 Ngoko abo bantu, bakuwubona umqondiso awawenzayo uYesu, bathi, Inene, lo ngumprofeti lowo uzayo ehlabathini.
3